Kusekude engqinibeni. Kwanele ntozakuthi kudala sibukele - TopicsExpress



          

Kusekude engqinibeni. Kwanele ntozakuthi kudala sibukele ubundlobongela bukhula. Namhlanje kufuneka senze umzekelo ngalamasela. Loo nto iyakubangela ukubanabanje babe madolwanzima ukuthengisa izinto ezibiweyo. Emini uhamba nje unexhala labantu abaza kohlutha umnxeba wakho. Andifuni nokuthetha ke ngobusuku kuhamba bona bodwa, thina asivumelekanga kuba soyika ukudutyulwa nokukhuthuzwa. Andiyiboni ibubuchule eyokuba siwase emapoliseni la masela, kuba ngomso okanye kwanamhlanje aza kukhutshwa. Inye into emasiyibuze kuqala kukuba baqhekeze phi, ukuze bafumane ezi zinto zingaka zilapha phambi kwethu. Bephi abanye kuba andiqondi ukuba ibingabo bobabini. Abafuni kubethwa nje kancinci koko bafuna ukucokiswa. Ngubawo uTola lo wayethetha la mazwi ikwanguye nomhlali ngaphambili kumbutho wabahlali. Kaloku ngalo mhla kwakubanjwe amakkhwenkwe amabini enomabonakude. Kwathi kwakuyiwa ekhayeni lenye kwafunyanwa umculo nnedividi. Kwabizwa intlanganiso engxamileyo njengoko kwakucacile ukuba ezoo zinto zibiwe. Ndiyakuva Tola kodwa zesichule ukunyathela, kuba sizakuvuma siqhutywe yimisindo ngahle umthetho ubuye ngathi. Ulibale tu ngalamasela athe phuhlu amehlo apha phambi kwethu. Lawo ayephuma kubawo uNyaniso owayebonakala ukuba akahambisani kwaphela nomhlali ngaphambili. Zaphakama njalo ke izithethi kuloo ntlanganiso, bambi besithi akukho nyani baya kuyifumana kuloo masela. Abanye besithi mababethwe qha, bambi besithi zizinto ezifanelwe ukubulawa kuphele into ibithethwa. Abo babebonakala behambisana nomhlali ngaphambili. Amakhwenkwe ona ayethwatyhwa eqala ukuthandaza uThixo, ukuba ancede abengecala lawo, kuyo yonke into eza kwenziwa bangade babulawe. Awazange asokolise nokuxela amanye, engazange alinde kubuzwa ukuba babeqhekeze phi na.? Axela ukuba aqhekeze kwaJubisa kumzi wakwaMkefe apho kuhlala abantwana bodwa. Ayixela phandle ukuba inkcazelo ayive ngamakhwenkwe akwapha eJubisa angabamelwana aloo mzi. Angxengxeza edomboza ukuba umzi wenze ngenceba angade abulawe. Umama angathini indim ndedwa umntwana wakhe. Yasuka yaphuluka enye ithetha laa mazwi amanzi eziphumela kukutyhwatyhwa. Thula, ngokuya ubuqhekeza ubungazazi ukuba uwedwa kunyoko. Ngubawo uTola lo wayebuza loo mbuzo, ebawela ukumthi hele ngaloo ntonga wayeyiphethe. Emva kokuba evelelwe onke amacala kwagqitywa ukuba kuhanjwe nawo kuyiwe kuloo mizi babeqhekeze kuwo kwandulwe kuyiwe emapoliseni. Ubawo uTola wabethwa yivoti yena wayefuna babethwe kanobom. Ngosuku olulandelayo ubawuTola uva ebizwa ngunyanakhe xa kanye ilanga lichwechwela unina. Tata, kaloku kudala ndicela usithengele ikhompuytha. Yintoni kodwa tata.? Uyayazi ukuba nakuloMkhuthuka ikhona.? Mntwanam kodwa ufuna ndithethe njani nawe.? Ndingayithenga njani into elingana nomvuzo wam wenyanga. UTola wawubuza loo mbuzo emqwalasele uSiqhophololo owayebonakala ukuba ngenene uyayifuna loo khompuytha. Bathi besathetha wangena galakanqa lo mntu wayeyithengisa, kubonakala ukuba uze ngesigqibo sakhe noSiqhobololo. Nantsi ke tata lebhuteri ithengisa ikhompuytha ixabiso layo alingxoli torho tata. Wacenga njalo amehlo akhe engawohluthanga kuyise. Unyanisile thyma ndifuna nje amakhulu amahlanu ungayijonga nawe inento zayo zonke. Wangena egumbini lakhe lokulala uTola engxamile kodwa wakhawuleza waphuma. Nantsi ke imali yakho ungaphindi uzokuthengisa into ebiweyo apha. Wathi akumka loo mthengisi waphuma, ebhekabheka efuna ukubona ukuba ingaba akukho mntu umbonileyo ngelixa aphuma kwakhe. Ndiyedlula malume, ndithe mandingezi kuwe ndisaphethe la khompuytha. Ithengiwe kunjalo nje ithengwe ngumntu ophambili apha eQhugqwala. Lo mazwi ayebhekiswa kuNyaniso ngumtshana wakhe kodwa akazange amkholelwe. Ndikuxelela inyani lume ithengwe ngubawuTola uqobo, ngoku ndiya eMdantsane andiyi ekhaya eMtyholo. Kaloku mna ndinguphuncuka bemphethe. Intolongo kuye yayifana nekhaya uninalume wazama ukumjika kuloo nto wancama. Wayefunga ukuba kukufa kodwa okunokumohlukanisa nokona ukuba zisathengwa izinto azibileyo. Wathi akuphuma waqonda ukuba makhe aye kubawo uTola aqiniseke. Wathi engena wayibona loo khomputyha abantwana bexakeke yiyo. Uthi ke Nyaniso singaze sibenemali ngabantwana bethu abafuna yonkinto.? Ubona bexakekile nje le khompuytha ifike izolo, ndifike idivarhishiwe ngelixa bendisentlanganisweni. Kule mali ingekhoyo ndiyifumana ngenyanga kufuneka ndihlawule amakhulu amahlanu ngenyanga ngenxa yekhompuytha. Inene wasenza lo Rhulumente ukunika abantwana amalungelo. Banjalo bonke Tola. Wafane watsho ecela indlela exolile kukuzibonela. Inene kusekude engqinibeni. Waziva selesitsho ekhumbula amazwi kaTola ngezolo.
Posted on: Fri, 14 Nov 2014 11:41:38 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015