Insert 25 Ndandiqonda yuu hayi undicedile u mama nam kudala - TopicsExpress



          

Insert 25 Ndandiqonda yuu hayi undicedile u mama nam kudala ndizibona uba ndi fanny man ngase ndive yinton endlumzi kanye kanye.Kwakusele kuqala u july ngoku ke. Salungisa ke kuthe pha past 8 sahamba saya estopin sakwela sayindlela eya ku Dokotela. Safika noko kungagcwelanga kakhulu I think yayi yi 5 yabantu ephambi kwethi izitulo zi empty. Wabhalisa ke mama wenza yonkinto mna ndabe ndilele esitulwen ndandi nari man nyan. Wabe engena worry u Bulie mtakabawo esithi yu hayi yidungene leyakho ingulo iyandixaka andikafuni bhujelwa mtana klk mna yini uyintombi yam yokuqala neyokugqibela. Safola ke waye mane ethenga I fruit kodwa tu ungena kum wathi xa endinika ndinikine intloko yeyonanto yayimgqiba mpela. Emane endibuza ba andifuni na manzila. Mna: hayi mama. Yade yafika kuthi I turn eyonanto ndandiyinquphile ndandiyaz ubamxm u doctor uzobe endinika lo mayeza ayinqawaba ke . Sangena egumbini lika doctor. Dr: mama uzise wena noba umtana ? Mama: ndizise umtana. Dr : ukhala nganton umtana mama Mama: unentloko emgqibayo emphatha yonke le mihla kwaye uyagabha ,mvanje uske akacacela kutya. Dr: ok mama. Khulula apha ngentla nontombi ukwele ebhedini. Mxm ndandingayaz into esa ebhedini nyan qha ogqirha oko benza lonto fike bephefumlisa abantu. Ndadidikwe nyan. Ndakhulula ke aphe mantla ndazinika mama into zam ndakhulula nezihlangu zam. Ndaqabela ebhedini ngomzimba ongena xhala tu. Wandicofa ke u Dr endinyova nyova isisu.Ndabe ndisiva ba the more esicofa kubuhlungu ngathi ndinegaqa , ndazixelela ba yey lidliso nyan eli klk sozuve. Waye bukele ke umama all along. Wakhangela I pulse yam. Wenza into adume ngazo ogqiba wathi mandiphefumle , nam ndaphefumla ke ogqiba wathi mandihlale nge mpundu. Ndaphakama ndahlala. Dr ugqibele nini uya exesheni nontombi. Mna: (ndibala) klk ndandingasayaz nakakuhle , ndaphakamisa iminwe yam ndibala. Ndabuya nayo impendulo , ndigqibele ngo February Doc. Mama: wothuka wabeka isandla emlonyen. Ndandingayaz nemothusayo ke apho. Dr; wandinika into yochama , nyan ndachamba. Ugqiba kwakhe wafaka into engumcinga kulo mchamo mna ndabe ndihleli ebhedini ndingeka nxibi. Dr: mama ukhulelwe lomtana kwaye une nyanga ezi ntlanu. Mna: (ndatshwina) zandikhuze nokuza ndatshina hayi andimithanga mna. Mama: ayunyithanga nton wagiba inasi isisu wabe esolatha kum.Yini ndide ndi waste imali ndicinge uyagula yinton le undenza yona mtanandini. Dr : shhh ! Mama Wathula nyan umama yeman ndisibamba esisi sam kengoku sasiqine nyan man. Ndaqonda ndixelelwe into endingakhange ndiyilindele tu tu tu. Ndanxiba sendi mathile kengoku yayingaske ndikhale kano bom. Sanikwa ke ezopilisi saphuma sahamba. Ndandingasoyiki man ndingazi noba ndizomqala ngaphi umama. Wayonakele kulento yobuso. Sangena kwenye I restuerant wabiza I plate ze rice ezimbini umama ezine nyama yenkomo or eyegusha. Mna: hayi biza ibenye mama andizutya mna. Ndandisa cinga lomba ndingenayo nalo appertite. Mama: ngoku ndenzela wena ngoba awuyithi ichecken Mna: hayi mayibenye mama. Nyan ke yaza le plate watya umama. Ndabe ndiqubuda apha etafileni ngelixesha asatyayo ndandinukiselwa livumba lokutya kakubi man. Ndisaqubude njalo ndive ngomtu endikweca ndijonge yayi yi gl esebenza pha. Her: cc akulalwa evenkileni plz vuka. Andaphendula ndavuka ndabe nyikinya amehlo. Mama: hayi noko cc mxolele siphuma ku Doctor kwaye ufumene inaliti inoba ucubhulwe yiyo. Yahamba ke le ntombi. All along waye qhathwa ngumama. Kodwa nyan umzali bethuna uyaliquma inyala. Sagoduka nyan ke sayofika endlini ndaqonda inona ndingo fileyo kengoku. Mama: kuzofuneka usiwe nge weekend xa sele zingaka inyanga inene xa ingxaki iyeyakho soze uyibone kamandi ke no tata wakho uzobe sele ekona ngomgqibelo ngazi ba uzoyiva njani le yokhulelwa kwakho umncinci kangaka . Khandiyicinge tu le uyokhulelwa into ndithe nqa ungatyi nalo chicken inene mandohlulwe. Mna: yu hayi andizuyapho mna noba ndikhanyelwe yiske uthume umtu ayochaza qha. Mama: (eyihleka) klk kofuneka uyochopha ecaleni kothango. Mna: yilonto ndingayifuniyo ke leyo mama. Ndandicinga uzondibetha umama sheim kodwa zange andenze nix ndandineqhala lika tata nobhuti kengoku. Nyan ke wagqiba kweloba kuzakuthunyela umtu ngomgqibelo ayochaza apho kuhlala khona u Masie. Ngazuba akazukhanyela nayena,
Posted on: Thu, 02 Oct 2014 06:05:13 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015