Insert 120 Le totoviyane engu Ziyanda ibizohlala kowayo ide - TopicsExpress



          

Insert 120 Le totoviyane engu Ziyanda ibizohlala kowayo ide ifumane umsebenzi, ebewufuna kwase Monti azosebenza ehlala kowabo, uThando yena ebezohamba a week before aqale ukusebenza ( which is the last week ka September) ndaba lonely engekahambi worse xa esenza wonke lamalungiselelo wakhe but ebendixolisa ngoba sizolandela soon nathi. Kuleveki ebezohamba ngayo ndahlamba impahla zakhe ebezingcolile kuba ebezohamba wednesday ndaqala ukulungisa monday, wabuya emsebenzini ndisenza i ironing ndipakisha impahla zakhe. T: why unganiki u sisi ayenze lento uyenzayo? Mna: ubusy T: since when eqhele ukuyenza nje? Mna: bendingafuni kumsokolisa T: mnike ke enze ezi ziseleyo. Mna: ndifuna ukuzenza ngokwam ziyeke sendigqibezela. T: ok! Thanks, it shows you care. Mna: I do T: I thot well go out sonke as a family. Mna: kunjani ksasa? T: ndifuna wena wedwa ksasa. Mna: ndingazigqibezela naksasa ke. T: uhlambile? Mna: uyadelela wena. T: ndibona inwele ezi zingalungiswanga. Mna: ndise busy njena! T: mandixelele omama balungise, sebuyile yena utata? Ndibook(e) u 7 Mna: andazi ndibone umama yedwa. T: mandibajonge. Ndasala ndingena eshoweni kuba benditshiselwa yilento yoku ayina, ndaphuma uThando seqoqe ezinto bendizisebenzisa, xa ndizoyolanda uTJ uba ndizomhlamba ndeva u dabs wakhe efuna impahla zakhe caba semhlambile. Her: ndicela impahla zika Miso T: linda uYolisa akukhuphele andizazi mna. Her: zijonge Thando or uze nazo. T: ngena pha uyanxiba umbuze, niyqnxibelana na ngoku nino Yolisa? Her: duh! Andinxibelani namntu mna. T: noYolisa ndake ndamthengela ilokhwe enje. Z: ndazithengela ke le mna zange ndiyithengelwe yindoda T: ngena pha umbuze. Her: mnxibiseni nina ke. Mna: ngena uzikhuphe dabs, weza, unxibe ilokhwe efana neyam tana akanazo nentloni. ndambonisa wazikhupha wamnxibisa. Mna: thanks (ndijonge lelokhwe) Her: dont thank me its my duty u Miso ngumntana ka bhuti wam. Mna: is that so! Her: kahle nje. Mna: mh! Her: okanye unegxaki? Mna: umthetho wakho uthunyelwe kum neh, ulapha emva kwam! Her: jonga ndizonxibisa uMiso apha andizanga kuwe so suqava. Mna: phuma umntwana ngowam uzonxityiswa ndim akandohluli. Her: oh sowufuna ukundibetha ngoku ndlavinikazi njengalo umbethe ekapa!( uve ngo Zoe akekho omnye) Mna: phuma Ziyanda mandingaziphindi, awundifuni nam andikuthandi so masingasokolisani. Her: fork! Who the hell do you think you are, the village girl who happen to hook the big fish in the sea of EL (shouting) Waphuma caba uyonxiba weza uThando. T: yintoni ingxaki ka Ziyanda na? Mna: andazi mbuze yena, ndatsho ndigqibezela uTJ. T: khawulezisani silinde nina ke, sagqiba xa si ready for ukuhamba wathi usayotshintsha. Mna: uxhesha thina kanti usezonxiba nawe. T: ill be quick, wakhawulezisa waphuma sahamba sonke, bendirhalela ke uthi andisahambi qha ndonqena ukuba yi drama queen yase village ndahamba. Ngumama owayekhethe indawo then thando did the booking, sayofika kulendawo ndingasenawo momdla ndazama ukuba ryt for the sake of my husband, ndimane ndithethisa uTJ azondihlekisa avele asabele okowasuka walala, yena uba ungene emotweni i 5min inde uvele alale. Sayofika wonke umntu ebonwabile ngaphandle ko Ziyanda ngoba mna ndiye ndazicenga.after sityile siye sahlala bemyala, abazali bohlala bengabazali bakuyale sowunendevu ezimhlophe, bemxelela ngobungozi begoli neztory zakhona abakhe bqziva ezinye bezibona etv(ini) umama ngokundweba wabuza nezi zindenza intloni izinto. Mama: yitshoni ke bantwana bam nahlangana njani? Kalok mna ndandisavaleke amehlo lelibhedengu linguZoleka ndangaboni nezinto ezintle eziphambi kwam (kwathuleka) Tata: mfazi subasazithetha ezadlula siyaphambili ngoku. Mama: ndiyohlala ndizisola kona tata kodwa ke uxolo lulo olwenza intliziyo ikhululeke ngakumbi xa uxolelwe. Tata: singabantu boxolo thina usathana makangafumani thuba lokusidungadunga. Mama: thethani kaloku silindile(undwebile lomfazi ezweni) ndathula ndajonga kuThando soze mna ndithethe lonto phambi ko tata. Mama: ndokhe ndive inkulu intwezayo. T: ndabona lentombazana indimisayo isoyika imibane ndamsizela ndampha i lift. Mna: uxokelani na wena? T: ndahlangana naye endleleni ebuya emsebenzini ndamthanda wandithanda and she was the one till today. Mama: susirobha wena sifuna ezi zingathethwa, wakuphoxa naphinda nahlangan yonke lontsomi edla ngokubaliswa ngabantu abathandanayo. T: mama kunzima yaz ukuzithetha ezinto phambi kwenu! Mama: suka