I thought Ill take a break yeveki but ha.a I couldnt. I miss - TopicsExpress



          

I thought Ill take a break yeveki but ha.a I couldnt. I miss writing for u. Hands up if u are still enjoying the diary..... Nazo****** S2 #Fifty_One Six months has passed now oko ndatshata noGiven. Well nothing much has changed wethu except that ndinguMrs Kondlo but otherwise kusenjeyana and uGiven naye usengulowa ndimaziyo. Well before I go any further, mandiqale ngapha. After our first time making love salala obentlombe ubuthongo, naked and in each others arms. Ngengomso sasizoya kuloGiven for a traditional thingy, utsiki ke ngesintu. Yonke into yenziwa ngendlela yayo futhi ke yahamba kakhuhle. Kwakukho iilong lost dabawos zika Given bengasazenzi nice nje hahaha. Udabawo omdala kaGiven umama Bonelwa, wandithiya igama wathi ndinguSambesiwe esithi mna ndiyigift kwifamily yabo and bayabellieva that Ill bring blessings efamilyini yabo. Wangenelela lo umncinci ethi bayabulela ngoba sendiyizisile ibllessing yokuqala (Kweneza) they didnt know that shes adopted and bebengazuva ngathi ke lol. Ndasebenza ke ndisenza iitea, ndipheka nopheka mxim uyamaazi ke umfazi wakwaXhosa ngokugqilazwa zii-inlaws so nam ndandikuloo meko, zange ndikhalaze ke phofu coz it was my wifely duty to work like a horse. UGiven wayengasayingenanga ke kwisecond day wathi yena akanamfazi uzokwenziwa inkamela yona isebenza ingadinwa lol yho wayebhoke isicuku umyeni wam. Wayebuza uba ngoku ebengekanditsHati bezisenziwa ngubani zonke ezi zinto. Bancama ke oodabs bandiyeka lol. So six months later........Keweneza is now 8months old. Im used to parenting her shame. Shes such an easy baby akatefi tu. Uba utyile watshintshwa inapkeni, kugqityiwe kuye shell be happy and play ngeenyawo zakhe the whole day. Uyathanda ukutya iminwe yeenyawo zakhe. Yho akemkhulu mAan and uthanda nohleka lol. U wont believe this but uGiven noXolela ziibest buddies ke sana. Wayeka nokuthi nguNyolela ngoku kukhala Mntax qha mntakabawo. Kodwa shame Xolela is such a sweet soul bantu yho. UyiPediatrician eSt Bernards ke usahlala noNyaniso. Ekhaya ndagqibela kudalanyana but udaddy noMandi bebekhe beza apha bezobona uKweneza behamba neetwins noDante. UMali useBotswana kwistudent exchange programme uzobuya ngomid February njengoba inguJanuary nje ngoku. Yho bendingasamkhumbuli umntana wasekhaya but besithetha kabini everyday. He missed home shame but ke bekungekho kuthini. Mandla was still the sweet soul as always sisavana la nto indala and esenedrama la way yakhe lol. UAngel noMarcus nabo bebeseright shame iicousins zam. UMarcus ebesahlala kwiapartment yam then uAngel ehlala kowabo. UShelly naye eberight shame esathandana noMali. Bebesenza uGrade 11 ngoku bobabini bepasa kakuhle. Kwelam icala izifundo bezihamba kakuhle kakhulu. I was doing my last year kulonyaka ndisaphangela eVuka Lutsha phantsi koYvette Adams. Besikhe saxabana noGiven ke apha ezinyangeni but ingeyongxabano ihectic, ibiyinto nje epetty saphinda saxolelana kungekapheli nosuku olu. So ngale mini, kungolwesihlanu ndibuya emsebenzini. Ndifownelwe nguGiven andixelele that hes working late cause uneconference call to India banedeal abafuna ukuyi seal(isha) ndavuma ke nam andabi nangxaki. I got home ndafika uSli epheka. Me:MolwenI Sli:Hello madam. Yhu kunini ndathi makayeke le nto kaMadam lo mntwana maan. Akade