Insert 35 Omnye: bekutheni zesingayiva ukunuka nje lentsangu - TopicsExpress



          

Insert 35 Omnye: bekutheni zesingayiva ukunuka nje lentsangu inuka kangaka. Omnye: besizoyiva njani ubusivale ngayo nje uyimpakuza uyixube ne boxer. Omnye: Thulani madoda akusancedanga naba besiza. Lafika ipolisa, Phumani! Baphuma bephakamise izandla xa bephandle wawa phantsi wazifisa lo wamagumboots. Polisa: ziweek ezinto, utheni umanzi wena? Omnye: kwenzeke impazamo wena mhlekazi. Babafaka iimpama kwataka nemifinya. Polisa: niphinde nilubeke kulelali okanye sibone abantwana bethu bengaphelelanga kuthiwa nibazekile ningabafileyo. Bonke: ewe! ewe! Mhlekazomhle soze uphinde usibone sikhulule nje wena. Polisa: buyelani phakathi babuyela ebayenini bam, babahamba ngemvubu bagcwalthafa bayongena edamini babalanda pha babuya nabo xa bengathi bomile bababuyisele ebhafini baphume bemanzi babathwaxe kanobom. Mnye: yemadoda ishubile ngoku, indoda nendoda iyosinda ngobulumko bayo. Ndeva kuvuleka ucango kanti kungena lo ebezifisile. Waphuma onye eqhwesha, bambiza bengamjonganga wazibuyela, xa engena emotweni. Polisa: ndithe apha Waya egijima wafika waguqa. Polisa: phakathi. Wangena ngezompahla wahlala waphuma endiza. Polisa: emotweni. Wayongena emotweni emanzi enjalo yavele yanuka ledyasi yakhe njengoba imanzi. Engasakhali amadoda amabini bengasenandaba noba baze nam sendibukele ndivule amehlo. Sahlala apho kwamnyama sebedumbile abayeni befinya negazi ngamanqindi. Kwakhala iphone laphendula ipolisa ladroper, masiyeni madoda babaphosela iiingubo uba bombathe basiwa evenini ngemva caba unenkani umyenam funeka atshovwe ukuze ahambe, kwakhala umva wesbham kwatakamazinyo angaphambili omabini igazi lagcwalumlomo. Wakhuza omnyeyhooo Thiza bancunca ukaya evenini bagibela namabini amapolisa. Kuthi kwangena lalinye laqhuba. Kwaqhumuthuli sishiya idam sibuyela endleleni zingaqhutywa nangesimilo ezimoto ihambe ibetheka kwale Cressida yabo. Sayongena endleni ndibabona uba baya bhamba kulaveni babetheka naphezulu. Polisa: nini aba nibulala isizwe sethu, nithengisa intsangu nikhupha abantwana eskolweni niyabendisa. Omnye: hay mna mhlekazi andazinto ndifike necawe. Polisa: ufike neyiphi ke wena? Man: elalini yabo ndingumfundisi bandicelile bandikhupha ecaweni uba ndibakhaphe. Omnye: yemadoda unjani na lomntu! Polisa: Thulani maan zinja ayivakali lento yenu. Saya kwenye indawo sekumnyama kunendlu yamatye ethe qelele ime yodwa kuyacaca uba kwakungamanxiwa abantu bakhona bathutha kudala. Banyathela i brakes ingathi babona ingozi ngaphambi kwabo, baphuma evenini begqunyiwe bafakwa endlini aphuma amapolisa laphuma neli lethu bathetha ngaphandle yabe isitsho ingoma phakathi. Omnye: buzoba bude ke ubusuku banamhlanje. Omnye: ndijonge lonto. Omnye: ndike ndayithetha ke into yoba asizuphuma siphila kule into. Kwaphuma endlini omnye kwaba bebekekela ekseni weza kuthi. Ngenani phakathi nina, baya begijima ndabe ndisalinde uba kude kutshiwo nakum , wabalandela bakhuza bengena yhooo Thixo wamazulu bangathi babuya umva wabatshova utsotsi bangena begqwegqwa. Ndeva ilizwi lika Antiza phakathi ndiyathetha mgodoyi uyakutsa! Awundazi uva besitsho athi xibilili amaxhala ndancuma. Waphuma u Antiza enxibe inkumpa nevest yengwe ne overall engayinxibanga yonke eyibophe esinqeni eyiqobile ezantsi efake i kayo star endala eqhunywe ephambene ndimbona ngobiso qha uba nguye. Antiza: Stharara sam, udrand? Wabe ebhayza. Hey ndiyathetha