Insert 172.. I dont know what happened next but ndive iskhalo - TopicsExpress



          

Insert 172.. I dont know what happened next but ndive iskhalo somntana, ndazama umjonga wabe usisi sele emthathile. Her : kodwa Lamla ndikuxelele !! Me : yima ndimbone. Waphuma naye ndisafuna umbona. Bendineworry kengoku, waphuma utata eroomin. Tata : yhu kwedini yabona ba ibisezamini zam bendizakugoba imbambo ngalenduku! Umwisela ntoni umntana ? Me : yi mistake tata. Tata : Lamla kutheni usisilingo ? Lamla yintoni lento xa utye utywala ungasoze uzinxilele pha kude ulingana nabantu ? Me : uxolo kaloku Mntlane Tata : rhaa kwedini, yeka obutywala! Me : okay tata anzophinda ndisele. Wangena uNdoda ehamba no Sim no Mlandeli. Ungene waza kum straight, hey lentwana ize ingxamile bendicinga izofika indilayite ngempama. Ndoda : tata yintoni lento uyenzayo ? Why ufuna ubulala umntanam nje ? Ambojongo lamntana unjani ke. Me : sutyhala ngegazi kaloku nyana yi mistake Ndoda : sundixelela lonto man tata, umntanam uvele umlahle nje phantsi ? Kodwa ngamasimba la uwenzileyo . Hay kodwa noba ndonile undiqhela amatswele uNdoda! Qha ke bendizothula kuba ndiwise umntanakhe. Akanophinda athethe nam olahlobo kaloku. Ndoda : izombona, umele ntoni ? Tata : uyababona abantwana bakho bazokubetha ? Me : yho hay soze balunge ndamfaka imbumbulu entloko mna. Wandibamba ngengalo uNdoda, ndaqonda mandimlandele ke nam bendifuna ubona umzukulwana unjani. Bendinxibe iBarker ke enyaweni and zi tiles pha endlini so iyatyibilikisa. Ndithe xa ndigqitha kubra wandibamba ngeskipa ngemva ndatyibilika ndabe ndixhaswa ngu Simnikiwe. Bandinyusa ngedonga. Mlandeli : kutheni xa kusithwa sumthatha umntana ungeva nje ? Me : ngoku madoda nizama ukwenzani ? Sim : uyasibona mos Me : nawe ngoku Simnikiwe ? Tata : mbetheni man uLamla. Ndoda : myekeni tanci, ndifuna azobona lamntana amwisileyo.. Bebesandibambile, wandinika intloko ubra ndavela nda dizzy, ba bendibethwa ngu Simnikiwe bendizomnyathela ke qha yilento bendibethwa ngu bra ndaqonda mandizithobe. Utata wayedlangothi umntu akalwi ku mkhuluwa wakhe kodwa ke ithi lonto yima ubethwa yenye indoda ? Hay noko ayitsho kaloku and ndiwise umzukulwana wam mos. Wandinika impama uBra. USimnikiwe ebendiyekile yena ngoku. Bendiziva ndiya ndibanomsindo ngoku nyani. Kaloku andinobethwa yindoda esindwa ngamasende njengam. Me : yabona ke bra uyandithuma ba mandilwe ngoku. Mlandeli : ndifuna lonto nje, ndiyabona ezinduma zikulentloko yakho zange zikwenzento Sim : myeke man bra Mlandeli : uLamla akazazi makanxilele phi, ngendimnyisa nangoku qha ndihloniphe nje uSbabalo. Sim : myeke man makayobona umntana qha. Wandiyeka ke ndazilungisa ndaphuma, umntana ebesalila nangoku ndaya kuye ebephethwe ngu Inathi, ndafika ndamthatha, bendidikwe nayilento wonke umntu ujonge kum ngoku ngathi ndiyi Tv. Bekukho nabantu belali ke. Ndahamba naye umntana ndafika endlini ndamnika idummy yakhe ndamthulisa then walala. Kum esifubeni. Ndoda : msapha. Me : uyambona mos ulele Ndoda : umphefumlela ngotywala mos ngoku. Me : ukhule ndikuphefumlela ngabo mos nawe. Ndoda : tata sapha lomntana Me : izomthatha kaloku. Bendifuna asondele azomthatha, bendizomkhaba esifubeni ndimlahle phantsi. Kaloku uNdoda uzibona elala phezu kwe Nkazana achame ngoku ucinga undiqhelile. Akamthatha waphuma. Kwangena uInathi, wafika wamthatha engakhange athethe ndaqonda mandibuyele ebakhwetheni, bendingafuni sihlale soy2 cause singaphela sisilwa iphinde