Insert 85 Andizange ndiyazi oluhlobo lwesikhwele livele phi - TopicsExpress



          

Insert 85 Andizange ndiyazi oluhlobo lwesikhwele livele phi mntakabawo ndayolungisela ukulala waze naye uLuzuko wazolala wafika wajonga edongeni kulanto yokuba ndingenzanga nto mos mna ndajonga kwelam icala. Ndavuka kusasa ndayovasa nda ironer into zam zonxiba kuba uAunty engekafiki ndanxiba ndasendleleni ndimshiya apho equmbile. Ndafika emsebenzini ndafounela uAunty ndimtshekitsha ukuba sefikile nha. Aunty: hee ubhuti akaphangeli nha sisi? Me: andimazi utheni? Aunty: koko elele apha. Me: ohk uzundixelele ukuba ude wavuka. Ndaqonda makhe ndi smsele uSvuyile eza numbers zika Aunty wa responder ngo enkosi. Yahamba imini wandifounela uAunty esithi akaphangelanga at all uLuzuko ndaqonda andizomfounela tuu. Ndasebenza ngelunch time ndaya kwenye icreche eseBeacon Bay kuba ndifunela uLwandle kanye kanye same street nale creche ndabona imoto kaLuzuko imise ifront of iBnB ndacinga he is meeting a client hlaumbi efuna ukuthungelwa something andahoya. Ndayifumana le creche ndahamba ndayo depositer imali ebank ndabuyela emsebenzini, yahamba imini ndagoduka later ndafika engekho endlini uLuzuko. Me: he bethuna tata lapha uphi nha? Makazi: umkile lowo akachaza nokuba uyaphi. Me: yhoo ohk lungisani ke Makazi siye esbhedlele. Makazi: akhonto ndizayilungisa mna ndiryt ngoku. Sahamba ndim nguMakazi noLwandle, safika uMakhulu uhleli this tym. Makhulu: yhoo kunini ndikhumbula uLwandle wam. Lwandle: uzagoduka nini Khulu. Makhulu: andiyazi mntanam. OLutho bashiyeke nabani xa ulapha Nomaza? Makazi: mathathwe nguBhuti khawume ngocinga abazukulwana wethu hoyana nempilo yakho. Sahlaleni apho sincokola noMakhulu laphela ixesha lovisitor sahamba sagqitha eKFC sathenga inyama kuba beseku late for ukupheka xa sifika endlini still akakafiki uLuzuko, ndabe ndiqonda ukuba ha ah ayifani naye tuu ke le yongabikho endlini ngelixesha engafouni ndamfounela. Me: hello Luzuko: hi Me: hayibo uphi? Luzuko: ndisendleleni eza apho endlini. Me: ohk. Ndalungisa ukutya for every body satyeni sabukela itv ndacela uAunty alungiselele uLwandle uya eskolweni ngomso. Sisabukele wafika uLuzuko wabulisa waya eroomin ndamlandela. Me: hayibo uryt ubuphi imini yonke ngoba khange uphangele? Luzuko: since when undi questioner xa ndingaphangelanga. Ouch ukuphoxwa kangaku umntu wahamba wayovasa eshowerin wanxiba ipjs zakhe ndamzisela ukutya. Me: naku kutya baby. Luzuko: thanx im not in the mood for itake away i thought uphekile. Me: kaloku besiye esbhedlele ndabuya seku late. Luzuko: hayike ndakulala ndingatyanga ke. Hayibo where is my sweet husband o understandayo kwenzeka ntoni na iseyilanto kaSvuyile nha hayi i dont think so. Ndavasa ndazolala i never felt lonely in my bedroom like that ebomin bam kwakunqabe ne kiss le. Ezinzulwini zobusuku yavibrater ifoun ka Luzuko ndazenza ingathi ndilele xa ndimjonga uyafunda yisms wa replier waphinda walala. Ndavuka kusasa ndayovasa ndanxiba ndahamba umntu usalele ndayodropper uLwandle eskolweni yhoo umntana wayengasalili xa ndimshiya eskolweni kodwa ndaphela ndimshiya nyani ndaphangela. Ndaqonda makhe ndifounele emsebenzini wakhe ndiqonde kwenzeka ntoni engaphangeli nje. Ring ring ifoun. Me: hello can i speak to Nandi, Luzukos P.A? Nandi: speaking. Me: Nandi uryt sisi? Nandi: ndiryt sisi ndithetha nabani? Me: sorry maan uthetha noZolisa. Nandi: ohk sisi kukho into erongo. Me: no ndibona uLuzuko engaphangeli kwenzeka ntoni. Nandi: hayibo sisi njani ungayazi uBhuti useleaven nje ibiqala izolo. Me: mnxmm ndilibele yonke lonto vha. Nandi: ohk ke sisi. Hee hayi kengoku andisaxoki khange ndiyazi ke leyo ukuba useleaven and khange atsho kum. Ndasebenza kwafika ixesha lukushayisa ndahamba ndayothath uLwandle still imoto kaLuzuko isame pha kula BnB. Ndamfounela wayibamba. Me: uphi nha bby? Luzuko: ndise Beacon Bay. Me: ohk nam ndilapha qha ndizothatha uLwandle ecreche. Luzuko: since when uLwandle efundana. Me: since today ungathethi nam. Luzuko: ohk got to go now ndibizzy apha nemeasurements. Me: ooh fyn. Yah what a relief atleast uyasebenza kulendawo akuyoku akhonto iwrong. Ndabuyela endlini ndafika ndapheka to avoid uchuku lwayizolo ndaphaka satyeni still engekabuyi. By half 8 wangena umntu wabulisa wateketisa uLwandle waye eroom washower again wabuya wazohlala eLounge ndamnika ukutya kwakhe watya. Luzuko: bby i think you should try ifresh vegetables not these frozen veggies zakho. Me: wow since when wakhalaza nge frozen veggies. Makazi: hoo oZoli zabe ziphi inzipho zabo xa be peeler icarrots njengba kubanzima netapile eli fike umntu ihour yonke koko epeeler. Me: hayi kaloku guys ningakhe nindipakele. Luzuko: really ke bby ifresh vege ihealthy gqithi, lonto uyekile ngoku ukuya egymin. Hayibo kwenzeka ntoni nha kum today ndasendahlaselwa.
Posted on: Fri, 04 Jul 2014 06:42:28 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015