Insert 23 Yho! Andiyazi ke le ezokwenzeka, sajongana no - TopicsExpress



          

Insert 23 Yho! Andiyazi ke le ezokwenzeka, sajongana no Andile Andile: “yiba uyo hlamba ndizophendula emnyango” Me: “okay” ixhala belindenzani, hayi nam andi mameli man funeka ndibuyise inyawo angeke, ndizode ndibotshelelwe ngoku ndaphakama ndayo ngena e bathroom ndangena kwi shower ndahlamba, bendingabava o Andile ngoba amanzi ebengxola, few minutes later Andile joined me sahlambana Andile: “ibingu tata lowa, ebezokundi xelela ukuba uya hamba” Me: “oh kungcono bendizokumjonga njani ndiselwe nditakile” he laughed Him: “hahaha wena, yho wakubetha mos umalume wakho” ebendi hlamba umqolo Me: “yeah kodwa yadlula ngoku” sagqiba uhlamba sosula, wandinika into yothambisa ndathambisa ndanxiba iimpahla zam, wandi nika ne kama encinci ndakama intloko, ndajonga I phone yam ibingu 09:00 ixesha bendine missed calls eziyi 2 zika mama, ne message ndayivula ibisithi “off to town..i’ll be back soon. Love u “ mhmm ndancuma, lahla I xhala, u mama akekho, no tata ebethe uyaphangela namhlanje…huuuuuu Andile: ‘and now?” Me: ‘hey khawulezisa undigoduse umama akekho no tata uphangele” Him: “mhm, uzoqala utye kuqala” Me: “akho xesha mtshana ndizotya endlini” Him: “okay ke” wathatha izitshixo zemoto saphuma sayo qabela emotweni say qhitha e ya ekhaya, safika e gatini sancamisana ndabaleka ndayo ngena ekhaya ndavula ndangena ndaya e roomini yam ndavula ndangena ndatshintsha ndanxiba I pyjamas ndadlakaza iinwele, ndanxiba I slippers ndaya e kitchen ndazenzela I cereal ndayohlala e sofeni nda layita I tv ibikwi Av2 caba beku fakwe I dvd ndalayita I dvd player bekukho Umlazi gangster 3 bendiqala nokuyi bona nda cofa u play, ndabukela, bekukhulunywa isi Zulu phaqa ngoo Spha ndatsho ndakhumbula u gogo wam ndaqonda mandimfowune, yakhala kayi 1 wayiphendula Gogo: “hello” Me: “gogo, kunjani?’ Her: “ndiyaphila ngane kunjani kuwe” Me: “ngikhona, khuluma isiZulu phela ngiku khumbule” wahleka Her: “uphambene ndiqheliswe nguwe uthetha isiXhosa” Me: “haa mara gogo khuluma kubekayi 1 ke” Her: “ususangene yhini?’ Me: “ncooo ngiku khumbulile” Her: “awwww ngane yami, nami ngiyaku khumbula” Me: “byebye ke gogo” Her: “bye” I hung up ndaqhubeka ndabukela. Nda whatsapp(ela) u Yo ndamxelela ukuba ndikhona kodwa wathi use Germiston, sobonana nge weekend elandelayo. Yaphela I hour umama engafiki, yade yaphela lanto bendiyi bukele ndayo beka isitya e kitchen ndasihlamba beku clean endlini, ndabuyela e sittingroom ndabukela I music videos ke ngoku. I phone yam yakhala ibingu Lebo, ndayiphendula Me: “Lebza” Her: “hey cuz, u right?” Me: “ndi right wena?” Her: “ndi right, andi dinwe sani kukhona ndiya endlini” Me: “yhoo wena, bekunjani kwi street bash?” Her: Bezi buya sbari, ndisayo jamelana no Percy ngoku” Me: “hahaha uyamqhela kodwa utatakho wena” Her: “hayi wethu uzoqina” Me: “uthini ngam lo utake nesi tshixo sendlu ndagqiba ndaselwa emtakweni ndavuka seku phume ilanga” Her: “hahahaha yi last number ke le uyenzileyo, ibiphi I festile?” Me: “ine burglar love” Her: “utheni u Nokuthula?” Me: “ndifike engekho, khange bandi qaphele noba andikho undi sendele I sms wathi use town” Her: “yho sana lo Thixo simkhonza ngee qhiya zakulo Dintle uyakusebenzela” Me: “hahahaha usisi bhanxa kanene wena” Her: “sophinda sithethe ndiya ngena ngoku” Me: :okay cuz” Her: “sharp” she hung up Esidaleni wangena umama ehamba no Andile babulisa umama wazondi ncamisa wahlala ecaleni kwam u Andile wahlala kwenye isofa ndahlisa I volume ye tv…mhm andibhaqwanga ukuba bendingekho Ma: “kukhona uvukayo?” Me: “ewe, bendisa zimasa I bhedi yam ndayi gqibela kuqala” bendimbona u Andile umince intsini, ndabe ndi serious apha ebusweni kemna Ma: “yhu uyalala tshini, isitshixo somnyango besiphi na?” Me: “ndisifumene apha esofeni” Ma: ‘andikhumbuli tu ndisi khupha emnyango, hayi sana sisi bhuqile” Me: “nivule ngantoni ke ngoku?’ Ma: “ngesinye” Me: “uyaguga ne, unjani Ace?” Andile: “ndi right wena?” Me: “ndi right nam, ayisazani” Him: “yeah ne, ingca inde mtshana” my mom cleared her throat Me: “uhm…yithi ndiyo tshintsha” Ma: “okay sisi” ndaphakama ndathatha I phone yam ndaya e roomini yam ndakhulula I pyjamas ndakama intloko, kwangena I whatsapp message ibisuka ku Andile, Andile: ‘yho uyakwazi u act(a)” Me: “xa kunyanzelekile love” Him: “lol ndi gqitywa kuku nxiba I pjz ne ntloko edlakadlaka” Me: “lol uyandi yeka, ndiyeza” Him: “sharp” ndabeka I phone phezu kwe bhedi ndakhupha iincwadi ze maths ne calculator ne pencil case ndaya nazo e sittingroom wathi umama sihlale e dinningroom sayo chopha khona nathi saqalisa ngomsebenzi wesikolo. Xa sesi serious nge maths ibingathi asijoli umama wabe esibekele I snacks, after 2 hours of practising sathatha I break sancokola njee, umama wazo hlala esitulweni esijonge kuthi sathula samjonga, Ma: “Andile no Amahle” Us: “Ma?” Her: “Thursday bendi thetha no tata benu, besithetha ngani…siyanibona ukuba niyathandana, so sigqibe kweloba siniyeke nidibane, ningasi phoxi ke niphinde nimithisane siyevana?” mhmmmmm ndancuma Us: ‘ewe mama” Her: “enye into Samkelisiwe u mamncane wakho wandi xelela ukuba uya hlaba kodwa lonto ayitsho ukuba sanuku sebenzisa I condom, and kuzo mela niyo test(a) nobabini nextweek Friday xa ebuyile u Samke siyevana?” Us: “ewe mama” Her: “oh okoku gqibela, nidibana emini qha Samke uzolala endlini oko” haaaa, I wonder ndizoyimela na Me: “ewe mama” Her: “okay, uphelile owam umsebenzi apha ninga thatha I walk ni phumze I ngqondo” waphakama wahamba sasheka sincumele no Ace Me: “wow, masi phume” Him: “yeah, imoto iya sheka ne” Me: “yep” saphakama ndaqoqa iincwadi, saya kumama samxelela ukuba siyaphuma, sisa phuma wandikhwaza ndajika ndaya kuye ebese kitchen, Me; “Ma?” Her: “kolo hambo lwenu ze nindi phathele I dry yeast wethu” Me: “kodwa mama asikazu buya” Her: “ewe kaloku, nam ndizoyi sebenzisa ekuseni” Me: “okay, I mali ke” Her: ‘hamboyi jonga esipajini” Me: “ndithathe malini?” Her: “R20 I change niyi sebenzise” ndavuma ndayo thatha I mali sahamba no njunju wam, xa sifika e stratweni sabambana ngezandla sithe chuu, Andile: “yazi bendisithi utata uyadlala xa esithi uzothetha nabazali bakho” Me: “uncedile yhu…awurhaleli sitshintshiselane ngoo tata?” Him: “no thank you, usuke athinze gqithi u Luzuko” Me: “inoba ucinga wonke umntu ngalama banjwa awa gadayo” Him: “oh kanene yi prison warder, inoba uyoyikwa lowa” sahamba sade sayo fika e Khumalo shop wathenga I chocolate-top deck, mna ndathenga I dry yeast ka mama ne mixangxatho (Wilson champion toffees) ye R5 bendiyi rhalele sahamba, ndafaka I yeast e tasini ka Andile, ndavula umxangxatho oyi 1 ndawumunca Me: “uyafuna?” Him: “yho hayi ndi grand, uzozitya zonke ezi way” Me: “ewe tshin” Him: “uzothi uzigqiba ube sowunezi sini” ndabeka isandla emlonyeni ndahleka Me: “angeke ndiyayi munca kuqala ithambe njenga ngoku then ndiyi hlafune” Him: “yho ngumsebenzi” Me: “awufuni ndiku qhekezele” Him: “ndiya funa kule uyi tyayo” ndayi qhekeza ngoku isemlonyeni, ndama ndamnika ngomlomo wasondela wayithatha ngomlomo naye, sagqibela sesincamisana besingasa boni nabantu aba bahamba estratweni, Voice: “mhm kumnandi sana, ku sweet ne khala” bendiyazi la voice ibisitsho mva kwam sayeka, ndabheka ndama phambi ko Andile, wandibamba esinqeni ngengalo zombini, ibingu Asanda lo ebe thetha,I rolled my eyes bendi dikwa kubona ubuso bakhe ebe bambelele esinqeni, ehamba nomntana oyi ntombazana onoba una 8 years, Me: “oh hi” I faked a smile” Asanda: “mxm, Andile ndicela uthetha nawe…ecaleni” watsho nge shori Andile: “lento ufuna ukuyi thetha ungayi thetha phambi ko Siwe” ebehleli engazuya apho, Asa: “ndifuna uthetha nawe wedwa nje” Andile: “libala ke sisi, masambe baby” wandi ncamisa entanyeni, sajika sahamba esandibambe esi nqeni ehamba emva kwam.
Posted on: Mon, 17 Nov 2014 23:05:30 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015