Hide me admin ndiyi ntombazana ena 21 years ndise Monti, ingxaki - TopicsExpress



          

Hide me admin ndiyi ntombazana ena 21 years ndise Monti, ingxaki yam apha e khaya kukho umntaka dabs wam si same age soyi 2 uhlala apha ekhaya ngenxa yoba u dabs akekho uya phangela akabikho exesheni eli ninzi, ingxaki ke ngoku yeyoba mna kwenzeke i mistake nda mitha sendizawu beleka, into engandi phathi ke ngoku yile yoba ku sukela nda khulelwa u mama wavele wane nzondo qho xa endi ngxolisa undi compare-risha nalo mntaka dabs athi u mntaka dabs uzi phethe kakuhle yena, zi ninzi izinto azi thethayo ngam ezindi khathazayo kodwa ndandili celile uxolo ngo mitha kwam bt still usandi thuka nga lonto na ngoku. Into eyenzekayo ngoku ndine nzondo ngaku mntaka dabs wam ngoba usuke abena lanto yo zenza u good girl phambi ko mama afune u mama andi gxeke worse sendisi qaphele eso simbo siyandi khathaza, seske sa bambana nge zandla nalo mntaka dabs ya kwaku nguye o wrong kodwa into ya phuma nam kwa ngathi ndi obe wrong wandi thuka ke u mama ngale ndlela aqhele undi thuka ngayo, intliziyo yam ibuhlungu yi lento kudala ndi zama ukwenza izinto ezizawu kholisa i ntliziyo ka mama ezi khombisa u dano noku xolisa ngo mitha kwam ndingu mntwane skolo kodwa still akho kwanto nje yam ayi ncomayo no kutya oku phekwe ndim uyaku cekisa akaku gqibi utya njee aku shiye u dlulisa nje u sana ku nina kodwa okwale ntombazana uyaku gqiba ade aphinde. Ndicela nindi cebise ndenze njani ukwenza i peace n happines kum no mama wam ayeke undi zonda kangaka? #ZND
Posted on: Sun, 25 Aug 2013 08:53:16 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015