Ndicela undifakele admin. Ndingusisi ongekendi, kukho inenekazi - TopicsExpress



          

Ndicela undifakele admin. Ndingusisi ongekendi, kukho inenekazi esele lendile, bendikhonza nalo ze mna ndemka kuladolophu ndaya kwenye idolophu. Bendimthatha njengetshomi yam kwa eseyintombi, yonke leminyaka sikhonza kunye nangoku sele ndimkile kuladolophu akuyo. Ngenye imini sathi sincokola emnxebeni wathi akanazo iitshomi yena une acquaintances, ngoko ke unabantu abazi njeeee ukutsho oko. Yandibinda ke lento ndabona ukuba mandihle nomcinga, ndimyeke. Yaqengqeleka iminyaka emibini ke ndimyekile. Kulonyaka undithumela umyalezo kuWhatsApp uthi Molo tshomi yam ndiyakukhumbula, ubuya nini?. Ndothuka ukuba andibize ukuba ndiyitshomi yakhe. Ndamchazela ke ukuba nam ndiyamkhumbula ndakumxelela xa ndibuya kuba omnye wabazali bam uhlala kuladolophu akuyo. Zithini izimvo zakho mkhaya kulemeko? #SENSE
Posted on: Sun, 21 Sep 2014 16:20:15 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015