Insert 100....... CONT!!!!! 3Months - TopicsExpress



          

Insert 100....... CONT!!!!! 3Months later!!!! Ndandingahlelanga ndawo zicalls zikaNoluvo Fuzile noAmanda intombi yakhe, bendicenga bendicengile ndingafuni nova iworse uSihle notata babekhaba ngawo omane but I was praying about them andifuni nokuxoka because I felt like ikhona lento ibatyayo ndingayaziyo mna, ndlela le babesenza ngayo. Otherwise ubomi babusiqhuba kakuhle kakhulu uSolethu ena 8Months erhawuzelelwa ziintsini entlantlatha yonke into ephambi kwakhe. UMabhayi wayengumzali ke kum bethuna am sure you guys have noticed, wabakhulisa kakuhle kakhulu abantwana bam ebakhathalele ebenzela into yonke. Ukuba umntwana akaphilanga wayebila esoma athi singazihluphi konke kuzolunga, nam she tought me a lot ngobuzali nokubangumfazi. She was an angel so my husband decided ukuba simenzele isibhadlalala separty ngemini yakhe yozalwa but ibeyi surprise. Nyani ke ngalamini utata wamcela ekuseni ukuba amkhaphe bayothenga izinto zendlu thina sashiyeka silungisa bathi bebuya sabe sigqibe yonke into, waxakwa noba makathini shame ekhala ebulela kakhulu. Kwamnandi kwaphaya ke bamonyusela nomrholo, akayivuma keleyo esithi imali akayisebenzisi kakhulu nje yena ngoba simenzela yonke into, Sihle insisted ukuba ayithathe ngoba akalazi ingomso ukuba limphathele ntoni. Nyani ke shame wavuma. I finished my exams ndibhale right wethu kungekho ngxaki but zingelulanga tuu. USihle was the best bethuna, kuthiwa ayikho indoda engacheatiyo kodwa keyena inoba uba waye cheata wayesenza sure ukuba ukhwapheni uhlala ekhwapheni where she belongs. Azange ndasokoliswa kwayintombi ngaphandle kwesascandal wandenzela sona eMonti. USne wayese right ke shame yena, engasayi kulo Siya eNgangelizwe bengayi nabo kwa Sne ibenguSiya ozigodukelayo xa ebakhumbula, kwakungcono ngalondlela ke ngoba babethi xa bebonana kuthathwane. UOyintanda yena waya kuTsolo kuloMfundo, caba ke wayemane esiya pha futhi sele esaziwa ngumama kaMfundo qha ke zonke ezo zenzeka ngokuya sasixebene but ke akakuxabisanga ukuya pha ngokokutsho kwakhe. Ewe, wayese single shame uNontombi. Sokays zaziqhuba kakuhle, uSabs nomyeni wakhe babevana but bakhe babethane sometimes. USipho wayesazithandela kuMamiya(Nasiphi) bengumtya nethunga. Utata ingathi wayesaqhuba nalasisi andikho sure but wayemane engalali ndlini. So yayiyilonto ke ubomi bungatshintshanga kakhulu. Its Monday ndisetown ndifownelwe nguSihle ndiphuma eplaza kuyatshisa. Me: Babe Him: Uphi love ndifuna ukuthuma. Me: Ndiphuma eplaza Him: Uphuma eplaza uyaphi? Me: Endlini hun Him: Okay, ndicela uyothatha umama umse ekhaya mfazam please utata utiphile. Me: Okay sephumile already? Him: Ewe kudala elindile pha, mna andizukwazi ndiphangele. Me: Okay myenam Him: Enkosi baby Me: Mwaah! I drove to Mthatha General ndayothatha umama ndafika equmbile. Me: Mama, unjani? Her: Ndidikiwe mntanam unjani wena? Me: Uxolo mama, ukuba ubundifownele earlier ngendikulandile. Her: Okay sisi akhonto. I drove off. We got to the Sokopo house umama eshwabula, I parked outside waphuma Her: Awuzungena sisi? Me: (haa ndaqonda ukuba yho ha.a mntakabawo) No mama ndishiye uSolethu endikhalela. Her: Okay ke sisi. She closed the door wahamba, ndajika umbombo wemotor yam wajonga edolophini then ndayibona egodukayo. I got home ndafika kukho imotor