INSERT 95. Ndiye ndaza,a uvula amehlo but ebenzima xa - TopicsExpress



          

INSERT 95. Ndiye ndaza,a uvula amehlo but ebenzima xa ndiphakamisa ingalo kuba ndifuna uwatyikitya yangaphakami, bekungathi kukhona le nto iyitsalela ezanzi maarn. Ndakhe ndazulisa umzuzwana nje ndaphinda ndavula amehlo ndiwanyanzela ke kulomjikelo. Aye avuleka xa ndithi yhini ubugoxo beemachines phezu kwam. Ndifakwe wena oxegyn wena drip konke nje. Ooh nkosi yam andafanga na. UThixo xa engafuni, akafuni ke ukuthatha noba ungazama kangakanani na kodwa xa ethe hayi awunothi ewe kwa nawe andikhathali noba uzama kangakanani na. Kaloku mna ndingulo ungaqaliyo ukuzama ukuzibulala and everytime i try, i just fail and i fail dismal. Ndithe ndakugqiba ukucinga ndafikelela esigqibeni sokuba uThixo akakagqibi ngam kulo mhlaba usininzi into ekufuneka ndiyenzile apha emhlabeni futhi ke akufunekanga ndizimatanise nabantu asele pheluphumelele olwabo ugqatso bayifeza imizamo yabo emihle. Mna ndazixelela ukuba ndizobakhulula bahamba and then seek Gods purpose about my life. I guess ukulala kwam kulabhedi yasesibhedlele kwandibuyisela ingqondo. I was no longer going to depend on anyone ngoba ndiqinisekile ukuba njengokuba nje uThixo ebathatha abantu endixhomekeke kubo wayefuna ndingaxhomekeki mntwini. Wayefuna ukuba ubom bam ibe bobam ndodwa futhi ndiyazi ukuba nguThixo yedwa ekufuneka ndithembele kuye. Inoba ndaye ndaphinda ndabiwa bubuthongo ndisekwezo ngcinga ngoba ndavuka xa ndisiva abantu abathethayo xa ndithi nguGqirha neenurse ezimbini Doctor: she looks calm Nurse1: ewe, imncedile le treatment yamva Nurse2: uzoba sayidinga i operation? Me: no! I had to answer kaloku ndingade ndigqityelwe kodwa ndihleli Doctor: sukuphendula awazi nto ke wena ngoba uba ububazi ubungozi obenziwa zipilisi ezininzi emzimbeni ngowungakhange uzisele yhuu wandixelela iindaba zam lo tata ndingakhange ndizibuze. Nyhani ke ndathi shwamca. Baxoxa ke bagqiba bandenza neetests kwabonakala ukuba andizoba sa operatwa and ndingakwai ukuphuma nasesibhedlele ngokuba besele ndingcono kakhulu. Ukuphuma kwam esibhedlele ndafika ekhaya umakhulu wandinika eyona ntshumayelo yayikhe yankulu ngobomi, nangokufa esithi Granny: Inga ubomi abuyiyo le nto wena ocinga ukuba buyiyo. Ubomi abubi bubomi ngenxa yokuba kukho abantu ozakuthi xa izinto zingakuhambeli kakuhle okanye ngendlela obucwangcise ngayo ubalekele kubo, hayi! Ibomi bubomi kuba uThixo efuna uphile. Enye into omele kukuyazi yeyokuba even if akukho kwamntu ecaleni kwakho, God alone will never leave your side andikhathali Inga nokuba ungazibona uwedwa na kodwa uThixo yena usoloko ekhona ekuthundeza ukuba qhubeka. Hayi ke eyokufuna ukuzibulala kukungcola okungaphaya. Masithi ke ubukwazile ukuzibulala ngowuphi ngoku? Uyaqonda phofu ukuba ubungazukuya uzulwini apho sikholwa ukuba umama, utata, nechomi yakho bakhona? Uyaqonda ukuba unuzoya streight esihogweni? Mamela ke mntano mtshanam ndikuxhobise: ebomini kukhulwa ngezilingo xa ungalingwayo zazi nje ukuba usisidodo. Uyabona ke wena obakho ubomi asoze ndithi budodile. Hayi youve been through hell and back and ke andilindelanga ukuba uphinde uzame ukuzibulala ugqibelisile ngoku. Umdala Inga ngoku zifundise ukumelana neechallanges odibana nazo endleleni ngendlela eyiyo, indlela kaThixo. Yhoo wathetha kwavokotheka umakhulu esakugqiba wandishiya apho wayokulala. Ndithe ndisetyisa le igqibo kuthethwa ndaphazanyiswa kukukhala kwephone yam. Ndayikhupha epokotweni ndayijonga bekufowna uYaya ndasabela Me: my sister Her: dadetgu! Unjani? Me: ndiyaphila wena? Her: nam. Mamela, umfazi katata wethu wambulalisa utata kuba efuna iimali zakhe. Yonke into ibibhaliswe ngaye, sonke thina bantwana asifumenanga nekhotha phantsi kangangokuba usiwisele umthetho othi singaze siphinde silibeke kwakhe. Me: ke ngoku umbulalela ntoni xa kanti kubhaliswe ngaye Her: kaloku utata ebezozitshintsha azobele abantwana bakhe bonke kuba esithi akafuni bashiyeke bexuthaxhuthana so waqonda ke umama ukuba makamkhawulezise Me: hayi andiqondi Her; ngoba? Me: uyazelapjo le nto uyithethayo wena? Her: i heard it from the horses mouth iyhooh inkulu into athi umxhosa inkulu ihagu idinga abaxheli ukanti ke abanye bathi ishushu ijojethi
Posted on: Thu, 23 Oct 2014 11:33:38 +0000

Recently Viewed Topics




© 2015