utata wenu mna wafika elalini yam evakatshele kwamalume wakhe, ngoku xa diya emfuleni usezantsi bona ke bafike abafana bahlale apha phezu komfula azicelise amanzi, wena ke ekuziwe kuwe uzowacela kuwe ngoncumo niyandiva na? Akufunekanga ke umjonge ngqo, umane umba ubobotheke. T: nadibana emfuleni ke ngoku? Mama: ewe tyhini, bafika bahlala sayibona le ntsizwa yehla yachopha apha phezu komfula akazi uba ufika uzicelise amanzi, yena wathi ndicela ukuthetha nawe sisi ndicela igama lakho, ndqtsho ndathi ngu clever wakudalal lo. Tata: ndandizowacelelani amanzi ndinganxanwanga, ndandifuna intombi not amanzi. T: nanisokola nina, uyamphathela ke lamanzi ayowakha? Tata: uyawathwala wena ke uhambe apha ecakwakhe uzibike, xa ingxoxo ihlangana ubona ngoba athi mothule le emela ayithweleyo, hayke apho likhona ithemba abanye babejijwa nengalo ke xa bengafuni kwakungathandiswa bona. Mama: yayindicapgukisa ke leyo. (Thina siyqhleka njengoba bebalisa nje) T: siyasokola thina mos uthi umntu umnceda uba anganethwa akuphoxe thi akafuni kugibela yena. Mama: umbona apho ke umfazi, hay ovuma zonke xa ehla kule uyogibela kuleya. T: thats why ndingazange ndizihluphe ngokukhangela omnye umfazi nam. Mama: mgcine ke, xa umthanda simthanda oku kwethu. Ziyanda: pssss boring. T: what? Z: you marry her because ethe hay kuwe what if wayelinde omnye coz thats what they do. Wandincitha u Ziyanda e restaurant but ndathula kungazuthiwa ndaphendula ndathi.... T: uthetha ngantoni? Z: just ponting out a fact bhuti mna ndiyawazi lamantombi ahluphekayo they never miss a chance. Ndasukuma ndinobubi bona ubuso ndayochamisa u TJ ndake ndahlala pha endlini encinci ndakhokha umoya. Ndabuya ndahlala. Mama: sumhoya Yolisa lo uthetha into angayazi esileyo futhi. T: thats the thing I dnt like. Mama: eyiphi ngoku? T: le yoba nizomane nisithi makangamnaki abe eqhibeka nokusa uZiyanda, akayiqali lento ayenzayo and ive decided uba ndihamba naye it has never been a good idea ukushiya umfazi wakho kowenu uyosebenza kude, this is one of the reasons. Mama: hay Thando suyifaka iparaffin lento nawe, wena ziyanda suxabanisa okanye uphinde apho uvela khona. T: mama uYolisa uze ngam apha and ezinye izinto uzothula kuzo noba zimphatha kakubi kuba efuna ukhlonipha nina soze kufane naxa ekowabo. Tata: ndiyavumelana nawe nyana, asibikho thina imini yonke asazi uba kwenzekani. T: before ndibetha umntu mandihambe ne family yam, m glad ekhawuleze waziveza uba akamfuni uYolisa ngoba bekuzobangathi uyaxokelwa. Z: why wonke umntu ethatha icala lakhe, what about izinto yena azitsho kum? T: like what? Z: shes not a saint as ba nicinga ke tana. Tata: Ziyanda andizudelelwa nguwe uyandiva? Mama: kwenzekeni na? T: siyahamba thina akuseyiyo lento besiyizele pha, wena Ziyanda stay away from my wife,m sure 1day wont be too much for you. Z: so ndim o rongo Thando, is that what you are saying? T: I saw how you treat her, you can fool them (parents) not me, wena uphantsi kwesandla sika Zoleka sanuhlangana ngathi plz and I wont repeat myself I tell you. Mama: uhlangana phi Ziyanda no Zoleka, kanti ufuna ude ubone ntoni uba ayilunganga lantombaza, anditshongo kuwe uba hambela kude naye, hay usisicefe kodqa mtwana ndini. Z: u Thando introduced us ku Zoleka naye samthanda wamjolela wamshiya nje kanjalo ngoku masigijime emva ko Yolisa kuba kuthandwa bona, andizunyanzelwa mna uba ndithande bani u Zoleka ebryi freind kum. Mama: tshomanani kalk hay ngegama lomfazi ka Thando nitheni na, akancamini na yena lo Zoleka isebubushumani bodwa! Z: yen aethetha nje ngam ku Zoleka, watsho wathi awundithandi after undibonile ndise izinto zika Miso e flatini yenu and guess what, awuthqndwa ndim wena and nawe stay away from me. T: masambe Mna: ok. Emotweni u T ukhuphela kum umsindo owam uvutha ngaphakathi. T: ndihlala ndisiva uba asile amadodakazi ndizibonele today ndiphumile kwinto edibene noZiyanda makatshate abone uba sizoyi treater njani indoda yakhe, nawe ubothetha if kukho into engahambi kakuhle akukho mntu ebezoyazi uba niyaxabana but please get everything ready by wednesday siyahamba.
Posted on: Tue, 20 Jan 2015 08:38:59 +0000

Trending Topics



ss="sttext" style="margin-left:0px; min-height:30px;"> Armenia.. Armenia.. Well, if he worked to deny that, he has a
Momma... This is for you. I had a long talk on my way home... At
HOW TO GENERATE LEADS FAST ON FACEBOOK FROM ANY COMPANY OR
8 THINGS TO BRING WHEN COMING TO LAGOS SINGLES CONFERENCE 2014 To

Recently Viewed Topics




© 2015