endingayiqhelanga phambi kwendlu, I parked next to it then ndayongena endlini. Ndafika kukho usisi omhlana, onomhlantla omhlophe. Me: Molweni sisi(ndambamba isandla) Her: Mholo Zipho omde Me: Hahaha hayi sisi, unjani? Her: Ndiyaphila sithandwa sam, kutheni ungathi mama nje xa undibiza? Me: And am sure ukwi age kamama wam but ndiqhele uhlala noMabhayi omdala kaloku, so ndikubize mama sisi? Her: ohh hahaha ewe mntanam ndingu mama. Me: Okay ke mha, sowu hoyiwe? Her: Hey unobubele, yase yangathi ndise officini. Me: (I smiled) ewe ndonqena ukushiya kule lounge wedwa kanti kukho umntu omfunayo. Her: Hay mntanam ndihoyiwe enkosi, mingaphi kanene iminyaka yakho? Me: 24years mama turning 25 in 2months time. Her: Two months time? Me: Ewe mama ngoJanuary Her: Okay, umdala nje ntombi utata wakho usuke athethe ngathi una18years Me: Hahaha you know parents, so uze kuye mha? Her: Ewe ndize naye sisi qha usangene kwenye yezi rooms. Me: Ohh okay ke mha, ndicela uyobeka lebag pha eroomini wethu mama ndizophinda ndibuye uselapha moss? Her: (she smiled) Ewe mntwanam Me: Okay I got up ndaya eroomini ndafika ndabeka ibag then ndabuyela elounge ndafika utata sele ehleli ecakwa lamama. Me: Mholo tatam(ndincumile) Him: Mholo ntombam, ubusazikhuphile na? Me: Ewe tata, awuphangelanga na namhlanje? Him: Bendiphangele ket- My phone rang, it was Sihle. Me: sorry (I walked to the kitchen and picked up) babe Him: hey babe umsile ke umama? Me: Ewe ebengasa kwatanga. Him: Unjalo wethu uzoba right, nenzani apho ndafownelwa nguEgg enditshutshisa? Me: Yho (I whispered) uze nomnye usisi baby inoba ngulowa wakhe. Sihle: Mxm, khame ndigoduke Me: Hay hay ndincede Sihle ungandenzeli lonto Him: Hay andifuni kudibana nalamntu mna Me: Do it for tata please. Him: okay ndiyeza mxm Me: Zicenge ndodana. He hung up ndabuyela elounge, sancokola shame lamama waye nice futhi enamabali ahlekisayo lol. Wazofika uSihle ngelingeni looking tired. Dad: Finally Sihle: Molweni, hey umntu udiniwe. Dad: Hay intsha, ubusebenza ngepeki namhlanje? We all laughed. Sihle: Hahaha hlekisa tata Me: Yhini na umyenam Mama: Unjani ndoda? Sihle: Kuhle kunjai? Her: Kuhle mntanam Dad: Khawucele uMabhayi pha Ntombi Me: Oh tata. I got up ndaya eroomini kaMabhayi ndafika encokola noOyintanda efunqule uboy. Oyi: Buyile kanti Mamam? Me: Ewe sisi phuze? Her: Mmmmmm(she pouted, I kissed her) Me: Bhayi uyacelwa ngutata, sapha undoda. Her: Oh akhonto imbi (Wandinika iboy yabe idlalisa izandla incume, I kissed him) Me: Hayi Bhayi, yiza Oyi. We walked to the lounge uOyi ecula uboy emane etswina yena iyilongxolo. Safika elounge sahlala phantsi Mabhayi: Molweni bethuna. Mama: Molo mdlezane, chin abasebahle apa. Mabhayi: Hey ndingumdlezane nyani kunjani? Mama: Kuhle akhonto sisi kunjani? Bhayi: Ndiyaphila. Dad: Eh, nguZoleka Msila lo, isinqanda mathe sam(he said looking at her, she blushed) Sihle: (whispering) akamdala, yintoni emutsa? Mabhayi: Chin, molo mamekhaya, siyakwamkela wethu Mazoe: Enkosi sisi. Sancokola nje kancinci wethu then wacela indlela umamZoleka. USihle washiyeka ehleba kum uba uqavile akamthandi. Andamhoya ke uhleba gqithi ummo wakhe. My phone rang esageza uSihle, it was Amanda. Me: Amanda Sihle: Uwhoa! Uyowafunani Amanda: Hey Zipho ndiyakucela tana khawundimamele. Me: Ndimamele. Her: Uyafunwa ngumama urgently Me: Andizuyenza