wena zidumaphi ngawe.......shame wothukile umtanam....ulyt toto? Mna: ewe Antiza Antiza: nxa phuma kwelidlavu lemoto, awulambanga? Babe ootsotsi besoja kukhona nesonka sombhako. Antiza: yidla ndikhona marara. Saya endlini wabe uAntiza ebekelwe istulo phambi komyeni kulayitwe nekhandlela wafika wahlala wabamba itotolosi kamkhwenyana emane eyigalela ngamanzi ekhandlela. Antiza: andikuzondi mtuwabantu ndilwa nalento ihluphayo ndifuna ibe nguwe owenza umkhankaso woba makudlalelwe kude ebantwaneni utsho ubabonisa ithumbu lenjabulo, elakho ke lizobe libolile. *watsho ehlaba inyama ngokhuni eyifaka emlonyeni, babe bezivale ubuso ngengubo aba bendigibele nabo bekhala bengenziwanga nto. Wasukuma uAntiza wandibamba ngengalo saphuma, Antiza: awufuni kugoduka ungazuwabona lamasikizi Mna: hayi ndihamba nawe late. Ungutsotsi kanti nawe Antiza? Antiza: Thiza iyaqhunywa intsangu rhaa soze ndiyidle mna lento. Mamela kudala ndayiplana le mini kwamhla nanisuka apha. Mna: udibene phi namapolisa? Antiza: ayingomapolisa ezinto ipolisa belilinye kudala lihambile ningekayi nasedamini. Yhoo uyayazi noba besike saya edamini. Mna: ndifuna ukumqhwaba ngempama Antiza Antiza: utsho bani ke, umyeni lo wakho? Ndamjonga kakubi. Antiza: hambo zama uba uzoyiva kosi azincinci nezizandla mtanam kodwa uzotsho uxole. Nam ndaya. Ndafika ndamvusa ngazo zambini wandijonga lo bhuti caba akayivanga, wafaka eyakhe uAntiza wamqhwaba wacimela. Antiza: injani le mfo wam *watsho espina esula izandla* Kwabe kudwele amaplastic esonka nawase boxer phantsi ecakwembawula. Antiza: mayitshwingoma. Baqale abafana bakaAntiza abothusayo bayitsho kudume indlu yonke. Wathatha iplastic uAntiza walibasa embawuleni elibambile labamba umlilo lenza idrops waya nalo kumkhwenyana zawela enyaweni waxhuma umyeni ebhonga yangathi iyenyuka ingoma waceluxolo ubhuti wakhe kungekeziwa kuye. Antiza: ucelela wena okanye yena oluxolo? Bhuti: ndicelela thina sonke sisi aphendlini ngakumbi mna. Wamlingisa ngempama zatshona phantsi kwengubo ezamadyasi. Antiza: vezamas*nd* wena. Omnye: mmhhh sisi. Antiza: mandingaziphindi awusosithulu. Ndaqonda i too much for mna le kudala ndizibona ezinto zabo ndama ngaphandle emnyango ndimane ndikroba. Antiza: ndizokulinda kude kuse uyenze ukhathale lento uyenzayo. Nangaya amanye akulindile. Wabe uMarys efika naye. Marys: hay nisestrong kulomsebenzi. Tsotsi: ayikhwiyenzanjani siyaphambili. Marys: qinani madoda. Waphuma uAntiza ephendula iphone. Antiza: abakafiki? Inoba babambeke phi ngoba kudala behambile....hlawumbi yonakele nyhan le moto yabo balala emzini ke....hay ndisenrlombeni mna....hay sisi uzofika ndikulindile. Wabeka iphone..... Antiza: lo ndizobe ndimlinde ngamehlo abomvu ksasa ndyakxelela. Kuzobola nje apha. Kwathathwa oomadyasana ngomnye utsotsi ephethe umbaymbay. Bangena emotweni. Wajika utsotsi wajonga kuAntiza emxelela uba uzojika, wabe uantiza engeva noba kuthiwani ejonge umpu wachama, Mfana: sisi uyandiva? Wothuka uAntiza wathi sebaleka waphinda wabuya Antiza: uyathetha? Mfana: bendithi ndiyajika mtomdala Antiza: wujike mtam uwujongise leee hay kum. Mfana: oh uxolo sisi. Wawujika wangena emotweni wahamba Omnye: ukhe woyike na nawe sister. Antiza: ndingumama kuwe...uba ibingulo umncinci hay noko....lo use ubemde kakhulu nembumbulu ishesha ifike. ******************************** ****See you Tomorrow*****
Posted on: Tue, 04 Nov 2014 10:28:13 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015