KUZAKUDE KUCACE. #25 Emva kokuba uLuyanda noSomikazi betyile - TopicsExpress



          

KUZAKUDE KUCACE. #25 Emva kokuba uLuyanda noSomikazi betyile isidlo sangokuhlwa, baye bayokuhlamba izitya bobabini egumbini lokuphekela. Luyanda: Lihle igumbi lakho lokuphekela lithe gabalala, ubonakala ungumntu oyithandayo into entle nekumgangatho ophezulu. Somikazi: Enkosi, kanti khange ndiqonde ukuba eligumbi lam lokuphekela likumgangatho ophezulu. Undenzela iintloni ngoku ngathi ndingumntu ophakamileyo. Luyanda: Hayi kanti andiboni mpakamo kuwe, ndiyakubuka nje kuba ungumntu wezinto ezintle nezexabiso. Ungakhathazeki ndiyayithanda lendlela uyiyo. Somikazi: Ndiyavuya ke xa uchazeka ndim. Luyanda: Lonto ngaske ndimane ndizokutya apha kwakho, ngathi oku kuphekwe nguwe ukutya kunempilo nangakumbi. Somikazi: Ungeza kanti andinangxaki, uyayazi nawe ukupheka yinto endiyithandayo. Nangoku ngomso ndizakuphekela umtshato oqala ngentsimbi yesine emva kwemini. Abancedisi bam bazakufika kusasa sisebenze. Ungathanda ukuba khe ndiyokubonisa indawo endisebenzela kuyo? Luyanda: Ewe ndingavuya kakhulu. Bahlamba izitya esosula uLuyanda, wazibeka uSomikazi ngendawo zazo. Bahamba baphuma ngalomnyango ungemva. Kwakukuhle umphandle lo phantsi unezitena wonke, kukho ke indlu enkulu ngathi liholo, inezitovu iitafile, iikhabhathi nezinye izinto zokusebenza ngokupheka. Kwakukho ke namagumbi alapha emacaleni, wona ayenamalaphu eetafile nezinye zokuhombisa xa kukho isici okanye umcimbi. Akukhonto wayengenayo uSomikazi, tshini yayifumile iyenza imali lenzwakazi. Wayetakataka ke ebonisa uLuyanda yonke into enomdla omkhulu wokubalisa ukuba into ethile uyisebenzisa entweni. Wayembukele onwabile uLuyanda yilento ayibonayo, kwezinye amane ebuzisisisa ukuba ihamba njani kulomsebenzi wakhe. Waphuma apho waya kwelinye icala wayeneegaraji zemoto zintlanu ubuncinane, weyeneemoto ezimbini zokuthutha ukutya okuvuthiweyo, enemoto enye yokuthenga ukutya okukrwada azakupheka, wayenemoto ahamba ngayo xa eziyela nje edolophini, enenye ahamba ngayo xa esiye enkonzweni naxa esiya kwiitshomi zakhe eyokubutha. Wayengawuvali uLuyanda umlomo, exakene nalentsebenzo yalentombi. Wayebalisa ke uSomikazi unabantu abaqeshileyo bokuqhuba iimoto zokusebenza. Luyanda: Ndiyinkukhu esikwe umlomo, uyasebenza Somi. Wawuqala njani lomsebenzi wakho? Somikazi: Yayingumama umntu endikhule epheka amagwinya nezinye ethengisa ekliniki, ezikolweni nasemabaleni ebhola xa kudlalwa apha ekuhlaleni. Ndiye ndayithanda indlela umama enza ngayo, ndalandela ekhondweni lakhe. Ukuphumelela kwam ibanga leshumi, ndiye ndacela kutata owayesebenza ekliniki engumantshingilane nakumama ukuba ndifuna ukuyokufundela ukupheka eBhayi. Babopha amaxotya ndaya, ndade ndafumana isiqinisekiso esivunyiwe kwisebe lezemfundo ukuba ndingumpheki. Ndaqala ngokuphangela ehotele kwaphaya eBhayi. Emva kweminyaka emithathu ndiphangela ndazithengela imoto ndabona ukuba mandizokusebenza apha eMthatha ndizivulele ishishini lam. Luyanda: Uphi utata nomama wakho ngoku? Somikazi: Bahlala ekhaya elalini batya umhlala phantsi. Luyanda: Bawenzile bawufezekisa umsebenzi wabo njengomzali kuwe. Ndiqinisekile ukuba banebhongo neqhayiya ngawe. Ibali liyaqhubeka.
Posted on: Tue, 28 Oct 2014 13:25:00 +0000

Trending Topics



="sttext" style="margin-left:0px; min-height:30px;"> Crock Pot Chicken Stew With Cheddar Cornmeal
Actress Kou Shibasaki is cast in upcoming Fuji TV live-action
MOTHERS DAY SPECIAL MENU (*ONLY

Recently Viewed Topics




© 2015