lonto mna Amanda mxeleleni ukuba makaxole. Her: Okay. She hung up Sihle: Kuyowathiwani? Me: Bayowandibiza Him: Abaxakeke, masiyodlala nabantwana uyeke amageza Me: Okay We went to their room safika bedlala phantsi Sihle: Nzala yam Oyi: Tatam, ndimbonile dolly etvin mkhulu Sihle: Zakuthengela utatakho va? Me: Hay iboy yam iyozela methuna yiza kumamakho(ndamfunqul­­a) Oyi: mamam mna ndakwazi uculela uSolethi Me: Cula nana Oyi: Thula bhabhama musik lila umamuyeza(singing) Sihle: Hahahaha hay sucula ezingoma ingathi zezohili mntanam Oyi: Hayi tatam Me: Chin hay Sihle Sihle: Yizani ndinifote We took pics uSihle jr wade walala sashiyeka sidlala noOyi naye wabiwa bubuthongo walala, sabashiya saya eroomini yethu, sancokola ndihleka amaqam womyeni wam. Kwathi kusenjalo sava uMabhayi ekhwaza ingathi kuyatsha. Sihle: Yhintoni?(Shouting) Sathi khwaphululu saleqa elounge safika uMakazi ethe folokohlo esofeni uAmanda ethe ngcu esofeni uBhayi notata bethe xhonxosholo Me: Molweni, kutheni nje nihamba ebusuku? Amanda: Sicela nihlaleni phantsi Dad: Nifunani? Me: Masihlaleni tana tata, uright makazi?(We sat down uMabhayi wasishiya) Her: Ndiyaphila (etshothoza) Sihle: Thetha Amanda Amanda: Ngumama ofuna ukuthetha. Me: Njani ingathi akekho right nje? Makazi: Eh(she caughed) Sihle: Sies Me: (I held Sihles hand) Sihle please Makazi: Ndizoxolisa kuZipho ngako konke(etshothoza) ngxesi mntanam. Nawe ngokunjalo Camagu Sihle: Mxm andidibani kemna nabantu abatwelayo bayandoyikisa Dad: Shhhhh Makazi: It started ngokuya sasibancinci noBulelwa, waye clever usisi efocused esikolweni and epassa. Andifuni noxoka ndandino mona, wayethi xa epassa edlulela kwenye iclass andishiye ngemva ndibe ndimdala ibe ngase ndingamkhanda. Enyanisweni yayindim owayezilibazisa qha ndandimngcolele umntwana kamama wabe ethandwa kakukhulu nangabazali bethu. Ndaqonda ukuba mandimthumele ngoMalibongwe owaye chomene neboyfriend yam engowalapha eMtata yena, utata wakho Zipho, sadibana senza iyelekenqe loba makammithise so that kuzakubakho into ezombambezela esikolweni. Nyani ke yaphumelela iplan yethu yena uBulelwa wamitha esenza imatric apha eMthatha wapassa kakuhle nalapho wabeleka(she paused, kwathuleka, she cleared her throat and continued) abazali bakaMalibongwe bamthatha uZipho uBulelwa waphindela esikolweni, samlwa ke nalapho but akwalunga. Ufundile ubulelwa wagqiba waphangela kuqala kunam mna ndisakhulisa abantwana ndingavunyelwa ukuba ndiye esikolwenu kuba ndalandelelanisa abantwana ndingekapassi nostandard 10. Ngelaxesha ke ndandicimba ndiyakhethwa kanti ndandisohlwaywa. (She paused) ndicela amanzi. Me: Hambo mkhelela Amanda Sihle: Ikitshi lingapha (he pointed the kitchen) ungabheki ekamereni. Amanda got up wayokha amanzi ndabe ndimjonge ntsho uMakazi yena eyebeza. Wabuya namanzi uAmanda wasela ugqiba wabulela. Makazi: Ihambile ke iminyaka uBulelwa eqhuba kakuhle kwinto yonke, ndancedwa nam ngumntu endandithandana naye ndafunda then ndakwazi ukuba ndiphangele ndibenale proffession ndinayo. I was angry and bitter ndava ukuba kukho igqirha elistrongo elise Lady Frere ndabadlisa abazali bam(she started crying) Sihle: (he was shaking, he whispered) ndiyoyika mna (I kept quiet) Makazi: Sabangcwaba kwathuleka futhi ke zange ndibenayo kwantliziyo ibuhlungu. Dad: Ndicela ude uze kuvutho ndaba. Makazi: Ihambile iminyaka