Chapter 44 Me: khothehe Fundie ndiyoyika mna ujonga Fundie: - TopicsExpress



          

Chapter 44 Me: khothehe Fundie ndiyoyika mna ujonga Fundie: khovule amehlo wethu ujonge... Ndawavula amehlo ndajonga.. Me: its negative Fundie: awe usindile mtam, masihambe ke ndizokuhlaba... Bendidanile ke kodwa andifuni kuxoka I know uba bendithe andikabikho ready for umntwana kodwa bekuzobamnandi wethu uba nomnye umntwana... I missed those sleepless nights ndithi xa ndiqala ukulala andiphuthaphuthe uThando efuna ibele... Okanye xa ndine stress ndibone intombi yam indincumela nchoo kwehle nezo stress kakade... Fundie: masihambe mfazi utheni na kanti wangathi awuvuyi? Me: ndiyavuya ketana qha noba ndingangahlabi ngoku ndizombona kudala u V Fundie: hehee ingathi ubusomfuna nje lomntwana Me: ikhona indawo erhalayo kodwa Fundie: mamela ke nana yiba nomntwana xa sele u ready not kuba ufuna uku replace uThandokazi Me: hayi andazi nam Fundie: hayi masihambe siyokwenza I practicals wethu singabi late kodwa xa ufuna utofa ndikhona naxa ungasafuni ndisekhona Me: ndisacinga Bendimfuna kodwa mntwana. I Know, uba kusekutsha kodwa ke bendiva ngathi ndi ready... But ke kwalento yoba angenzeki ithetha ukuthi uThixo uyayazi akukafaneleki ndibenaye ngoku... Fundie ebe supportive ke yena esithi into ezondonwabisa naye iyamonwabisa but urhalela ndikhe ndiqale ndigqibe umzi kqala neskolo then ndimenze umntwana but uba ndiziva ngathi ndiyamfuna ngoku ndingamenza kodwa ndimhlalise ekhaya... Lahamba ke nexesha lonyaka oko ndisesikolweni, yonke into ibihamba ngendlela and ke besi trainer unyaka then sibe zi professional nurses then if ufuna uqhubeka ke kukuwe... So ngo June besizogqiba unyaka... Bendingekavanto ekhaya zonke izinto bezisahamba ngendlela ingu bhuti wam ke qha lo ungasabhaliyo singayazi noba usaphila okanye kwenzekani kuye... Nakwi cala lakulo Vuyisani bezisahamba ngendlela zonke so unyaka mandivume ndithi ubumhle... UVuyisani ebethumela oko shem and nendlu yethu ibigqityiwe idinga nje ukugangathwa ngaphakathi ke I sanyetwe ifakwe ne furniture... Ibingu June kengoku, sigqibile ngezifundo zethu ze Auxiliary nursing and enrolled nursing kodwa bendisazofunda ke I four years ye Degree in Nursing kuba bendifuna ukuba yi registered nurse ukuze ndikwazi ukusebenza naphi na... Bendizoya ku Vuyisani kengoku eGoli... Phof sithi yi Goli yonke I ndawo kuba u V ebesebenza e Secunda and isecunda isempumalanga... Yhoo indlela ebendinemincili ngayo ndizohamba nge bus kude kuse phandle... Ndiyenze short ke kuba ne comments zinjalo... Masibonaneni ngomso no chapter 44 opheleleyo :p
Posted on: Sun, 07 Sep 2014 19:30:42 +0000

Recently Viewed Topics




© 2015