ayiyeke tu. MxiM idika ingubani ke! Me:What are u cooking? Sli:Rice and Chicken madam Me:Zikhona iivegies? Sli:Yes madam. Me:Ok then. Ill go change ok? She nodded. Me:Wheres Kweneza? Sli:Her room madam Me:Alright. Ndaphuma ekitchen ndaya eroomini ndakhulula and put on jeans and a flat shoe nekaftan ebeige and combed my hair down. Andide ndiqhele tu ukufakela yazi. I went downstairs ndadibana noSli halfway Sli:Madam I forgot. Kwenezas formula is finished madam Me:Yho Sli, and u decide to tell me now! Ok Ill go to the shops Sli:Thanx Madam. I went back upstairs, grabbed my handbag and my carkeys ndayokroba uKweneza, ebesalele then ndahamba. Ndakhwaza xa ndiphuma. Sli, Im gone Sli:Ok madam. I drove off ndileqa uba angavali uSpar ndingekafiki. Ndifike nyani engekavali I bought the baby formula ke, ndasele ndisongeza nechicken nezinye izinto ezincinci zasendlini neetoiletries.I went to pay xa sendanelisekile that I got yonke into endiyifunayo. After that ndaphuma ndayofaka izinto ebootini yemoto ndincediswa ngumfana waseSpar. Ndithe ndisafaka njalo, kwagqitha imoto kaGiven, yaparka kudana kunale ndawo ndiparke kuyo. I looked at it. Kwavuleka amacango kwaphuma uGiven kwidrivers seat, then intombazana kwipassengers seat. Yho! Intliziyo yam yaxhuma yathi yakugqiba yabethela ukuma! They walked bayongena kwirestaurant ekwapha kula shopping complex. Bendikhamisile ndixakwe noba ndithini. Ndigqibile Maam kwatsho lo mfana waseSpar. Obviously ebefuna itip, I gave him a R20 note, wabulela then wemka esithi enjoy the rest of the evening maam ndamphendula ngoU too obanda nkcaa. I closed my boot then ndahamba without thinking ndaya ngakula restaurant, ndazinqanda sele ndizongena ndathi ha.a Nezi girl, do not!! Uzozehlisela isidima ngoonontrikhwe who dont deserve ur attention so ndajika ndingadanga ndangena. I saw then through the window, and I was convinced that bayathandana coz bebecozy. So yeyona conference call to India lena? Mxim. Bendibibitheka ngumsindo. Haybo wenza njani na ngoku uGiven? I walked ngokukhawuleza to my car ndathi xa ndizofika, ndagileka emntwini and fell, kwawa iphone yam yasaphalaka yazipiece yophukile! Me:Bloody hell! Watch it! Punk! It was a guy. Him:Sorry maam. Are u alright? I looked at him, he held out aa hand endincedisa ndaphakama. Uye waqokelela iipieces of my broken phone. Him:Im so sorry. I wasnt looking. Its my fault Me:Damn right it is! U see? U broke my phoNe Him:Ill replace it. Im really sorry. Ndalila ke sana. The guy looked so worried shame engasawaceli amaxolo engayazi uba phofu andililiswa nguye but yile kaGiven. Him:Take my card and feel free to call me at anytime. I want to pay you for your phone Me:No need Him:I want to. I was taught to fix what I messed up. Me:Ok. Ndatsho ndixutha elo card kuye. Me:Yandisa huh? Him:Yes. Yandisa Mdange Me:Nezile Ziba-....I mean Kondlo. Yandisa:Nice to know u Miss Kondlo Me:Mrs Kondlo. I have to go now Yandisa:Call me tomorrow so that we meet and buy ur phone. I nodded then ndangena emotweni. I sat ndaphefumla for a while before I started the car. Ethubeni, I drove home. I got home ndacela uSli andincedise sikhuphe izinto ebootini then sade sagqiba ndavala iboot ndaatshixa imoto and got inside. My angel ibihleli izidlalela kwiwalking ring. Me:Heyo anzel kamama. Heyo wena! Benditeketisa tjo akancuma wade waxhumaxhuma ethe naa izandla efuna