ibeyenye ko bra. Ndafika ebhomeni kugcwele nangabanye abakhwetha. Themba : umwisela ntoni umntana wena ? Me : khange ndiwise mntana mna Themba : so mna ndiphambene lento ndiyithethayo ? Me : ingathi ngendihamba apha. Amvu : yima ndifuna sithethe. Me : iza ndikhaphe kaloku. Sne : akwaba bendikhona ngoku ubuwisa umntana ndizokuwisa ngempama nawe. Bonisile : khaniyekeni uLamla man yintoni ? Izogalela mntakwethu. Mni : hay makayekwe nyani usaluka wam yabona udanile. Nko : ndiyaqala umbona enyabe kangaka nam Bonisile : ngaske akunike impama kulamazinyo akho agqolileyo uLamla ngoku usathi unyabile, khona unayo inkazana Nkosinathi ? Themba : ukwazelaphi uzeka ? Nko : hay mandithule. Buza apha ku Lamla Me : intoni ? Nko : andizazi impundu mna ? Me : uzazelaphi ? Zange ukhuphe nembola nje wena Mni : haha zange ndabona ne panty nam pha kowabo Themba : ngubani phofu unofuna umntu ombi oluhlobo ? Indoda noko mayijongeke umntu wakho azokwazi ukubuka ngoku uphezu kwakhe ungabe ufihle intloko entanyeni Nko : masiyekeni lencoko ke Bonisile : mandikugalele ke mninawa nizoyoncokola no mkhwetha. Wandigalelela ke ndayibetha entloko, ndabiza uAmvu. Wandilandela ke sayoma qelele kunabanye. Amvu : uzandixolela ke andizothetha oluhlobo lwalapha xa ndithetha nawe. Asinosela thina ? Me : hayi. Amvu : bathi banxaniwe nje ababakhwetha. Me : mabasele kaloku ningaseli qha nina. Amvu : okay. Andiyifuni ngoku la caps ndandiyithengile, uzuye no Ndoda eTown uzakubonisa. Me : uyazelaphi yena ? Amvu : bendiyaleze uLunathi pha kuye, ndifuna omnye umhlobo we Vans uNdoda uzowazi. Me : okay. Umamakho ebefounile ke ufuna umphumo wakho wenziwe nase Peddie Amvu : nam bendifuna njalo, ndikhutshwe nje apha kwenziwe umgidi singanxibi then oSlumko bandikhaphe ndiye pha ndiphinde ndibuye sizonxiba kengoku. Me : nzobona iplan ke. Amvu : nilungise ke tata zikhona itaxi ezisuka ebhayi ezizayo emphumeni. Me : oLunathi baninika iphone apha ne ? Amvu : hay. Me : oh.. Ndiyahamba mna ngoku. Amvu : khayeke usela man ngoku tata ndide ndiphume apha, awuyazi noba ndigrand na apha nayizolo khange uze kanti umntu kuyafuneka aphathwe nangu tatakhe. Jonga oNceba bona otata babo baza qho Me : xa uphethwe ngo bra uyafana ngathi uphethwe ndim nje Amvu : zange undikhulisa kaloku tata lixesha lam lofeketha ngoku Me : ngoku sewuyindoda ? Amvu : bekufanele ulala apha undikhusele. Me : nzolalapha ke namhlanje Amvu : okay uthi kumama ndicela ichocolate ke uTanci akazithenganga Me : ohryt. Amvu : siphuma nini kanene ? Me : 26 Amvu : yho Me : injalo. Mandiyojonga endlini ke ndibuye. Amvu : sure. Ndahamba, naye wabe ehamba. Ndaqonda makhe ndimjonge unyanam. Ndaguquka, ebemhle man uAmvuyele. Ebeqabe kakuhle, bendibawela umfota qha ke imithetho yase bhomeni ayiyivumeli lonto worse kemna ndiyindoda angafotwa ngo Lunathi. Ndafika ekhaya uNdoda ehleli no Luyanda emncancisa ibhotile. Me : kuzofuneka siyijonga icaps ka Amvu ngomso Ndoda : ndiyayazi Me : oh, unjani umntana ? Ndoda : usenjeya. Me : ndilambile kanjani, kuphekwe ntoni ? Ndoda : andiyazi Me : yho! Ndaguquka ndizophuma, wandikhwaza uNdoda. Ndamjonga. Ndoda : undikhubekisile kodwa ngomntanam and soze ndikwazi ukuxolela tata! Me : ndingavele ndiwise umntana ngabom ? Ndoda : awuzisoli mos jonga uphinde wasela ? Uyazi qha ndibuhlungu yilento uyenzileyo. Inyembezi bezisehla ngoku kuye. Ey andiyazi ndithini kengoku.
Posted on: Sat, 20 Sep 2014 20:11:42 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015