UTshawe utata ka Sipho uhlaselana noJwarha utata ka Bazooka,uthi - TopicsExpress



          

UTshawe utata ka Sipho uhlaselana noJwarha utata ka Bazooka,uthi uJwarha,"yhey Tshawe uDom umntanam maan akekho umntwana odom njengaye!" Athi uTshawe,"hahaha yhey uyadlala wena idom lentwana yam,ingu 1 ngobudom!" Hayke baphikisane apha ingulo ufuna ibengowakhe odom kakhulu,wathi uJwarha,"jonga ndikubonise,Bazooka yizapha!" Weza ebaleka u Zoo,wathi uJwarha,"baleka uyothenga isonka evenkileni!" Wabaleka uya u Zoo,wathi uJwarha kuTshawe,"uyayibona ke lentwana idom? Nantsi ibaleka ukuya evenkileni ingaphethanga mali,ingayazi noba izothenga esinjani!" Waphela uTshawe yintsini wathi,"jonga le yam,Sipho yizapha!!" Weza ebaleka uSipho,wathi uTshawe,"baleka uyondijonga endlini!" Waya ebaleka uSipho wabuya wathi uSipho,"uthi umama awukho sendlini,ubuhleli ngasebuhlanti notata ka Bazooka!" Wa fainter uJwarha! #Zwelie
Posted on: Thu, 25 Jul 2013 05:08:58 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015