uBulelwa ephumelela wanemotor wamkhulisa kakuhle umntwana wakhe eclever wasuka watshata mna ndingazange ndacelwa mtshato lisoka, ndasendilihamba oko ke elagqirha ndacela lindincede, nyani sangena ngoAmanda apha ndamgqiba uBulelwa Me: Yhuuuuuuuu yhini Makazi(crying) Makazi yhini kodwa wawunyanzeliswa yintoni? Sihle held me ndazidlikidla ndaphakama ndathwala izandla ndalila, yayingathi kungona ndiva ukuba uswelekile umama. Yabuya lamini utata wangena emnyango eligazi wonke emnyango waguqa, ndasendisitsho isibhombolozi, kwabuya indlela umakazi ewayendiphethe ngayo ukusweleka kukamama, indlela ewayendihlukumeza ngayo. If it wasnt for my father ngendabhubha nam mhlawumbi. I cried ndava ukuba ndomile esidaleni, uSihle wandiphathela amanzi aneswekile ndasela. Kwakhe kwathuleka utata equbudile. Makazi: Ndiyaxolisa Sihle: Hambani apha. Amanda: Ugqibile mama? Makazi: Zipho ndizamile ukukuzulela nawe mntanam, ndinomona woba umodlula uLorna ngento yonke yase yangathi history is repeating itself. But zange kulunge. My father got up wahamba, sashiyeka sisathule. Yasekungathi kukhala iintsimbi ezindlebeni zam inyembezi zincenceza. Sihle: Ndiyakonyanya mna uyeva? You will suffer for the rest of your life, futhi ndikubawela ngemvubu apha ezindlathini, awusokuze uphumle de uyongena engcwabeni njakazindini uzobona, phu!(He spitted) may God punish you, uzakutyiwa zimpethu uphila mfazi. Ude uhluphekise uSiphesihle kangaka yhini wakwenzani? Wangena utata erhuqa ibhunguza ehamba ngoku khawuleza before we knew it wayithulula intonga emlenzeni kamakazi saxhuma sonke uAmanda wakhala. Wasothula isikhalo umakazi saphelela esithubeni ngoba nelizwi wayengenalo kakuhle, wamnkankatha utata asanqanda tuu wabe emthembisa ngombulala emhleli ezimbanjeni. Wamvathela kamnandi kwathi ncoo kum emqhorha nezihlahla ezi udikwa kwakhe uSihle wanqanda, walahla intonga pha kude ogqiba wamthufela wayophuma emnyango, washiyeka uMakazi ethe folokohlo esofeni ngathi akasaphefumli. Amanda: Mama (emphakamisa) uright(she coughed) ndicela nize namanzi(I took one step ndiyokha amanzi uSihle wandibamba) Sihle: Yima apha Me: Oh hay ha.a ngeke baby Sihle: Ndithe, yima apha. Amanda thatha letywetywe yegqwirhakazi apha niphume niphele ngalomzuzu. Amanda: Ndicela undincedise Zipho Me: (I looked at Sihle, wajama) Hayi andifuni nam Sihle: Amanda, thatha lento uhambe. Amanda: Yiza mama (wamphakamisa wabe encwina) Barhuqana bayophuma emnyango kusebusuku kunjalo. Sashiyeka sihleli noSihle kungekho othetha nomnye. 1week later!!!! Zange sive nto from Makazi nenzala yakhe, ndandisaxhelekile yiyo yonke lanto ndayivayo uMrs Sokopo wathetha nam wancama endithuthuzela esithi mandixole ndabe ndisabindeke gqithi. Sokopo sisters babesithuka bebuza ukuba kwakutheni zesingababizi xa sibetha abantu, side sizimince sodwa. Its Saturday sizibukelele itv nobaby noOyi uSolethu ehlanjwa nguMabhayi. Utata walked in ekhawuleza. Dad: Andilate, Sihle ziphi izitixo zemotor? Sihle: hayi Mr Egg khange ndizibone Him: Ehh Wajika wabuyela eroomini yakhe waphinda wabuya. Dad: Ndiya kwaZoleka upheke ilunch. Sihle: Kutheni engasimemi thina? Dad: Inoba uyamfuna(waphuma ekhawuleza) We laughed and continued watching tv, yaqhubeka imini kungekho nto sizonwabele njengesiqhelo nabantwana bethu uOyi esiculela ejaiva sana encediswa nangutatakhe, sizibukelele