ndimfunqule. Ndamthatha ke ndayohlala naye esofeni elounge ndisamteketisa. UKweneza brings so much joy. In my heart yazi. Shes a blessing indeed shame umntakaPortia. Uye waphaka uSli wandibuza uba ndizotya na or ndizolinda usir ndathi ndizomlinda so wakufaka kwioven ukutya. I sat there noSli sibukele iisoapies. Akazithandi iisoapies uyatsha. Thina xa engekho sibukela iindaba asinaxesha la sopies qha namhlanje ke usandihlalisile kuba usir engekabuyi. Bendinendawana eyozelayo ngoku so ndaxelela uSli uba ayolala, ulala kwibackroom elapha eyardini ndayotshintsha uKweneza ndamnxibisa iipyjama zakhe then ndayolala naye eroomini yethu. Ebengekozeli tu shame coz bekungekudalanga evukile. Me:Ulala nini na anzel kamama! Bendimphuza izidlele, engasencume nje. I also changed into my pyjamas ndavula ibhedi and got in, ndaabeka uKweneza esiphakathini ndajonga ngakuye. Ndiye ndaamshishizela ndamnika netiti yakhe wade walala. Bendiziwa bubuthongo nam kamnandi ndeva ucango lwadownstairs luvuleka. I checked the time, ibingu21:53. Yho! Hay uhleli nalo makhwapheni wakhe. Ndacimela ndizilalisa. Bendingafuni andithethise maan coz bendisehurt kakhulu. Uye wangena apha eroomini yethu then waya ewadrobini. Bendiyiva yonke lento ayenzayo though ndingamjonganga. He changed into his pyjamas then wacima isibane wangena ebhedini. Bendifutha ngumsindo phantsi kweengubo. ingaba uGiven uyajola nyani oR mhlawumbi ndim ndigabadele? Theres no way of knowing than ukumbuza. Me:How is the Indian deal coming along? Wothuka wade wavusa intloko Giv:gr..great babe. I didnt know u are awake Me:U dont seem to notice me lately Giv:Whats that supposed to mean now? He put on the bedside lamp then looked at me. Andaphendula. Giv:I asked u a question Nez Me:Earlier at the restaurant! Giv:Wha....what res- Me:I saw u with some girl Given! But u didnt see me! Giv:Babe it wasnt what u are thinking Me:And u know that how? Giv:Babe it was just dinner Me:I know. But what puzzles me is how u forgot to mention it to ur wife! Giv:Babe Im sorry Me:Are u two dating? He laughed but quickly stopped xa ebona ndingahleki Me:Answer me, damnit! Giv:Its not what u think babe Me:And what exactly am I thinking Given? Huh? Giv:That Nomsa and I are dating which isnt true Me:Nomsa? Ur PA? That was her? Giv:Yes honey Me:So u have stooped that low Given? Your PA? Really? Giv:We are not dating Sambesiwe.!! Me:Mxm dont call me that! Bendingalithandi ncam eli gama shame but bendinyamezele kuba kuyitradition ukuthiywa. Giv:Babe please Im telling the truth. Id never do that to u. I love u wi- Me:Mxm, spare me. I need to sleep. Ndathatha unhanha ndambeka kwicot yakhe then ndabuya ndalala. Given tried to hold me Me:Dont u dare touch me. U smell of her cheap perfume! Giv:Nezile! Me:Heyi khondiyeke maan! Yeses!!! Ndatsala iingubo ndazigquma, wazisusa kum. Giv:Nezile u arent sleeping till we finish this! Me:Ok, finish it. Im listening Giv:Nomsa and I arent dating Me:*mumbling* As if u would tell me if u were. Mxm khome maan. Uyaxoka maan uGiven uyajola nala Nomsa. Njani uba bade bakhuphane? Andadikwa ke mna. I slept with a broken heart ke yazi. How could he? And lie about it nogal. Why endenza nje? Giv:Im sorry Me:Uthethe nam when u are ready to say the whole truth Giv:Babe Me:Just leave me alone!! I slept. The following morning, was a Saturday....I woke up early and checked on