Hee ayi ngumhlola kelo undehlelayo kulentsasa yanamhlanje !! - TopicsExpress



          

Hee ayi ngumhlola kelo undehlelayo kulentsasa yanamhlanje !! Ndivuka ekuseni ke ndithi mandikhe ndithi gqi pha etown,Yeyi ayandijonga marn lentokazi ngeloxesha iphethe umntwana caba angaze awe nalomntwana ! Hayi ndivakalelwe kemna njenge Ndoda yomhlubi ndibuze :Sissy ngabe uyandazi or kutheni ? Sissy: hayi wethu bhuti akhonto itheni ntonje ndikufanisa noTata walomntwana ndimphetheyo !! Mna : Yindoda yakho moss leyo ungandifanisa njan nendoda yakho ? #ndimjonge ngamangeleyo ke phofu amehlo !!!! Sissy : kalok wandishiya esakuva ukuba ndizokuba nomtwana wakhe,kwaye andimazi noba watshona phi na !! So ke nawe usuke waba bufanarha naye !!!! Mna : Yoh hee !! Kodwa sowuqinisekisile ukuba andinguye andithi ? Sissy : hayi khawubhekele bhuti ndikujongisise !!!! Mna : yehake mhlola wam ndaze ndavelelwa !!!! #NgalaVoiceYekhehlekazi LOL #ndithetha nje ndikulo meko yobukwa ke zihlobo ! To Abafe2 : yekani ukubalekela ama responsibility wenu Gents,nisifaka enxakini thina !!!! :|
Posted on: Wed, 19 Nov 2014 05:46:06 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015