Isaqalo sendlela eya ebomini bam emzini 30 Hayke i - TopicsExpress



          

Isaqalo sendlela eya ebomini bam emzini 30 Hayke i was handed over, Waphinda waphakama utata kaSipho Tata kaSipho : Ngoku ke elithuba ndilikela kooMama baphose amazwi kwababantwa babayale, emva koko nootata baphose awabo amazwi . Qalani ke boomama bakwaRhadebe. After a moment of silence, Waphalama ugogo kaSipho umakhulu Mablangwe wazochopha apha phambi kwethu. Before she could say anythind ,ugogo first shared her experiences a young bride, she mentioned that in their days it was a taboo for a girl or a boy to reach 20 single. Hayke waqhubeka… Blangwe : Mandiqale ndibhekise apha kuwe Sipho mntanomntanam, phofu ndizomana ndibetha intaka zombini ngaxeshanye. Niuabona kebantwana bam, inkulu inyo eniyenzileyo ukudibanisa imihlambi ibingazani. Namhlanje siyilembumba sizezifamily ezimbini ngenxa yothando lwenu. Uyabona ke Sipho mntanam uze uqinisekise ukuba olwancumo ndilubone kulentwazana yakwaRhadebe ngelixesha nisangana luhlala lukhona, ndingaze nangemini enye ndibone umntwana wabantu ephalaza iinyembezi ngenxa yakho. Lomntwana akazanga ntolongweni apha, lonto istho ithethe intoba wonke umntu welikhaya kuzomela amphathe okweqanda nje ngentombi yalapha nanjengoko bebesenza abazali bakhe.… Noku ke Sipho kuzomele uziqonde uba umdala, kumele kengoku ufeze indima uThixo awakusekela uba uyidlale nanje ngomntwana oyindodana indima yokuba yintloko yekhaya. Ukuba yintloko yekhaya akuthethi kuthi ube ngqwabalala, Hay Sipho , uzohlala phantsi nmolokazaza nibonisane ngayo yonke into lonke ixesha, nivele ngesisombululo nobabini, Ungabi nazimfihlo, iimfihlo ziuawuchitha umzi Sipho mntanam, Umhloniphe umntwana wabantu ngalendlela ufuna akuhloniphe ngayo, Uthethe naye ngembeko, nangentlonipho nangokuzithoba lonke ixesha, ungaze uphakamise lizwi xa uthetha naye, Nawe makoto umhloniphe umyeni wakho ngalendlela omhlonipha ngayo ungaze utshintshe.… Amankazana wohlukene nawo ukususela namhlanje.Sipho, amehlo akho anamathele kuMolokazana ube yindoda emfazi mnye nje ngiyihlomkhulu noyihlo lo, naye uMolokazana ngokunjalo. , Inkonzo yasekameleni yeyona nto ibalulekileyo, kuzofuneka ningayilibali ke, lilungelo lenu elo, ningayiqhuba nanini na nifuna ningazoyikiseli , Ngokwenje njalo ke nizoba nivala amathuba, ngoba baninzi ookrebe abazolangazelela ukuniqwnga phandlapha. Oluthando ninalo omnye komnye nilugcine lushushu lunjalo ukuze usathana angaze akwazi ukulofumana ikroba , ngoba usathana akafuni nokuwubona umtshato , ingxaki yakhe akafuni kubona abantu ababini bethandana, uhleli nje ufuna ukidala isiphithiphithi ukuwenza ningavani. Zenincede kebantwana bam niyilumkele lonto. Usathana ke ngumntu. ... Nizilumkele iitshomi, ningazibandakanyi nabangani abangokhiyo. Nihloniphe abantu abadala kuni ukuze imihla yenu uThixo ayolule emhlabeni. Ewe akuhlali kumnandi eluthandweni, kodwa ke kuzofuneka nifunde ukumelana