S2 Insert 64 Bekuthulekile emotweni, yona ibingathi iyabhabha - TopicsExpress



          

S2 Insert 64 Bekuthulekile emotweni, yona ibingathi iyabhabha ndabe ndingcangcazela ecaleni, bekunzima noku thetha, bendisoyika kwa Siya ngoku ngoba ebembi ebusweni. Kutshephi na sesi landelwa nje…. Ndothuswa kukukhala kwama vili we moto ne Gun shots ndavela ndangu Stefano ndawa bona amazulu evulekile.. ndazi qutha ndavala amehlo neendlebe, iinyembezi zazi phumela, bendingafuni no phakama ndijonge ukuba kwenzeka ntoni, ndandi ngafuni ukuthi ndithi ndiya jonga ndise ndi dutyulwe, ndandisoyika ukufa, ndandisoyika ukuba u Siya adutyulwe afele phambi kwam, emva kwe xesha kwathuleka ndasusa izandla ezindlebeni zam kodwa imoto yona yayisa baleka,ndeva isandla sindibamba emagxeni, andashukuma no shukuma. Ndeva ukuba asi sekho kwi tar road ngoku, singene kwi ndlela yomhlaba, ndaphakama kancinci, yamisa imoto phambi kwenye indlu emhlophe, ibiyi 1 landlu isendaweni engathi lihlathi, ndosula iinyembezi ndajonga ku Siya, I cleared my throat Me: “ku..kuphi apha?” Siya: “sothetha xa singa phakathi yiza” amehlo akhe aye bomvu, wabe ene veins entloko, ndaqonda mandingabe ndibuza into eninzi mandilandele imiyalelo, ndathatha I handbag nde phone yam ndaphuma, amadolo wam ayengathi a weak, u Siya wandi bamba sayo ngena endlini, kwabe kukho o bhuti abayi 2 benxibe I suits ezimnyama babe be serious apha ebusweni. Man1: “ Mr Tshakeni” they shook hands Siya: “ndingxamile, ndibheka ngaphi?” Man1: “this way please” salandela la bhuti, bendimana ndi fixiza, bekusasekho into ethi ndikhale, ndandisoyika lendlu ibinesi thunzi man isoyikeka sayo ngena kwenye I room upstairs, ibine gumbi elimhlophe, bekukho umntu ongu sisi khona elungisa I bhedi,wasi bulisa nge smile baphuma nala bhuti sasheka soba bini no SIya, wandihlalisa e bhedini wandibamba izandla ndabe ndisa ngcangcazela Siya: “Maka Aqha” ndamjonga Me: “mh?” Siya: “uzohlala apha until kube safe out there” ndase nda dom Me: “kwenzeka ntoni? Yindlu kabani le?” bendinemi buzo emininzi man bendifuna ukuyi buza ngexesha elinye Siya: “mamela love ndityiwa lixesha, andizu kwazi uku explain(a) yonke into ngoku, wena uzoku hlala apha until kube safe ngaphandle, wena relax(a) xa ufuna into u press ela qhosha u sis’Nandi uzaku hoya, ndinike I phone yakho” ebethetha fast, ndamnika I phone Me: “uphi u Zenande?” Siya: “uku Nathi, uyomfihla somewhere, asinokwazi uni beka endaweni enye” he kissed my lips ixesha elide, wandi hug ndamqinisa Siya: “kuzolunga sthandwa sam ndizoku fowunela ku sis’Nandi ne wena akumelanga uthintane nabantu abanga phandle” I nodded, wandincamisa futhi waphuma, ndasheka ndikhamisile kula room. Ndandine mibuzo emininzi, kodwa ndandiza kuzi fumana phi I mpendulo…u Siya udibana phi ne gun..ndaphakama ndazula la room ndabona I bathroom bekukho ne cango eli phumela e balcony, ndaphinda ndahlala phantsi, bendi phethwe nayi ntloko, ndakhupha I adco-dol eziyi 2 ebagini yam, kwatsho I knock emnyango ndathi makangene kwangena la sisi ebencumile Her: “Mrs Tshakeni, ndingu Nandi” wolula ingalo, we shook hands Me: “nice to meet you sisi, kodwa ndicela undi bize Amahle” wanqwala Her: “kukhona into oyi dingayo?” Me: “uhm, ngamanzi qha sisi ndifuna ukusela