#SEVENTY_FIVE Mr Paul: silinde uNomahlubi - TopicsExpress



          

#SEVENTY_FIVE Mr Paul: silinde uNomahlubi nkosikazi Nomawethu: bekutheni ungatsho kwakuqala? Mr Paul: uxolo nkosikazi cela umamele lento izothethwa nguNomahlubi Wafika unomahlubi izithathile ke intle intombi yasemahlubini, itsho ngelika blanket uncumo Nomahlubi: molweni Nomawethu: eweke (enjani yona i attitude) Mr Paul: khawuphile hlubikazi? Nomahlubi: ndiyaphila torhwana inkosi isengecala, ninjani nina? Mr Paul: siyaphila nathi wethu, ehhh nkosikazi ndithe mandikubize ke ubekhona apha nawe, uNomahlubi ke ufikile pha emsebenzini ekuseni ehamba nentombi yakhe ke Nomawethu: eyiphi intombi? Mr Paul: le kudala uthetha ngayo Nomahlubi: kudala ethetha ngayo eyazelaphi nha? Nomawethu: ndathi ndiqala umbona lamntwana maan kwasuka kwakho into ngaye Nomahlubi: into enjani lholho? Umbona phi khona? Nomawethu: andiyazi maan some kind of a connection, and indlela le wayemjonge ngayo uMzimasi amahlo akhe ayethetha kucaca ikhona into ayaziyo Mr Paul: nkosikazi u Nomahlubi ufike endixela ukuba intombi leya yeyam ke to cut the story short Nomawethu: kudala ndisithi kuwe mbuze lamntwana unina nguban walibala zinkani, lamntwana no Andisiwe ukuba banokubekwa kunye ungazibonele ngumntu omnye Nomahlubi: kamnandi izinto zatshintsha ngoku ne blood test iyenziwe, uPhamela yintombi yakho ndimile apho andinamva andinamphambili Nomawethu: iminyaka le ingaka ubuthulele ntoni? Nomahlubi: wayephi uMzimasi? ndandingamazi noba uhlalaphi ndingenayo ne number yakhe Nomawethu: ngoku amazi njani ukuba uphangela phi? Nomahlubi: ndeva ngayo intombi le yam, umnyeni wakho besendimxele uzokucacisela yonke into, noko undoqo ebendizise apha ndimchazile, andifuni sibe sixoxa sizode siyongena kwezinye izinto ndicela ukukhululeka ngoku, ndicinga umntwana wam ngoku ebengasiphethanga istixo what if ugodukile wafika ndingekho Nomawethu: akana phone? Nomahlubi: unayo Nomawethu: ungamfouneli nje umbuze, awusathule Nozulu yintoni kanga myeni wam? Mr Paul: hayi nkosikazi ndiyacinga khange ndiyilindele yonke lento Nomahlubi: unyanisile mandimfounele ngoku ....... Phamela: hello mama Nomahlubi: uphi sana lwam? Phamela: ndingena emall mama why? Nomahlubi: nam ndilapha emall istixo sikum, uzokwenzani emall? Phamela: ndizothenga into zothambisa Nomahlubi: nabani? Phamela: noAsanda nomntwana ka Mr Paul Nomahlubi: Undifounele ke xa nigqibile sizogoduka vha nono Phamela: ohk mamam She hang up Nomawethu: uthi uphi? Nomahlubi: ulapha e mall nentombi yakho Nomawethu: no Andisiwe? Nomahlubi: ewe Nomawethu: sebesazana? Mr Paul: ewe bebekhona nguku uNomahlubi ebeythetha lento yilonto ndikhawuleze ndamqhawula ndathi ke masidibane apha bendingafuni ukuvalela ngaphandle nangona ndiyicaphukela into yokuba uzothi ubutshilo, singababizi nje abantwana sibazise kakuhle, qala mandibuze kuwe nkosikazi sizothini after this? Nomawethu: andiyazi andithi. abam ababtwana ndiyabaz ukuba mandibathini Mr Paul: kanti asitshatanga nah? Kutheni ngoku ndizozimela ndedwa kulento kodwa nguwe ekudala eyigrumba Nomawethu: mna qha ndandikuxelela ngomoya wam naphupha am wayenza into yohlekisa wena Nomahlubi: Mzimasi akandixakanga lamntwana ukuba akamkelekanga kwakho ungazidubi bhuti kamnandi uyambona mdala akadlakazeli so akandixakanga, at least uyamazi uyise noba akamenzelanga nto, andikusoli wethu ngoku ngamazi umntwana wakho, Nomawethu sisi phola andiyifuni indoda yakho ndiyayazi yindoda ehloniphekileyo so le yomntwana osecaleni omdala ningayilibala, noko ndingade ndilingcolise igama lenu enkonzeni ndizomxelela umntwana ukuba