noSolethu wam emane exhuma xhuma phofu ufunquliwe lomntu upavela nje uyise nodade wabo. Wafika wababoleka uBhayi wayobatyisa sashiyeka sizincokolela nobaby, my phone rang, it was tatomkhulu. Me: Molweni tamkhulu Him: Molo ntombam, kunjani? Me: Kuhle tamkhulu akhonto ninjani? Him: Siyacenga, sinomphanga apha ntombi. Me: Hayibo? Him: Ewe usishiyile uNoluvo kulentsasa kubi kubi. Me: Oh hay wethu tamkhulu Him: Hayi, yintoni? Me: Akhonto, alale ngoxolo. Him: Kuzakufuneka ubuyile ke sisi Me: ndizofika tamkhulu apha ezivekini. Him: Ooh, kulungile ke Me: Okay bye We hung up. Me: Ubhubhile uNoluvo Sihle: Ebesaphila na? Me: Cacile Him: Mxm, masi celebrate Me: Hay wethu Him: Ewe ndinazo ibeers pha efridgin. Me: Oh sela kaloku Him: Fownela uEgg umxelele, usose usithi abuye futhi Me: Hehe hay inene. I dialled my fathers number, it rang unanswered. I tried several times but ingacholwa. Me: Akabambi phone uEgg wakho Him: Ubusy indoda enkulu Me: Mxm Wahamba wayothatha ibeers zakhe ubaby wam waziselela. Wonyuka ufuthu wombela ubaby ndandingasamhleki. Wabuya uOyi wamjoina efenqeza notatakhe bekhalisa umculo. My phone rang, I ran to the passage and answered. Me: Hello Caller: Hello maam, can I please speak to Mrs Sokopo? Me: Yes, speaking. Caller: Youre speaking to Mr Jackson, is Mr Canda your father? Me: Mr Qanda? Him: Yes maam Me: yes Him: Hes been involved in a car accident Me: What? Who? Wheres he now? Him: At St Marys maam I cut the call and ran to the lounge. Me: Sihle utata has been involved in a car accident usesibhedlele masihambe Him: Hay maan baby sudlalisa apha, yiza mafaku shakeumzimba fenqe fenqe paka (singing) I ran to Mabhayis bedroom ndafika ebukele itv Me: Mabhayi utata usesibhedlele and uSihle unxilile, ndingxamile and ndothukile andikwazi ndingakwazi uqhuba Her: Hay mani Zipho ebetheni? Me: Accident Mabhayi Ill take a taxi ndicela uze ujonge abantwana. Her: Kusebusuku nje I ran to my bedroom ndafika ndathatha ihandbag ndabaleka ndahamba ndayomisa itaxi ndahamba. Ndathi ukwenyuka uya eSt Marys yangathi ndiyabhabha kumnyama phofu, my phone rang azange ndijonge necaller ndaphendula. Me: Hello? Caller: Siphesihle uphi kuthiwa umke ubaleka kokwenu uphi? Me: On my way to St Marys Caller: Okay, nathi sesizofika. Ndafika esibhedlele ndabuzisa, utata was in ICU ndaleqisa akwafuna ndingene, I was panicking kwazofika uMr and Mrs Sokopo, Sipho and Siphosethu. Ingqondo zabo zazi zinzile bona bafika baphola babuzisa uSipho wazondibamba sendiphambene ndifuna utata wam apha. Sipho: Uzobaright kaloku Hlehle maan sulila Mrs S: Yiza kum sisi(wayehleli esitulweni) Me: (I sat next to her) kuthiwa unjani mama Her: Ustable sisi We sat there sithule ndandi panica andifuni noxoka. Yaphela iyure sisahleli worried, wavela uDr exwaye izinto zakhe he anounced my father dead, it was 21h00pm. Yabangathi ndive kakubi isilungu esi wayesithetha ndachwetha uMrs Sokopo ndambuza ukuba uthetha ukuthini logqirha, she pressed her lips together zaphuma inyembezi kumama, ndavele ndaqonda nje ukuba ndive kakuhle. Andifuni noxoka zange kubekho nto ithi mandikhale ngalamzuzu but kwaye kwathi xhungu ngaphakathi kum yangathi ndinesiyezi. I sat down kwasuke kwamnyama kum. I woke up after a while sesisemotweni ndakhala kanobomu bathuthuzela bancama oomama, safika kwaSokopo ndenzelwa amanzi aneswekile