Isahluko 10 (iyaqhubekeka) Simo: (esiya kuye nqo) Kanti - TopicsExpress



          

Isahluko 10 (iyaqhubekeka) Simo: (esiya kuye nqo) Kanti uzakuthatha oku kutya uthanda ungathandi! Ndizakukubonisa kakuhle! Lento inentswelambeko! Ayola: (ekhala kukoyika) Oh yini bhuti! Ndicela uxolo, ndizakuthatha ke ukutya kwakho. . Zange ayimamele yonke lo mbudane uSimo wangqala kuye, wamqhwaba ngempama wamtshova, wayokuthi tywaa pha phantsi u-Ayola ekhala. . Wamkhulula impahla uSimo wazikhulula naye, wathi xa kanye ezakukhwela phezu kuka Ayola, wangena xa kulapho kulapho uLisa wasibona eso simanga, akenza ngxolo, waya emva kwecango wthatha umtshayelo wangqala kuSimo wambhulula ngawo, wee tywaa uSimo pha phantsi, akamyeka umbetha uLisa de wabona ukuba uyopha kulapho waqonda ukuba makamyeke. Wabe sele ekhwaza unina uLisa mamakhe lowo ebemshiye emotweni. Weza ebaleka ke naye umama wakhe. Nkskz Mali: Yintoni? Kwenzeke ntoni? Lisa: (ekhomba) Ngula bhuti ebezama kukudlwengula u-Ayola. . . Nkskz Mali: Oh nkosi yam! (ejonga u-Ayola) . . Akakwenzakalisanga sisi? Ayola: (efixiza) Hayi mama akadanga wenzanto. . kodwa ndiyacela ningawatsaleli umnxeba amapolisa. . ebendinceda ubhuti Simo kwinto ezininzi. . ndicela nimkhulule. . Nkskz Mali: Kulungile ke xa usitsho. . (ejonga ku Simo) Wena ! Hamba apha phambi kokuba nditshintshe ingqondo. . Waphakama wabhuduzela ukuya emnyango uSimo engakhange ajonge emva. Ayola: Enkosi mama. . (ebuxakwa) Nazi njani ukuba ndisengxakini? Lisa: Ngumama ebelibele isitixo sasendlini pha kula sofa ebehleli kuyo kwanyanzeleka sijikile sizokusithatha ke . . . (esijonga). . Jonga, nasi ! Ayola: Oh ndiyakuva. . . enkosi ngokundihlangula . . Lisa: Kulungile mhlobo wam. . (ejonga kunina) Mama bendicela ukuza kulala no Ayola apha kowabo ukuze ndihlale ndiyazi ukuba ukhuselekile. Nkskz Mali: Hayi ayizukwenzeka lonto. . akukhuselekanga apha. . andisokuze ndibeke imiphefumlo yenu emngciphekweni. . koko ke u-Ayola uhamba nathi uzayokulala pha endlini. Ayola: Hayi akukho sidingo mama. . . ndizakuqinisekisa ukuba ndiwutixile umnyango. . Nkskz Mali: Hayi Ayola. . uhamba nathi uthanda ungathandi. . kufuneka sihlale siyazi ukuba ukhuselekile. . hamba kengoku uyothatha iimpahla zakgo zesikolo ukwazi uzohamba noLisa ngomso xa usiya esikolweni. Ayola: Kulungile ke mama. . Wahamba ke u-Ayola wayokuthatha impahla zakhe nencwadi, bahamba baya kuloLisa. Wabonwabela obo busuku wayebuchithe nomhlobo wakhe. Umntu akalahlwa ngova akanamgqomo!
Posted on: Tue, 13 Jan 2015 15:27:52 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015