Ndisebenza epie city imanager yam iyandifuna oko ndaqala - TopicsExpress



          

Ndisebenza epie city imanager yam iyandifuna oko ndaqala ukusebenza phayana endixelela uba uyandithanda and utshatile. Ngoku caba kukhona oye wayoxelela inkosikazi yakhe uba mna ndifunwa ngumyeni wakhe. Weza umfazi wakhe phaya ezozithengisa ipie ngeendlela zokubona mna. Ndithe xa nditshayisa ndadibana naye wandiqhwaba ngempama engazange phofu wabuza or athethe nam. So mna bendingazi uba ngumfazi wakhe ndive ngomnye ebendihamba naye uba ngumfazi wemanager. Ngoku uthi lo sisi bendihamba naye mandiyombophisa ngoku mna ndiyoyika what if ndiphelelwa ngumsebenzi. Bethunana eneneni andithandani nendoda yakhe kutheni ezandibethela into endingayaziyo nje. Ndibuhlungu kakhulu futhi ndiyoyika kuba andazi next time uzondimela ephethe ntoni. Ndicela nindicebise ndithini. #Zaza
Posted on: Tue, 22 Oct 2013 17:24:46 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015