Chapter 34 Ndahlaliswa egumbini, ndembathiswa imaxakatho, kule - TopicsExpress



          

Chapter 34 Ndahlaliswa egumbini, ndembathiswa imaxakatho, kule age ndikuyo ngelixesha kufanele ndisemsebenzini mna ndizoyanyiswa ngodonga, ndizilela usanalwam ebeluphilile, ludlamkile ngoku kuthiwa alusekho unobangela kukugula, ebegula yintoni? Ubhubhe xa bekutheni? Uske wathini? Yena ugqirha ebesele edibene naye? Uye wathini kuye? Bekutheni ize ndinganyanzelisi ndihambe? Uzothini yena u Vuyisani xa eva lento? Leyo ibiyimibuzo ebendinayo kodwa ke eminye le ndizoyibuza apha kwababantu bebehambe nosana lwam, ezinye zizozibonakalela as ixesha lihamba... Kuye kwathandazwa ke, mna bendi numb nje ndingazi noba mandithini intliziyo yam ibibanda ingathi I freezile,ingqondo ibixinene... Ndatshata no Vuyisani kuba ndiye ndamitha, ndehlukana no T kuba ndiye ndamitha, ndaphuma kwa teaching kuba ndiye ndamitha ngoku ndihleli edongeni kuba ndexuthwe lomntwana ndandimithe yena... bendingenaxesha lazo kengoku ezo zinto ndaye ndohlukana nazo ngenxe yoba ndiye ndamitha kuba uye wazisa ulonwabo empilweni yam, ebesisizathu soba ndijonge phambili ebomini ndiyazi ukuba kukho umntu ojonge kum... Bendifuna ukumnika olathando ndingazange ndilufumane emzalini wam, bendifuna ukumfundisa ngezinto zobomi, bendifuna abenazo zonke izinto endingazange ndibenazo, kodwa uye wathathwa kum... Bekungona iya indikhathaza lento yoba nyhani uThandokazi wam akasekho, ndatsho isikhalo kakanye kwavele kwamnyama... Ndavuka ndileliswe phantsi komthi phandle... Utata ebekhona ngoku ndivula amehlo... Ebe good ke yena kumayeza esiXhosa bendimbona nakwababantwana balapha, ebethi umntwana xa embona etyhafile akhawileze amgubele into amselise aphinde amcime umntwana avuke athi qwAaa, bekutheni ize angabikho ancede nalowam? Khona umama akayazi lento iye yenziwe lento ebengamenzeli owam? Tata: uziva njani Simanye? Me: ndifuna umntwana wam tata... Ndikwazile ukutsho intliziyo yam inzima injalo, bendivalekile umphefumlo lo kubuhlungu ngendlela endingakwaziyo ukuyichaza... Kubhetele kakhulu ukuthuthunjelwa sisilonda utshile uyazi ukuba nantsi lendawo ithuthumbayo umane uyithambisa iyeza ukwenzele iphole, usele ne pain killer kuzokwehla intlungu, kodwa ukuthuthunjelwa ngumphefulo akunayeza, uyahlala ungayazi noba iyoze idlule nalento... Tata: yamkela makoti, umntwana wakho awuzophinde umbone, neyam intliziyo ibuhlungu ngomzukulwana wam, uba bendikhona ndiqinisekile ngendikwazile ukumnceda ngoba ngendlela endiyiva ngayo yonke lento ngumoya omdaka... Inyembezi bezizehlela ngoku kum... Me: kutheni ungabuyanga tata uzomnceda uThando? Kutheni ungamxelelanga umama uba enze kanjani abantwan xa bengaphilanga? Tata: uyayazi lengcambu ndiye ndiyisebenzise uMangwanya kodwa uthi uye wayilibala... Khange ndikwazi ukuphinde ndithethe kengoku xa izovele ilibaleke xa kugula owam umntwana... Weza umama apha kuthi evela endlini... Mama: makangene endlini uSimanye xa evukile, hayi usoyikisile besizoba yintoni ukuba nezidumbu ezimbini ngemini enye... Yhoo kwathi nyaka kum ngaphakathi... Ngoku uThandokazi wam ubizwa isidumbu... Me: mama niye nafika esibedlele? Mama: ewe siye safika... Wogqiba wathula caba ebefuna ndimbuze uzixelele uba akazondiphendula endingayibuzanga into.. Me: nadibana nogqirha? Mama: ewe... Waphinda walinda uba ndibuze omnye umbuzo and ke nam bendizixelela uba andizothula ndizombuza... Me: wathini ugqirha? Mama: ngantoni? Me: uthe unantoni uThando? Mama: uzoba sayenzani lonto ngoku makoti ufuna ukuzivisa intliziyo ebuhlungu? Me: ibuhlungu nangoku intliziyo yam nangoku ndingaziyo mama, kodwa ndifuna ukuyazi uba yintoni le imke nobomi bosana lwam... Ndaphefumla ... Tata: khawuphendule Mangwanya umcacisele yonke into eyenzekileyo noba yenzeke kanjani azoxola umakoti... Khona ebeshiyeke kanjani? Mama: ebesayotheza kaloku, wabuya sesihamba kengoku Me: bendif-... Wandiqhawula ndisathetha umama.. Mama: sekwenzekile ngoku masingaqhwandeli emva okwenkukhu... Uthe ugqirha ubushushu benziwe kukuphela kwamanzi emzimbeni, wathi uzosenzela ke amanzi esizowanika umntwana ukuze abuyise aphinde asinike namanye sihambe nawo... Uthe esasenzela ke intombazana ebino gqirha wavele waxhuzula uThando uthe ukuyeka kwakhe kwabe kukucima kanjalo Khange ndikwazi ukuzibamba ndakhala kakhulu kwade kwavaleka nendlebe