adlalele kude kuwe, Mr Paul: haybo Nomahlubi: ewe bhuti ndibone ndifika apha isimo kwinkosikazi wakho khange sibesihle so this meeting is over, atleast ndizolala ndixolile ndiwothule umthwalo kum emagxeni.. Ndicela niyilibale yonke lento ibisenzeka apha ndizothetha naye noko mdala ngoku uzo understand Waphakama wabashiya bekhamisile ...... Mr Paul: kanti nkosikazi yintoni ingxaki yakho kanti? Oko wawundijikeleza ngalomntwana ngoku ufumene lento ubuyifuna uyatshintsha Nomawethu: hee wethu bhuti undehle mna if ufuna udibana nomntwana wakho nenkazana yakho nidibane phaass esgangeni ude uthi sizothini after this ndingenaphi mna, uyayazi zange ndamthanda lonomahlubi mhlambi if ibingumntwana wenye ke yalantombazana akho wawunawo, hayi lo uzenza ungcwelengcwele, ewe umntwana ndiyavuma uyafana nawe kodwa umcondwana wakhe andimfuni pha kwam ade abene shori nje lo and uyayazi andimthandi naye akandithandi kwasemva eskolweni uzo pretend apha Wasuka wanyaba u Mr Paul Mr Paul: so Im on my own? Nomawethu: ewe Mzimasi, wawumenze nam? Mr Paul: number one, ndizoyomchaza enkonzweni, okwesibini ndizomsa pha ekhaya ndiyomazisa Nomawethu: ohh kodwa u... Mr Paul: ssshhh Im on my own remember ndicela siyokhangela umntwana sizogoduka Baphakama bahamba ........ Nomahlubi: senigqibile? molweni Asanda: eweke Ma, ewe sesigqibile, Nomahlubi: ungu Andisiwe? Andisiwe: ewe mama ndinguye Nomahlubi: ngumntwana ka tatakho lona vha qha asivananga nomamakho so bathi u Pam makadlalele kude kuni, so if uyafuna anytime ungaza kuthi wena wamkelekile vha Andisiwe: ohk ma enkosiv(encumile) yhoo Pam umamakho uyandichaza ndiqala nombona nabaya ootata mandiye kubo see you tomorrow byee Phamela: shup Nomahlubi: ungathi ungumntwana o right nhe Phamela: ndiyamthanda maan mama uyancokola bendicinga uthule uqala kwam umbona kanti lelakwabani lona incoko Nomahlubi: masambeni ....... NU8 18:00 ........ Mandla: he mfondini ndiva kuthiwa uSakhi uphoxe esastabane Wara: yhooo andalaaga mfethu wayiphoxa kwaphela ukundweba kwabe kufika noAmanda yhooo kwaxoxwa lonto wandichaza maan uSakhi tshin lakaka yazi ibimqhela amasimba nyani iyamfuna Mandla: esisdenge uLorna kwathini anganqandi itshomi yakhe Im sure uShaka ebeyibawela nangempama Wara: yhooo wathi uzoyiqhwaba incanca iwe phantsi hahahaha Mandla: zange ndiyi believe maan lantwana ukuba yi gay ndandicinga yi cherry nyani bra ndamphikisa nyani mfethu uLoys inoba ingaphinda itshintshe ibe yi outi xa seyifakela nentloko ifaka ne make up? Wara: wakhe wayibona i gay elixhego wena? Possible eyokuba ingatshintsha ifuna ukufunqulwa iyokoluswa qha Mandla: hahaha uthi uyinokhala na mfowethu? Wara: zomelele ukufa ezazinto ntanga awuyazi wena and ungafika imisile, kutheni maan ababantu bamisileyo bethanda ukubhanxeka, ukuba akayo gay utshaya ipilisi akanaxesha la cherry Mandla: andiqondi imisile leya uyayibona yajika ebu cherryini Wara: phofu ke usenonyanisa mhlambi ukukho kwayona hahahahaha Mandla: Khawuyeke maan ndiye pha kum ku late ngoku ...... NU16 18:55 ..... Sakhi: iyakhula maan le boy Amanda: sesizothuma sana MaMqwathi: uwooww unamabhongo ke unina wakhe Sakhi: ikwekwe emnyama maan ndzena MaMqwathi: ingathi nguyise Tshawe: yazi nyana ndandisithi uzobuya umhlotshana noko esuthwini Sakhi: hahaha hayi maan bawo ndidaliwe kaloku anditshiswanga lilanga, MaMqwathi: Kuyafuneka maan sikhe xa siphinde sakhona sasonke saphelela sikhe siphumeni sonke ndinombulelo ongazenzisiyo kuwe Sakhumzi mntana izinto wazenza zalula kakhulu nefamily yakho nje ngokuba intanga zakho zivele zibaleke okanye athi umntu uzobona emntwaneni kodwa