iipilisi” Her: “ubusowu tyile?” Me: “ewe” Her: “okay, ayeza” waphuma, wavala icango ndaphefumlela phezulu, waphinda wangena futhi wandinika I glass enamanzi, ndabulela ndasela iipilisi. Waphuma wathi xa ndifuna noba yintoni ndimbize ndavuma. Ndangqengqa ebhedini, bendizama ukucinga ngalento yenzekayo kodwa ndavele ndaba ngathi ndine ntloko eshushu…. Ndeva ngomntu endishukumisa, ndavula amehlo ibingu Nandi, ndahlala kakuhle ebhedini beseku layitiwe e roomini, Nandi: “lixesha le supper dear” Me: “mhmmm kudala ndilele ne” ndatyikitya amehlo Her: “ewe, u right ulale fanele ukuba udiniwe” ndanqwala Her: “yitya ke sisi, nantsi ne toiletry bag ne pyjamas xa ufuna ukuhlamba “ wandinika I tray eno kutya I toiletry bag ibiphezu kwebhedi ne pyjamas ze silk, ndayo hlamba ubuso nomlomo e bathroom ndayohlala phantsi ndatya u Nandi waphuma, u gqiba kwam ukutya ndabeka I tray phezu kwe dressing table ndathatha I toiletry bag ne pyjamas ndabona I sleepers phantsi ndazithatha nazo ndaya e bathroom ndatshixa ndakhulula ndangena kwi shower ndahlamba ndagqiba ndathambisa ndanxiba I pyjamas ne gown ngaphezulu, ndabopha iintloko kakuhle ndabuyela e roomini ndabeka iimpahla zam kakuhle. Ndase ndazi vela kwisi thukuthezi soku valeleka e roomini, bekukho ne tv ndabe ndingekho mdleni woku bukela I tv, bendirhalela ukuphuma khe ndizule kodwa bendi soyika uphoxwa. Bendi khumbula ne phone yam mna mxm. Ndaphuma ndayoma e balcony, umoya ubu phole kamnandi pha, ndabe ndizicingela izinto zam, ukuba ndizo balekiswa kude kubenini ngobani khona aba bantu befuna ntoni kuthi. Emva kwexesha elide ndime e balcony ndeva ukuba ukukho umntu ome emva kwam, ibingu Siya bendimva ngoku nuka ndabheka, wasondela wandi hug, Siya: “masingene ngaphakathi” wandibamba nge sandla sayohlala phezu kwe bhedi, kwangena u Luthando, ndaphakama ndam hug, Lut: “unjani?” Me: “andizazi intloko yam ihlanga hlangene inemi buzo endingenazi mpendulo” Siya: “well, nathi sinemi buzo one mpendulo yawo wena, mhlawumbe nathi sinazo iimpendulo zemi buzo yakho” yhoo Me: “buzani?” Lut: “uba bonile ebu sweni aba bantu bebeni landela?” Me: “I think so, bekukho abanye aba bini ebe benxibe Izikipa ezimhlophe ngoku besise restaurant ndiba bonile bebe phaya nabo, saya nase Mr Price no Zenande ndaba bona” bajongana o Luthando Lut: “uhm…aba bafana ububa bona bebe landela nina nyani ngabo abaya be benz ezimnyama, kahle kahle bafuna wena” my heart raced Me: “ndenzeni mna?” Lut: “Bafuna uku gqibezela lanto yayiseyi qalwe ngu Bathini, yi gang yakhe leya. Enye into bakwatile lento kwabulawa u Loyd no Bathi wena wasinda” zaze hlela iinyembezi u Siya wandi brush umqolo, ngu Bathini obe theni na lo ndavela namelwa bubomi. Me: “ni..yi…thathephi nina lento?” Lut: “siba fumene aba bafana bebeni landela, kahle kahle bathunywe yi boss yabo” Siya: ‘don’t worry nana,u safe apha sizo deal(a) nabo aba bantu including I boss yabo” hayibo SIya nawe na, andise xakwe Lut: “yeah, bona baninzi, so uzo hlala ixesha elide apha” ndaze ndavelelwa, Siya: “sizazo kubona everyday” Lut: “kuzo lunga nana, goodnight” waphakama wandi ncamisa esidleleni Me: “night” waphuma, ndajika ndajonga ku Siya
Posted on: Sat, 25 Oct 2014 20:07:29 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015