Insert 6 Kuthe kanti uZolani uyandibona ukuba - TopicsExpress



          

Insert 6 Kuthe kanti uZolani uyandibona ukuba ndiyambola-mboleka ngumsindo, wakrweca uLelethu wathi mabahambe kukho indawo ayileqayo. They later chanted Siyahamba ngoku saphendula ke nathi Safe journey waphakama uAthi wabakhupha wabuya. As soon kwamsinya and said Her: Heee Luvuyo, What happened between you and Zolani outside? Me:That dude is insane... Iyaphambana one way Her: Yhoo! why do you say so? Me: Undixelela ukuba uyandifuna and he is sorry for what happened izolo Her: Ngoku yintoni le ibikuthukisa watsho ngo Voetsek oshoqololo xa ungena Me: Indicphukisile la awti... Kodwa akho smoko ndidlule apho Ntokozo: Yhooo! Dilika ndonga ndiwele... uzakuthi zitheni na ezintwana.. Mna ndifundile ngokufika kwakho apha kule i-weekend.. I never knew that these guys bancekelela kanje Me: Noba zingadilika indonga, kuphele imifula angekhe ndenze lamanyala Sithe sisancokola ngalomba saphazamiswa kukubila kwe rice and Athi took it and rinsed it. She came back and said Athi: Nanku uMalume Me: Uphi? Athi: Gatini, Ntokozo baleka uthathe lama empty and hide them He did as he was told and we all ran and sat down eLounge kwabangathi besincokola ezakudala zaqwetywa intsini ngoko nangoko. Dad: Nqonqo Us chanting: Ngena Dad: Molweni batshana bam nawe nyana... ndiva intsini ndaqonda ukuba nonke niselonwabeni Us: Hahahahaha.... Molo Malume.. Unjani ngempilo? Dad: Ndiphilile maan, zinto nje zomhlaba, ninjani nina Us: Ngenceba zikaThixo sisaphilile Dad: Uphi uSisi? Us: UseMagxaki, usayokukhuza khona, uthe zesithi kuwe niyakubonana ngenye imini Dad: Andizobuza noba kufe bani ngoba andizomazi kwalomntu.. Hayke mandingabisahlala ndakube ndibuye ngelinye ilanga... Nyana masambe. I said my goodbyes and took jacket yam ndemka neDyani yam sagoduka. Safika endlini ndabulisa and went straight to my room and sat on top of my bed. Seconds later Xhanti calls Him: Uphi bra? Me: NdikwaLanga bra, Oko ndilinde uva kuwe ukuba sakudibanelaphi? Him: Ndise lapha but ndzoza kwelocala ndzothatha izinto, you dont mind to meet me pha ekhaya? Me: Its cool awtam, xa ulapha uzundazise Him: Sho sbali I lay on top of my bed ngomqolo and started to reflect on my weekend. There is one thing you should understand about me, I always reflect on everything in order to check throughout that experience what did I gain or loose, what is the hidden lesson and most of all, what did I learn from the experience. Whilst I was busy reflecting, i Heard a knock on my door Me:Ungubani? My little brothers chanted: Sithi Bhuda Chumani is 17 years and Avumile is 16.. These two were very close, they did everything together. Me: Ngenani ntwanaz Zangena ke zahlala phezu kwebhedi, they had this facial expression and I did not like it, ndaphakama and looked at them and asked Me: Yintoni? Chuma: Avu thetha... Andikwazi uyithetha kubhuti lento Avu: Hay hay, suyigqaya kum... thetha Me: Makwedini kuqhubeka ntoni..? (Pulled that serious scary elderly look) Chuma: Bhuti izolo ndirojiwe, lateki wawundiphathele yona eKapa.. Abatsotsi bandiqhwaba ngeempama nangamangqindi xa ndizama ukutshitshiliza... Zehla inyembezi kubo bobabini... Bhuti ndicela uxolo Ukubabona belila broke my heart. Ndasondela kubo and gave them a hug and said Me: Sanulila braz, whats done is done. Andiqumbnga ntwana qha uzungahambi ebusuku again asifuni zidumbi zi oyileki thina apha ngenxa yokufuna utshitshiliza xa uzophakwa (rojwa) We laughed Sakhweleni ebhedini sangqengqeni and I began to narrate ezam izitori zokuqala kwam ukuphakwa, they were laughing and happy, sazibhaqa sele sabiwayo bubuthongo. #TheLove_I_haveForThem
Posted on: Sun, 24 Aug 2014 08:51:32 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015