yabangathi ndiyaqatsela. Kwakungebuhlungu kum ingase ndingacela umntu andithathele lepain sele ndide ndizidlikidla. Ndacela isleeping pills kumama wandicenga ukuba ndiqale nditye but kwakungangeni, ndanikwa nyani ipilisi ndalala. I woke up the following morning, Sihle was holding my waist. Him: Uvukile baby wam? Me: Ewe, ndinentloko ndicela undiphathele amanzi. Him: Okay baby He got up waphuma, ndangena ebathroom ndaxukuxa then ndahlamba ubuso ndabuyela eroomini uSihle ehleli phezu kwebhedi equbudile, immediately wavusa intloko wosula inyembezi. Him: Nanga amanzi love(he took the glass from the dressing table wandinika) Me: Thanks Him: How you feeling? Me: Okay Him: Seat here please(I sat) andazi noba mandithini kodwa am sorry nkosikazi wam I noded, wandigona and kissed my forehead. Him: I love you Me: I love you too, baphi abantu? Him: Umama notata base Southridge baby Me: Okay Him: Awulambanga? Me: No Him: Ndicela utye sithandwa sam Me: Okay Him: Yiza(he got up and held my hand) Sahamba saya ekitchen, wandenzela ukutya then sayotyela elounge safika kukho uSiphosethu. Kwakungekho uncokola nomnye kwade kwazofika uSnesipho elila uchomi ehamba noSiya, wandi hugga wavusa awam amanxeba salila. Zahamba iintsuku, apparently otata batshayisa inkomo ngaseTabase nomamZoleka yena she died on the spot. Kwalungiselelwa isingcwabo sikatata engandithuki umama katata endinukuneza esithi ndamohlutha umntwana wakhe nomamam sade sambulala masimngcwabe ke. USisCikizwa wayeluncedo kakhulu ke yena eyiphendula yonke lonto mna ndandingenawo kwa amandla. NesikaMakazi isingcwabo sasizakuba ngeSaturday elandelayo nesika tata kodwa ke ndamfownela utatomkhulu ndamcacisela shame he understood Yafika imini yesingcwabo kubuhlungu kum ingase ndimlandele utata wam, ndandikhala ndingayeki esingcwabeni andifuni noniqhatha ndandingaboni ncam eyenzekayo. Wabekwa ke uZizi washiyeka ezintliziyweni nomakazi noZoleka bangcwatywa ngemini enye. 1week later Ndandingathethi kakhulu, ndisakhathazekile futhi I didnt feel like talking about how I felt about my fathers passing. Id spend time with my kids ndidibane noSihle ebedroom xa silala. Hed send me smss telling me how much he loves and misses me, ucela at least ndithethe naye about about my feelings. OSokopo babesiza bazondibona but ndingathethi. Mrs Sokopo suggested that I see a Psychologist ndaqonda ke ukuba I am a Psych student ayikho into ezothethwa pha endingayaziyo. Kodwa ndavuma ke kubo ndabe ndizazi mna uba andizuya apho. Weeks passed, ndasendithetha nomyeni wam futhi siclose ngoku. Hed check up on me more than 5times xa ephangele. UOyintanda wam wayendiqaphela ukuba andikho right ngoba wayemane ebuza ukuba wayekelani uhleka mamam ndibenosizi shame umntwanam ndizisinekise. Ngamanye amaxesha athi Mamam, uphi Ste Egg? Khumbula mna ndingakwazi ukumphendula ndisuke ndikhale. UMrs Sokopo decided to take uOyi ayohlala kubo apha kuDecember futhi bazama ukumcacisela ukuba akasayikuze aphinde ambone uSte Egg wakhe. USne athi xa ezondibona aze naye. The Sokopos were very supportive as usual. Am currently in that space, hurt, angry, and disappointed. Banyanisile abathi life is unpredictable but ke everything happens for a reason. :( :( :( :( :( :( :( :( :( :( :( :(
Posted on: Mon, 15 Dec 2014 20:01:47 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015