Insert #11 Iintsuku zaahamba, utata wayengekathethi nto nge - TopicsExpress



          

Insert #11 Iintsuku zaahamba, utata wayengekathethi nto nge position esemsebenzini wakhe , I guess he wanted to get his facts right before he could tell Sipho. Njengba nam nje ndandithanda ukuphuncuka zange ndayithetha ndake ndazenza umntu. Ndandingafuni ukuvuyisa u Wawazela izinto ziphinde zitshintshe. Kwakungekho mnandi ukuhlala ngaphandle kwakhe ngoba ndandimqhelile , ndandimkhumbula umyeni wam. I decided to call him Sipho : mama ka boy Me : hey tatakhe unjani ? Sipho : ndiyaphila sthandwa sam unjani wena ? Me : ndiyaphila nam ..bendikukhumbula nje wethu Sipho : bendikukhumbula nje nam sana lwam , unjani u Siphe ? Me : u right baby and uyakhula Sipho : ey ingase bekusithwa ndilapho ..besizomkhulisa fast ngendlela yethu Me : inoba yeyiphi kanene leyondlela yethu ? Sipho : yoh inoba sendalityalwa...funeka khendize apho eKapa ndizozibonakalisa ubukho bam Ndase ndaziva ndishukunyelwa ngumhlaba wange zantsi. Me : kuse early nje baby umntwana kungona ezoyigqiba next week inyanga Sipho : hay baby wam soze kaloku , kwakunini ngoko . Me : ngumthetho wakhona kaloku funeke silindile Sipho : hayke kwam imithetho ibekwa ndim , so owakwam uthi xasidibane kuzobayilonto...noba ndingafika ngomso na kanti ..hayi angaphela kaloku u Mpinga kukugula Ndathi ndisamamele e founini ndincumile , wase walila u Zu Me : baby uyalila umntwana , masiphinde sithethe ngelinye ixesha Sipho : kulungile ke baby ...angakusokolisi ke u Siphe ..ndiyanithanda baby wam , ubulise nasendlini Me : siyakuthanda nathi baby , ndizokubulisela We hung up. Ndalala ngecala ndincancisa u Siphe, ndandimane ndicinga nje ezizinto bezithethwa ngu Sipho , ndincume nje ndedwa. Ndase ndazibona ndi busy no Sipho apha endlini yase khaya ,sivale iminyango yonke kungekho mntu isithi sobabini qha. Hay endihamba hamba u Wawazela emane ephakamisa umlenze wam ewubeka between his. Kwakumnandi ngathi ndihamba emafini ku smooth nje. Ndandimane ndineendawo ezikhalayo ezithi nywee ngathi kukhala umntwana. Ndothuka xandivuswa ngu Makhulu kanti ixesha eli lonke ndibiwe bubuthongo ndalala Makhulu : yintoni Ayanda wabe ukhamisile ngathu utya izinto ezingqindilili (jelly) umntwana uyakhala Me : yoh bendingamva Caba lo nywe ndandimenza kwakusisikhalo sika Zusiphe , umntana wam wayede ephuma iinyembezi while umama wakhe wayesabhabha emafini. Ndamthuthuzela ndamncancisa. Ndandingasencume ngathi bendiphiwe nyani , caba u Makhulu undijongile all this time. Makhulu : yintoni wase wancuma ngathi ubona amazulu? Ndase ndancumela kwa Makhulu lowo ngoba wayengayiqondi into yoba bendiwabonile nyani lawo mazulu. Me : ye Makhulu ukuphupha ulele nomyeni wakho kuthetha ukuthini ? Makhulu : yilento umayamayeka ...hamba uyoohlamba , akukho kwa myeni ngandawo apha sisilo eso, ayilunganga kwa yona loonto. Haybo ndakhe ndadana ndamjamela u Makhulu Me : uthetha ukuthini na Makhulu , bendimbona mos inguye ephupheni Makhulu : oh Ayanda mzukulwana wam usemncinci wena. Injalo yona , xa uphupha ulele nomntu lonto ayilunganga ...noba ungaphupha uleli nomlungu na kanti Me : yoh andabisa dana kengoku Makhulu : khawuhambe uyoohlamba uqinisekise ukuba uyamvasa u sisi lo Ndaahamba ndithyafile ndayoo vasa , ndizibuza ukuba ngoku ibimnandi kangaka lento ephupheni kanti yinto engahlambulukanga. Hayi kucacile ukuba ndandiyidinga I service ngoba ndandide nda excited kanti lonke ixesha ndenziwa excited ngumoya omdaka. Ndahamba ndayohlamba , ndazixelela ukuba soze ndayibalisela no Sipho ke le into. Ndandimkhumbula u Amanda but into yokuphelelwa kuka Sipho ngumsebenzi yayindenza ndingarhaleli nokumfounela , ndandingekho ready for ukumxelela . Ndandirhalela ukumxelela sendisithi ufumene omnye umsebenzi. Ndandingazi ke phofu noba izothatha ixesha elingakanani into yokufumana kwakhe umsebenzi. U Sipho had decided not to tell his parents about the situation , I didnt blame him but andimazi ukuba wayezobathumelela njani imali ngoba kwakuyinto ebabeyiqhelile. I had spoken to my parents about going back to school , and ndabaxelela ukuba ndifuna ukuya esikolweni ekuthethwa kuso I English kuphela. Ndandisazi ukuba kuzobanzima but it was something that I wanted ...I just had to make sure that I focused and listened. Andazi ke ukuba sasi zondibekaphi njengba kwakunzima kangaka nje. Ulwimi kaloku lwaluvele luqine lubeyi ntsimbi !!!
Posted on: Tue, 14 Oct 2014 06:32:49 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015