Insert 23 Ndavuka ekuseni ndahlamba. Ndaya eLounge ndafika - TopicsExpress



          

Insert 23 Ndavuka ekuseni ndahlamba. Ndaya eLounge ndafika uMandisa ebonisa uAbubomi imivumba emzimbeni wakhe. Ndazixelela ndizolahlisa ketana andizuyithetha eyangezolo into. Me: Molweni bantwana basekhaya, yintoni nanqikana imizimba. Mandisa: Ndivuka umzimba wam ubuhlungu bhuti and unemivumba jonga apha ebusweni ndinemikrwelonje Abubomi: I wonder utheni ngoba khange ulwe and ubuleli uright Me: Mandisa undixelela uba into ibisenzeka izolo ebusuku awuyazi Mandisa: Kuqhubeke ntoni bhuti? Ndibethwe ngubani ndanje endibetha ngantoni? Abubomi: Ibisenzeka xeshaphi na Bhuti lento? Me: Hayi Mandisa ndothuswe sisikhalo sakho izolo ebusuku. Xa ndifika ulele kodwa uyalila and kukho into ezihambayo kula room yam kodwa bendingaziboni. Ze kube uyayeka ukhala ndincame ndathandaza. Emveni koko uye wavuka wabe uthetha ngabantu ebebezokuthatha besithi hamba nabo and walwa nabo. Uthethe nangoMama kaNana. Abubomi: Umama kaNana lo uyitshomi kaMakazi? Me: Ewe sisi ebethetha ngaye Mandisa: Haybo bhuti ulazinjani iphupha lam, bendiyiphupha le uyithethayo into. Me: Khange uqalise tuuu ukuyiphupha ibisenzeka. Unemivumba nemikrwelo lonto ibonisa ukuba ubusedabini Mandisa: Intoni? Uzundikhaphe Abubomi siye pha kuNana ndizoxoka ndithi ubulisile umakazi besiyomvelela. Ndifuna ubona lamama ngoba ndimbethe ephupheni wakruneka and ndimhambile ngamazipho ebusweni. If lento bisenzeka nyhani nawe ndizombona ngoqhwalela nangemikrwele. Abubomi: yhoooo, kutheni ndingayivanga mna? Me: Ungabiwa wena mntase xa ulele. Ubulele ingathi ulisana izolo. Mandisa: USisNokhaya somxelele Nokhaya: (engena) Ndixelelwa ntoni kanene? Abubomi: Zobona umzimba kaMandisa unjani. Uthi uvuke enje and akazazi noba utheni. Nokhaya: Hayi izolo ubumninzi umoya omdaka apha benizivile izinja? (Esondela kuMandisa) Yhuuuuu..... Kutheni wanje umzimba? Ngubani lo ebekubetha kanje ngemvubu? I narrated everything kuSisNokhaya noMandisa wongeza ke shame yena uthi ebephupha akayazi ukuba yinto ibisenzeka. Kungcoliwe apha phandle ke shame. Nithi ngoku nizihluphekelayo aske afike umntu nobugqwirha ungazi noba uzofumana ntoni. Bahamba uAbubomi noMandisa baya kuloNana. Yhooo wafika engathukisi uMandisa enomsindo ntanga. Nyhani bafike lamama kunzima noba jonga ebusweni sisazela. Babuye besithi bubomvu ubuso balamama bugcwelenje yikrwele. Khafane ucinge ubuso bomntu omhlophe buphinde bukrwentshwe bubanjani. Ekamakazi intombi yayimfuna apha etshatshalazeni isithi akanombetha ebusuku makeze nasemini. Ndaphetha ndingaphangeli loo mini ndaxoka ndathi kugula uMandisa. Zange abenenxaki uMrs Anderson waske wathi she wishes her speed recovery. Ndahlala endlini ndigadene neligeza linguMandisa ngoba linguphumasilwe. Yaqina imini uMandisa ndimbona iyamtya lento. Ndaske ndacinga yinto endizayithini na le yenzekayo. Into yobugqwirha yayilele tuu engqondweni yam ndingayicingi nokuyicinga. Wayepena-pena uMandisa ndimbona usezintlungwini. Ndancama ndabuza yintoni ingxaki. Me: Mandisa yintoni ingxaki yapena-pena? Mandisa: Ndiqaqanjelwa ngumqolo and uya uqiniseka Me: Ngoku uthuleyo uthi uzoncedakala njani? Mandisa: Bendicinga izode iberight kuba bendisele iPainkillers. Ngoku iya iqatsela Me: Uyalibona ixesha ziiPast 3 ngoku. Ukuba asimfumani ugqirha uzothini? Khawume ndifownele uDr Van Der Merwe Mandisa: Intoni? Ngcono ndingayi ukuba undisa apho kaloku. Loo umosha abantu mntu ndiye apho? Ngunotshe ke lowo. Me: Sithini Mandisa??? Ufuna ukufela apha endlini? Yiza necebo xa ungafuni ukuya kuDr Van Der Merwe. Mandisa: UDr Smith yena anganjani? Me: Iyafana lento aba bantu basebenza kunye. Ukuba uDr Smith akakho sizonikwa uDr Van Der Merwe. Mandisa: Ouch.... Ingathi kukho into ehambayo apha emqolo yazi and ihamba kabuhlungu Me: Khawuze ndibone lomqolo wakho. Weza ke waveza umqolo. Apha ngakwiSpinal Cord kwakukho into eyayizobekile ingathi siScorpio but zange nditsho kuye ndathi makangqengqe ndsiyebuya. Ndabaleka ndaya kwaSisNokhaya ndafika ndathi makazobona uMandisa undixakile. Sahamba noSisNokhaya safika ezibhuqa phantsi uMandisa zintlungu. Ndamtyhila emqolo uMandisa wayibona lento uSisNokhaya. Nokhaya: Mandisa ibiphi lento isemqolo ngoku bendikujongile ekuseni? Mandisa: Yintoni leyo? Nokhaya: Lento ingathi siScorpio mahn. Mandisa: Andiyazi sisi and lento iqale past12 ubangathi kukho into ehambaya apha kum emqolo and vele kuqaqambe yoshukuma. Nokhaya: Khawuleza ufune imoto Siyanda ndizoyibhatala. Bubugqwirha obu, uzofa lomntana xa sinoyiyeka lento. Me: Uthini na sisi, akakwazi kubhubha kaloku. Nokhaya: Baleka uye kuKing uthi ndithi ndicela asibalekisele eMbekweni imali ndizokumnika angabinaxhala. Ndabaleka okwegeza ukuyotsho kwaTatKing. Ndafika ehleli emthunzini, ndabulisa ndathetha ebendikuthunyiwe. Zange abe ezulisa shame, wakhawuleza waphakama sayigoba eya ekhaya. Safika sele kunzima ebile elithontsi uMandisa. Ndandisele ndinexhala noko ngoku ndimatshekile. Sahamba saya eMbekweni, zange ndibenazo nengqondo zobuza siyothini eMbekweni. USisNokhaya wayekhwele ngaphambili kuleBakkie, mna noMandisa sisemva. Ndandimana ndimosula ubila ndimseza namanzi. Yamisa imoto sagxidika, sangena kweluflat inuka kakubi wabe uSisNokhaya yena engene kwindlu enkulu. Yhooo ndavele ndamangaliseka lelivumba ndingalazi noba ndingathi kwakunuka ntoni okanye sasiphi, siyokwenza ntoni apho.
Posted on: Sun, 28 Sep 2014 18:39:09 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015