Chapter 69 Wayetshintshe nyani umama endixakile. Wayengafuni - TopicsExpress



          

Chapter 69 Wayetshintshe nyani umama endixakile. Wayengafuni abantu bezama ukumnceda ngokumfundisela umntwana mahala. Kwakungathi ngomnye umama endingamazi hayi lo owam othanda into entle. Ndajika ndamoyika wangathi kwayena ungumthakathi angandibulala. Kwasekukhona nomakhulu emane emhlohla ethi angadayisi ngomntwana wakhe. Ndandilila ndibuhlungu ndicinga ukuba xa endibona ndilila uzoba nenimba andivumele ndihambe kodwa azange andinake nakancane,wathi andiyi apho esaphila. Bacenga bancama omzala, wabe ethi andiyi lapho. Okubuhlungu nje bamoshe ipetrol yabo nexesha bethi bazondilanda kanti bazofika baphoxeka. Baze bancama bahamba. Azange bafune noba ndicela ukuba khapha bavele bayiqonda ukuba ndizoqhwesha nabo. Bahamba bekuhlungu shame. Mna ndasala ndilila ndizibuza ukuba ungenwe yini kanti umama wase wangathi umosha impilo yam nje. Ndandigadwe noba ndiyochama kuthiwe mandichamele epowini okanye umama ame phandle andigade. Ndandingathunywa nasestolo phofu ngumakhulu wonke lo othe kumama andigade ngoba ndizoqhwesha. Ixesha elinintsi umakhulu ubehlala ekhaya bevana nomama. Bebendithuka qho ngoba bendingabathethisi noba bendibuza into ndizithulele ndibajonge. Nasebuku bendilala nomama. Ndivalelwa engathi ndiyisibotshwa ekhaya phofu ngumama ondizalayo lowo. Ndandithi mendiyicinga lento ndivele ndilile bavele bandijonge bese bathi mxm ukhumbula la madoda wakhe waseThekwini ngoku. Phofu nase skolweni andiyi ngoba kuthiwa ndizoqhwesha. Ukudlala ndikufumana xa behleli phandle kuthiwe mandidlalele phambi kwamehlo wabo. Ibe buhlungu intliziyo yam xa ndibona abanye abantwana beya eskolweni mna ndingayi. Nomakhelwane oyena mntu obengandithethelela ngulo wayengasezi ekhaya ngoba umama wamgxotha. Ngenye imini engekho umakhulu, ndizixelele ukuba mandikhe ndithethe nomama mhlawumbe sizovana. Mna: mama ndiyakucela bandla noba andisayanga eThekwini kodwa ndicela ukuphindela eskolweni Mama: hayi ngeke uthe umakhulu wakho ndikuyekise Mna: wena kutheni umamela umakhulu, ekubeni kudala ezama ukukubulala ? Mama: ayikho lonto, uyandithanda umakhulu wakho Mna: kulungile ke uyakuthanda, pho kutheni engafuni ukukubona uphumelela? Mama: mamela la mntanam umakhulu wakho umsulwa oyena mntu osithakathayo ngolamfazi ozenza engathi uyasithanda umakaLungiswa Mna: haybo mama ayikho lonto, ungayitsho kanjani into enjalo ngomntu obekunceda Mama: nawe ukufakele izilwane yiyo lento umthanda. Ndavele ndatyhafa ngoba umama wayengafuni nokuva ngomakhulu , ndandisola ngeke kukhona lento amenze yona. Aphela amaveki amathathu ndingayi eskolweni. Ndandisoloko ndicinga icebo ndingenalo. Ngenye imini ndacinga ukuba mhlawumbe ititshala le yayindifundisa ingandinceda. Nyani ndathatha incwadi ndabhala ileta ndichaza ukuba ndicela aze apha ekhaya azobuza kutheni ndingafundi ngoba abafuni ndiye eskolweni. Ndayithatha ndanika uKhanyi waya nayo eskolweni. Nyani emini sisahleli phandle sabona ngemoto ingena ekhaya. Sasihleli sobathathu kundimi, umama nomakhulu, abantwana bengekabuyi eskolweni. Ndaqala ndacinga ukuba mhlawumbe ngumzala usazocenga umama. Ndabona xa behla ukuba yiprincipal neclass teacher wam wayendifundisa ugrade 2. Wathi umama mandiyobathathela izitulo, ndaya ndabuya ndabanika. Bona: molweni ewe Bona: ninjani? Siyaphila nina Bona: nathi siyaphila Mama: haybo kuze kwathini savakatshelwa ngabantu abakhulu Principal: hayi mama asizanga kakubi. Umiss ubebuza abantwana ukuba usahlala eThekwini na u-Esihle yilapho afumane khona ukuba ukhona wabuya. Ngoku saxakwa ukuba akezi eskolweni, sathi masizobuza. Makhulu: yimani ke andiniva kakuhle nithi ningenaphi ezintweni ezenzeka aphe khaya? Miss: uxolo gogo asingeni ndawo qha besizobuza ngoba umthetho uthi wonke umntwana unelungelo lokufunda. Mama: ubani othe simalele ukuba aye eskolweni? Principal: he Esihle khosiphendule kutheni ungayi eskolweni? Mna: umama uthe ndingayi ngoba ndizoqhwesha Principal: mamela lana ke mama ndifuna ukumbona eskolweni, xa engekho ndizoza namapolisa. Batsho basukuma bahamba, ndandivuyile ndizotsho ndikhululeke nam. Wasala endithethisa umakhulu ethi mna ndisile ndifuna kuthiwe ndiyahlukunyezwa. Basale bethetha ngokuthi bazothini kusasa. Makhulu: he makoti uzoqhwesha lomntwana xa sike samvumela waya eskolweni. Mama: sizothini mha uzivile nje ezititshala, masimyeke xa ehambile indaba yakhe qha azazi ukuba uyofela kuloloTheku. Makhulu: ndinalo icebo. He hayi inkulu lento andifuna yona lomakhulu (nditsho ngentliziyo)
Posted on: Sun, 19 Oct 2014 12:48:18 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015