ebengatsho ngoku ebedlala qatha, oohhh abantwana balemihla hayo umh umh Tshawe: itshuphinda nkosikazi intle nyana lento wayenzayo awenzalanga thina lula wenzele usana lwakho, likhula kakuhle kwaye liyakhawuleza Sakhi: ndiyabulela nam bazali ngokundamkela kwenu nosapho lwam ne support enandinika yona ngexesha lubunzima, ndikhe ndaphengulula pha ezibhalweni bawo, ndafunda kwibali lo msamariya olungikeyo, ndithanda umbuzo ovelayo pha, Tshawe: aw khawubethe nyana watsho kwavokotheka kwedini kuyacaca usebudodeni nyani, uthini lombuzo? Sakhi: uthi lombuzo ngomphi kanye kanye ongummelwane walamfo wagaxeleka ezihangeni? andiyazi noba ndibambe yona kakuhle kodwa bawo apho ndiza khona, kusekubeni niyokuma ezinkundleni zamatyala ngenxa yam ninganzazi Tshawe: masithi mfowam kwathanda uThixo, andithi xa sithandaza sithi mayenzeke intando yakhe Yathi xa incoko idibana no Amanda esancume kamnandi emamele owakwakhe ezenza umntu, labaleka imehlo lika Sakhi lajonga e xesheni lafika limkile noko Sakhi: bazali limkile torhwana bandibaleke Hayke bamkhulula ngelihle kwakumnandi kakhulu kuTshawe esakuva ukuba i bible zange ayithengele ilize NU10 20:00 UNokwanda uphekile waphaka xabezokutya Zamile: hayi khawume ndiyovusa lantwana kunini ilele Nokwanda: khawuyeke umntwana yazi I still cant believe ukuba uLizzy ubukholelwe obabuxoki ububuthetha ngomntwana wakhe Zamile: khawuthule uzodlala ngomsebenzi wam ongaka Nokwanda: hayi ndithule hayi kodwa naye lomntwana ewe yena ndiyamamkela ukuba unjeya, kodwa ke andiyithandisisi nam uvuma njani maan ukuba baku tjukutje empundu inoba kunjani? Zamile: hahaha uthini ngoku mfazi, khawuyeke ndiyoyivusa ungakulinge uyiphathe le yala call Nokwanda: hayke andiyingeni mntakabawo Waphuma uZamile wayovusa u Sbu Zamile: hey moefie (enqonqoza emnyango) Sbu: yintoni na? yhuuu Zamile: kwedini unendendwe icherry yakho ilapha endlini Sbu: hehake kwedini, khona yi cherry etheni leyo ngo8 ebusuku? Zamile: hayke mfo wam lombuzo wakho uzobamhle kakhulu xa uwubuza ngokwakho Sbu: kutheni ingezi apha ke lo cherry xa kucaca ukuba yeyam ngeyize kum kaloku Zamile: khawuvule lomnyango maan okanye uhamba ze? Sbu: uqalile yhuu uyadika lobhuti, khawuhambe bhuti please uyixelele icherry leyo andizi Zamile: ohk khawuvulele mna ke moefie, ndingene Sbu: ufuna ntoni? Zamile: ndifuna sithethe nje ngamadoda ndikuphathele nokutya Sbu: ukutya ndiyakufuna kona, kodwa ukuthetha hayi enkosi ingakumbi ukuthetha nawe Zamile: vula unxibe kwedini phamb kokuba uvule Waphaka uSbu wayovula Sbu: kuphi kanti ukutya? Zamile: kusendlini masambe Sbu: mxm goodnight andizoya apho Zamile: hahaha woyika le cherry? Bendidlala maan bendizokubizela ukutya qha Sbu: oh bendingazoya apho mna tshinn ndithe nqa yi cherry etheni leyo Zamile: jonga funeka uyizame maan kube kanye if awuchazeki uyiyeke (embethela imehlo) Sbu: mxm hay andizokwenza lonto Zamile: masambe siyokutya Bangena endlini akwabikho mntu uthethayo .... Zamile: kanene baby uthe awuyithandi lento yalentwana nawe? Nokwanda: haybo Zamile Zamile: ndiyaxoka ke? Phika kaloku Wabe uSbu ejonge kuNokwanda emehlweni emjonge ukuba uzophendula athini Nokwanda: hayi, ewe... Sbu: MAKAZI uthini kanye kanye I thought uyandamkela elahlobo ndililo yazi? Nokwanda: hayi maan mntanam ayikho lento ithethwa nguZamile Sbu: besendithe nqa tshinn Zamile: hayke mkamm ndithule mna kodwa uyazazi utheni wena kum Nokwanda: goodnight Zamile uyavuka ekuseni ..... Batya bagqiba bayolala ingamphethanga kakuhle ncam uSbu lento kaZamile....
Posted on: Mon, 18 Aug 2014 18:01:33 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015