Insert 1 It was a rainy sartuday morning we were still - TopicsExpress



          

Insert 1 It was a rainy sartuday morning we were still sleeping,we lived in a one roomed shark.Umama notata belala ebed(in) uAsisipho elala kwi sofa mna no Leletu silala phantsi...i was woken up bubumanzi be matrass yethu wawuvuza mos lomkhukhu wasekhaya xa kunetha so sasimfaxa-mfaxa esosponge Me:Leletu! Leletu:mhmm Me: phakama kumanzi waphakama wakhulula inight dress yakhe wayokhwela ezinyaweni koomama..ndakhe ndama bhunxe phezu kwaloo matrass wethu hoping that umama uzothi mandikhwele ebedin nam,cwaka sana owam umama ok ndakhulula iskipa esikhulu endandilala ngaso esi cream sabe sasimhlophe ngexesha laso isese ANC ndaya ebedin,ndati xa ndiqabeza umlenze wokqala waphakamisa intloko wandijonga umama with that what da hell are u doing look..i slowly removed my leg from da bed ndama apha ecalen kwayo Mama:hay unemikhuba Owam yinton wabe usimele kuvukwa? Me: umatrass umanzi mama Mama:ngoku? I responded with a shaking voice Me:ndicela ulala apha ezinyaweni Mama:khawhambe uyothenga isonka wena uyeke ube undenzela amatshamba apha wawngatsho kuyihlo akuthengele ibed nje? Thatha imali pha phantsi kwelaphu letafile! Ndaya ku jumbo/gemiston owawuhlala iimpahla zam ndathatha ibhlukhwe yam egqabhuke amadolo no poloneck ogqabhuke iingqiniba yena kuqala ndanxiba ndakhangela oonontobeko bam,ndatata imali ndahamba..i was crying so heavily,i had hatred towards my mom,i tried to stop crying but i just couldnt stop yabe ihamba nam imvula straight.Ndayofika eshop kwabe kuthengisela omnye usisi Her:yuuh awmanzi kuthen ungalindanga imvula iyeke? Ndaqondba ayizuphendulwa ndim keleyo into Me:ndithenga iloaf yesonka ebrown Her:ingathi uyakhala nje utheni? Me:ndithenga iloaf ebrown sisi She stared at me for a short while wahamba wabuya ephethe iloaf yam wandinika ndaphuma yabe isanetha ngamandla,ndathi chu apha endleleni inyawo ndilibeka phezu kwelinye lemvula yandenzela icheek,ndade ndayofika endlini kusalelwe wabe engqengqile uAsisipho ecofa ifwn yakhe ndangena emnyango ndilelo toxo bubumanzi Asisipho:aibo mama! Mama: *waphakamisa intloko* yintoni? Wena uhleleleni kunini uhambile? Me:Bend... ndaphazanyiswa ngu Asisipho Asie:haibo mama ngoku uthi usetoilet uOwam? umthuma njani umntana ngaapha eshop kulemvula inje? Akayphendula leyo owam umama Mama:beka esosonka pha wena ubeke amanzi eti Asie:heeh hay sismanga! ndzoyenza itea Nhu(she used to call me dat name) ndabeka isonka ndakhulula oonontobeko bam ndati xa ndikhulula upolo wahlanya owam umama Mama:yheela nxiba loopolo akho girl yohlambana nawashing yakho apha! Asie:haibo mama yintoni? ningoo K no Owam? hay uyandoyikisa mna ngok Mama:fokof wena Asisipho awumboni uba une cheek lo? Asie:yoh mama! May God bless u Mamthembu. Mama:mxm waphinda wazogquma umama..I could hear from Asies voice dat shes really hurt she looked at me for a long tym engaqhwanyazi n she busted into tears,she huged me walayta istove wabeka amanzi eti,ndatata icrate ndahlala ecalen kwe stove zabe ziqhuma iimpahla zam bubumanzi..as i was seating there ingqondo yam yayngekho kwalapho ndandicinga uba ndingathini ukuze umama andithande nam,i also wondered what kind of parent my father is lento ndingasoze ndimve endithethelela..ndaphazanyiswa nguAsie kwezongcinga xa efuna ugqita ase itea kumama Asie:helooow! Me: :o mhmm! uyateta? Asie: *laughing* ucinga phi kunini ndisith ndicela ugqitha. ndahleka n i moved wagqita wanika umama notata itea,wenza eyethu then wenzela uLele iweet-bix yayngasaxoxwa ke eye weetbix kum ndandingazi ne taste yazo wateta wancama uAsie wabe esithi umama asoze ndizitye ndine cheek gqiti..whe we were done Asie washed the dishes ndamncedisa,wayengafuni but i wasnt used ekuhlaleni nje xa kukho umntu osebenzayo,sagqiba bavuka oomama wahlamba wemka utata kunetha kunjalo..we sat on the coushion noAsie wabe umama noLele behleli phezu kwebed Mama:layta iheater Owam ndati xa ndiphakama wandnqanda uAsie Asie:yoh ai mntax khawhlale phantsi inoba uyayiqalekisa imini owazalwa ngayo waphakama uAsie walayta iheater kuthe kungekapheli ne 10 minutes yabe icima caba ayna paraffin Leletu:iyacima lento mama awuyboni? Mama:thatha imali phantsi kwelaphu letafile uyothenga iparaffin egarage Owam iyadura eshop. yoh ndavele ndanegaqaelilapha emqaleni kuphi naphi garage! Asie:haibo mama kulemvula? Mama:andizuphendulana nawe kewena..nxiba izihlangu wena uhambe jooh at dat very moment ndenza umthandazo omncinciThixo ndicela ukutshayiswa yimoto kulandlela ndife amen Leletu:awumva umama wena? Ndaphakama ndanxiba ndahamba yabe inetha ngati iyatshambaza lemvula,ndabuya ndafika uAsie ethethe nefwn Asie:nyan dabawo? so ndizohamba nini kengo? yuh andsengxame,ok enx shap uthe egqiba wabe exhuma-xhuma Mama:uthini dabawo wakho? Asie:uthi ndithathiwe kula boarding school ise Kraifontein ndiyahamba monday,halala! Mama:yuh ndizawkhe ndiphumle ngulonongqiza unguwe*ehleka* i droped lobhotile ye parafin kuloondawo bendime kuyo ndaya emvakwendlu ndafika ndasbeka isikhalo! u Asie uyahamba?
Posted on: Sat, 25 Oct 2014 11:33:43 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015