nazo zonke iingxaki enimgathi nidibane nazo endlelwni, nizilwe ngokubambisana Sipho, ungayekeli umntwana wabantu atyiwe ngamaxhalanga ukhona, umkhusele, Ninakekelane ngamaxesha onke. …Okokugqibela ke bantwana bam, Nifikeleke, ningabaphakameli abantu. Amazwi amanintsi keMolokazana ndizowathetha nawe lamini sikityisa utsiki. Ndiyabonga, (Watsho ephakama eyohla endaweni yakhe) Hayke bamqhwabela izandla abantu, (Uyabona lomazwi kaBlangwe anditsho ndomelela). Emva koko Waphakama wabulela utata kaSipho wacela kuphakame uMama wakwaDlamini aphose awakhe amazwi , ukwenzela azothetha ekugqibeleni ngoba naye wayefuna ukuphosa amazwi. Hayke waphakama uQiqwa. Giqwa : Ndiyabulela Mkhozi, mna andinamzwi angako, uMkhozi uwatye wonke, injalonje ustho kwavokotheka. Mandibhekise apha kwintombi le yam. Linda mntana, sikukhulise ngentlonipho, uze undenzele lento ke mntanam, lentlonipho sikukhulose ngayo ungayishiyi emva ekhaya, uze ungene nayo kwelikhaya lakwaMthimkhulu. Umamazala wakho ngimama wakho, ngako ke kuzomele wakhe ubuhlobo kunye naye, umnike olona thando neyona ntlonipho esisimanga. Uhlonele omdala nomncinci. Xa unento ekuxakileyo, uyincokole noninakhulu lo nomamazala wakho. Umyeni uyaphekelwa, Manje mgoko ebesekwtshilo uMkhozi, umhloniphe ungaze uphakamise ilizwi nanini na xa uthetha nomyeni wakho . Nizigcine ngothando nembeko nokuthembana nentobeko ke bantwana bam, Enkosi (Watsho ehlala phantsi. Ebunyaniswwni ugaga kaSipho wayewathethe onke amazwi. Emva koko waphakama utata kaSipho wabhekisa awakhe amazwi kuSipho) Tata kaSipho :Nithethe kamna bomama, ukuba anivanga bantwana bam hay andiyazi. Ithi ke ndiphoswe amazwi mna apha kunyana ndibe sensiyivala imiyalo ukwenzela sizoqhubekea nomcimbi abaKhozi bangalambi. ( Sipho mfo wam, yabona ngoku uyindoda emadodeni, uzoba ngutata kungekudala, lonto ithethe intoba kuzofuneka uqale ukuziqonda, ube sezingqondweni. Lendlela ndinikhulise ngayo yile uzokhulisa ngayo abantwana bakho. Umthandw umntwana wabantu ngoluhlobo ungajiki. Andizange ndakubona usitya tywala ngoba zange ndikukhulise ngolohlobo, So ke mfo wam awuzuqala ngoku, ungaze use isandla kumakoti nam zange wandibona ndisa sandla kumamakho. Ixesha lokubuya endlini eseleliya lesidlo sangokuhlwa alikatshintshi, Amahlo akho uwanamathelise kulomntana wabantu, Abantwana abamkelekileyo apha ekhaya ngabenkpsikazi yakhp, kingaze nangemini enye sibone sekingena izisu apha kuthiwe umithisile, wena unomfazi ngoku, lonto ithethe intoba udlalela kude lee ezintombini. Andizuba satsala ngenxa yexesha. Emva koko wayivala, wakhulula abantu iba kungayolungiswa into yotya ngoba yayiseyivuthiwe inyama, kwatyiwa kwabhiyozwa kwaze kwasa, Ngamso baphungiswa bahamba abantu basekhaya ndashiyeka KwaRhadebe. Ndandisahleli emva kocango ndingekanxityiswa, bemane bengena ngongena abantu befamily ukuzondibona.
Posted on: Fri, 30 May 2014 09:28:42 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015