zam... Bendinemibuzo emininzi. Kodwa bendinento ethi uba bendihambile uThandokazi ngeyisaphila kwaye bendizomenzela amanzi uba bendingathunywanga ukuyotheza... I failed my child, ebethembele kum kodwa mna ndamyekelela... Kudala ndibuva ubuhlungu bomphefumlo kodwa obu ndibuva ngoku abulinganiswa nanto... Abantu ke bebemane befika, baxelelwe uba kwenzekeni... Ngalo lonke ixesha ithethwa ibibangathi ndisikwa ngento ebukhali... Laphela usuku lokuqala kodwa ubuhlungu bebusafana, khange ndilale oko kuse ndijamile, eqondweni yam bekuvela umfanekiso ka Thando ngelaxesha ebencuma, bekubuhlungu nyhani khange ndikwazi nokutya... Bekulindwe u Vuyisani kuzokwazi ukuba angcwatywe umntwana, bekuthunyelwe ke nasekhaya nge bus... Bendiyinto ehleli ekhukweni ndithwele iqhiya le bendi kotiza ngayo ngoku ndizile ngayo, ubomi kodwa yenye into... Kuthe pha emini kwafika u Ncinci ehamba notata omdala no sisi... Bangena ke babulisa benza umthandazo bavula nakwi bible kodwa khange ndive noba bathini... Bahlala ke benzelwa I tea babe sebexelelwa into eyenzekileyo, mna oko ndijonge phantsi... Bathe ke xa bezohamba bacela ukundibona ecaleni, ndasukunyiswa ke saya endlini yam no V... Ncinci: kwenzekeni sisi wangasixeleli uba uThando akaphilanga?... Ndamxelela ke uba ndibizwe emsebenzini ndafika ndamenzela amanzi waba ryt kangangoba ebesele eryt edlala nodlala ndacela ukugoduka naye kodwa umama wala wathi ngowalapha emaTolweni lomntwana uzohlala apha, suke wathi mandiyotheza xa ndibuya babe behamba umntwana eshushu, kodwa wandalela uba ndihambe babuya sebephethe ingubo zoda kengoku... Usisi ebekhala lonke elixesha ndithethayo... Ncinci: kuzofuneka ukhe ugoduke ukudlula kwayo yonke lento,andiwuthandi lomzi wakho... Bendimjongile uNcinci ngoku athethayo intlungu ibibhalwe apha kuye ebusweni... Sisi: kuxolo mtakamama, ungaqumbi uqalekise nale into izodlula... Ebefixiza kancinci ndibona uzama ukuziqinisa... Bamyeke ngesibomi man ababantu balapha umntwana ayikho le yenzekileyo, ayikho tuu nam uba ebesahleli nam uThando ngeyisaphila.. Uye watsho usisi ndibona uba unomsindo... Ncinci: okwenzekileyo sekufana nokudaliweyo, masixoleni ngoku sithandaze uThixo asiphe amandla okujongana nalentlungu, akuzunceda nto ngoku ukuthi akwabe, futhi ke nokukhomba abantu akuzumbuyisa uThando... UThixo uyivumele nale uba yenzeke kwaye ke intando yakhe ayinakuphikiswa... UThandokazi uphile ixesha elifutshane kodwa ngelixesha aliphilileyo usiphathele ukonwaba ezintliziywni zethu... Ne bible itsho ukuba umntu ozelwe ngumfazi into eshiyekileyo kukuba makabhubhe, akutshiwongo ke uba umntu uzohlala ixesha elingakanani, kodwa umntu ngamnye unomda awubekelweyo nendlela asiyakufika ngawo kuwo asiwazi Ngoku ke Zamo wonke umntu ulindele uba ukhale futhi ungatyi ngenxa yentlungu, lonto ke izokugulisa nawe, batsho bavuye ke abanye abantu, kaloku bakhona abantu abavuyayo xa uva ubuhlungu, ndizocela kemtanam utye uzokwazi ukuba namandla, uthandaze ngalo lonke ixesha, uzame ke ungaphinde ukhale ngoku... UThandokazi uphumle ngoku futhi ke ukushiye ekuvalelise ngoncumo lonto inayo into eyithethayo noba singazoyazi thina ngoku, kodwa xa evumile uThixo bekufuneka kubenje... Waqhubeka ke ethetha uncinci nosisi emane encedisa nangona bendimbona uba yena uxhelekile kodwa uye waziqinisa... Baye bandibuyisela endlini babe sebecela indlela... Kwaye kwenziwa ke I telegram kwa Teba kucelwa u V uba makabuye. Yenziwe kwasekuseni, so besimlindEle uba afike ngomso... Lwaphela nolu usuku nam ndiye ndatya emveni koba ndithethe no ncinci, bendizama ke nokuziqinisa njengoba kutshiwo futhi ndithandaza nangona ngamanye amaxesha ebeye angezi umthandazo ngenxa yentlungu... Suku olulandelayo ekuseni, wafika uVuyisani wangena endlini wabulisa, ilizwi lakhe belindongondongo... Ndazama ukuphakamisa amehlo am ndifuna ukumbona uba unjani, ebembi shem amehlo akhe edumbile ebonakala uba ebekhala futhi khange alale... Ibingase ndingasukuma ndimgone ndimqinise ndikhalele esifubeni sakhe kodwa phi ke kufuneka ndihlale ekhukweni nje... Uye waxelelwa ke naye uba kwenzekeni, bendimane ndisiva utata esithi thula nyhana indoda ayikhali, sula ezinto ziphuma emehlweni akho... Wophuka umphefumlo wam... Noba uVuyisani ebeyintoni kodwa usana lwakhe ebeluthanda!
Posted on: Sun, 31 Aug 2014 05:13:14 +0000

Recently Viewed Topics




© 2015