my angel. Ebesalele shame umntanam. I put on my robe then ndayochama ebathroom. Then I brushed my teeth then washed my face. I went downstairs ndayohlamba iititi zikaKweneza ekitchen then ndamenzela efresh. I made ipapa yakhe then ndayipholisa, ndaya eroomin. Ebesevukile ehlanjwa ngutata wakhe. I waited uba bagqibe then took her ndayomthambisa ndamnxibisa. Ebeneappointment nogqirha uXolela namhlanje. So after enxibile ndaya naye ekitchen ndamtyisa wagqiba then ndambeka kwiwalking ring yakhe ndamlaitela oopopayi etvini wabukela ndayohlamba nam. I wasnt speaking to Given until andixelele exactly why ebeserestaurant nePA yakhe. I bathed ndagqiba then ndayothambisa ndanxiba. I put on iskinny jean esiblack netop ered enkulwana neeheels ezibomvu. Bendingasemhle maan Giv:Im coming with Me:No dont! He frowned. Giv:Why? Me:go with Nomsa. U seem to be enjoying her company more lately. Giv:Whats that about? Me:U know exactly! Ndagqiba then ndathatha ihandbag yam ndaphuma ndayodlula ngebag kamntwana eroomini yakhe then ndadlula ngaye naye sahamba. I buckled her up kwibackseat then ndangena kwiseat yam and buckled up ndastarta imoto. Given came to the car, I rolled down the window. Me:What? Giv:Nezile, babe I am sorry. I never meant to hurt u. Me:What do u mean? Giv:I had a moment of weakness with her I swear I didnt mean for it to happen. Im sorry Me:Did u sleep with her? Giv:Babe I.. Me:Did u Given? I yelled wothuka umntana. Giv:Yes Me:What? Where? Haybo kanti unjani na uGiven? Giv:Nez baby Im so sorr-- Me:Where did u sleep with her? Giv:*waginya* at the office Me:How many times? Giv:Ne-- Me:H-o-w many times??? I was clenching my fists ndidibanise amazinyo, breathing hard ndibile nempumlo ngumsindo. Giv:Twice. My heart broke. Yho I try yonke into ayifunayo uGiven ngendlela ayifuna ngayo but he still goes and looks out for something else! I didnt cry, I breathed out then ndavala ifestile yemoto and drove away. I told myself that ayonyani le ndiyixelelwa ngulo mfana. Njani? Its only been six months but sele ehlulakele kukuzibamba kwiitemptations. Yho Im so disappoited in him. Above everything bendi disappointed kuye. For 2years, he didnt cheat on me uzoqala ngoku. Caba ebelinde ukuba sitshate then andenzele ezizinto zife amanqa. Nxa bendinomsindo yazi! I turned around ndaphindela back endlini. I needed all the answers. Why he did what he did. Ebesame kula ndawo bendimshiye kuyo. Ndohlika emotweni ndafika kuye ndamvala ngenjani yona impama! Me:Why? Why? Given why? Giv:Im sorry baby Me:wrong answer. Ndamfaka enye impama. Giv:Stop it Nezile. Me:Why? Is there anything I dont do that u want? He shook his head ejonge phantsi. Me:Then why? Tell me! Whats the problem? Giv:Its not u baby. U are perfect. I love u. I was just stupid baby. Im so so sorry. I opened my mouth to talk but not even a single word came out of it. I stood there dumbfounded. Tears welled up in my eyes and I was too weak to hold them back so I just let them flow. He came closer and held me. Me:Dont u dare touch me Bendibibizela iilips, kuphuma nemifinya. How could he? Me:Youre so damn evil!! Giv:Sorry Me:That means nothing to me! I felt so empty inside. Why na? Yintoni emenze waphuma wayokhangela out there ndikhona apha endlini? Yho hay ndiyisiwe! #Nezi
Posted on: Sat, 09 Aug 2014 20:38:37 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015