#Insert 60 Malume: Bo tata ndiyikhuphe yonke imbilini yam - TopicsExpress



          

#Insert 60 Malume: Bo tata ndiyikhuphe yonke imbilini yam kulento,nababantwana bathetha bonela,ndim lo ndigwebeni ngoko hlobo enilifunayo nina ukuba nindibona ndinetyala ukuba ubungqina benu buyananelisa rholani izagweba zenu nindibulale Ba sondelelana ootata behlebeza leyo bebeyihlebeza ndingayaziyo,bagqiba wathetha omnye Tata1: Akukokwethu ukugweba mfana na njengoko ubungqina bulenga lenga kodwa ndizophosa amazwi ambalwa ndithande nokuxolisa ukuba kuthe kanti siyakutyhola KODWA uba uthe kanti uphika into oyaziyo uyokugwetywa ngu Thixo wakho Tata2: Mfana ndiyekelela kuba umkhuluwa wam esitsho njalo kungekuba ndiyakukholelwa zintsana ezi bezingenakuxoka ngento emasikizi kanje bebengenoba nayo ingqondo yoyila iyelekenqe elinje,bazozuza ntoni bona kuyo yonke lonto?uliphumelele eli ityala kodwa uqhelile nje uzophinda nakomnye awusayi kuphuncuka kolandelayo oyakugwetywa ugwetyelwa neli U tamkhulu waphakama engakhange akhuphe kwalizwi umbona ba unxunguphele kodwa uthe xa ephuma emnyango wasibiza no Zoliswa basiphume sigodukeni nabanye basosa baphuma saphinda sasingisa apho besisuka khona kuthe cwaka emotweni kungekho uthethisa omnye usizi nentlupheko yomphefumlo ibhalwe ebusweni Zahamba intsuku unxunguphalo lusekhona ngakumbi ku tamkhulu ebesoloko ethule ezihlelele yedwa,qho xa ndiyobuthela u Mazoe bekufana ba ndiye ku Thando kuba u Zoliswa ebevela athule mna besendigqithile kulonto wethu,zandiyithetha naku Makhulu wam futhi Month went by ibingu December ngoku inyanga yam yobuyela e Kapa i must say i wasnt that excited phofu i was not excited at all besendiqhelile man ngoku ezilalini and bendingenamdla wala family yam yhu ha,a.U mama sent me a message nge details ze bus and everything and i thought i should call her back Mama: My angel(ebevakala othukile) unjani? Me: Mama ndiphilile wena Mama: Ndiphilile nam enkosi,uyifumene i message yam? Me: Ewe Mama: Uyakhwela ke ngomso yhu kunini sikukhumbula ntombi,inoba uyavuya nhe? Me: Ewe Mama: Uzene report yakho ke nhanha Me: Sure,bye bye (ndayibeka) Andizoyixela tu kele yongafundi akayazi noba ndabangumhlali wase Thuthurha kaloku yena enyinto u tamkhulu no makhulu abana phone bamana bethumela ngam ba ndixele izinto ndingenzi lonto kemna ndivele ndithi iku voice mail kodwa zabatsho ba ndiyixele le ka malume Yafika imini yohambo lwam ndavuka ekuseni ndalungisa,u makhulu(makazi ka tata)wandixhelela inkukhu for indlela wandipha ne R100 ndanyuka ndaya ku tamkhulu ne suitcase zam ndafika sebendilindele shame napha ndaphiwa umphako engakhathazeke u Mazoe man.Kwagqitywa ekubeni u Zoliswa uzosola ehlela pha nabo noba ndimkile na bebehleli bemdinga umntana oyintombazana kakade for ukuya e Gcuwa ayothenga ukutya,nokuya emlanjeni xa kuphele amanzi e tankini so ja ndabashiya ne number yam ba azandifownele xa eye e Gcuwa u Mazoe since ebengena phone Ndarhuqa ukuthi Kapa lodumo ntangam,e bus(in) ndachopha ecankomnye umfana okule age yo Thembela (15-16) owayesithi ngowase Teko springs not that far from e Mthonjeni apho ndandikade ndihlala khona Mfana: Uya eholideyini? Me: Haibo Mfana: Yintoni? Me: Ukhwelele ubuza indlela zabantu wena apha? Mfana: Lol haibo fondini ndiyakuncokolisa nje Me: Bendikhe ndathi ndifuna uncokola mna? Mfana: Utheni uyatrokwa na lento wasuka wanengcwangu Me: Yhiyhoo hay buzobabude obubusuku ndiyakuxelela,hlukana nam wena utsho ngerhwayibhani ebusweni Mfana: Liyoze lifike nakuwe elixesha,i stage sona asikhethi mntu Me: Kodwa andiqondi ba ndinganyinyitheka kanje ngawe,ungathi unamaqhakuva uphinde u shiner fondini sies Mfana: Hay ndikhwele nohili namhlanje,ungumni isduko ndyafunga ungu Mamngwevu wena qwakaza le yakho Me: Hay andiyonto e Mangwevini mna ndingu Mamtshawe Saqhubeka ke sincokola intliziyo yam yayibuhlungu ketana kushiya ilali ndandifuna nolila ingaske ndithi i bus mayindijikise,ndithe xa ndiqhala inkukhu yam yabe inganuki mntakabawo imuncu caba ndayivala ishushu shame yaphinda yakwi skhaftina se plastic ndayilahla ndazithengela i fruit Wayendigadile umkhaya wam e bus(in) shame kuba ndandivele ndilala nje mna ibenguye ondigadela iimpahla wayesithi ndimcingisa u sister wakhe amshiye emva ezilalini Ndafika eKapa ekuseni ndafika sebendilindele bandinika ezo hug zabo ndaya straight ekamereni yam ndatixa ndalala bendidiniwe nzobahoya ngomso bona.Makhe sijonge i Kapa lizondiphatha njani,u Centane yena bisisihogo ndiyakuxelela #I know its short,lets meet later im tired from church
Posted on: Sun, 30 Nov 2014 11:24:37 +0000

Recently Viewed Topics




© 2015