#41 (continued). - TopicsExpress



          

#41 (continued). Waphuma waluvala ucango lwetoilet uThando ndabe ndothukile mna ndimjongile.. Thando : so ndisisidenge nhe. Me : uhmmm... Baby mamela nhe... Ndi....ndi... Thando : (endiqhawla) ndi ndi what!?...ahem mamela nhe soyixoxa ngelinye ixesha lento. Me : but ba... Thando : (endiqhawla) cela siyokonwaba tu. Yey hay sana yayingase ndithi vuleka mhlaba ndingene kuba ndandisoyika kwa lento ephole kangakaya. Wahamba endishiya ndime apho wathi akufika emnyango eflatin wajika wandijonga. Thando : Tray uyeza? Me : e...ewe ja ndiyeza. Oko ndandithintitha avha and ndandisazi ukuba nanini na ndizokubethwa apha. Ndanyoshoza ndisiya wangena yena nam ndamlandela. Ndathi ndisandongena ndambona ehleli phezu kwebhedi on the left side ngasemnyango kanye ndayohlala kwidresser mna wandikhweba esithi mandiyohlala ecankwakhe ndaya ndisoyika ndafika ndahlala kudana kunaye yho yandisondeza lanto ndathi ngca kuye. Ichomy zam zazimane ziteketisa and telling us how cute we look together and that we a match made in heaven... UThando oko wayehleka ebasela naye mna okoko ndandibambe igazi kunzima nokuba kuphume lontsini, uThando wandidlikidla ngathi uyadlala eloxesha nje endibambe iingalo uzifince kabuhlungu kanjani ekubeni enamandla kakade. Thando : Tracy lossen up yinton na wena! Tammy : heeee! Unentloni namhlanje. Anita : asuka Tray nton na wena!? Ndaphuncuka kwezozandla ndaphuma ndaya phandle wandilandela uThando. Thando : uyaphi!? Me : andiyi ndawo, ndidikiwe qha and ingath kukho nokudinwa. Thando : (laughing) hehe yey ulimenemene mntanandin, khawungene pha uhlale neechomy zakho wonwabe. Me : ndidiniwe Thando. Thando : should I drag you ndikungenise pha ngokwam!? Me : (ndijonge phantsi) no. Thando : then do yourself a favor missy and get inside now! Ndayongena phakathi zabe ichomy zam zonwabe zingobani zona ndim lo ungonwabanga and eyona nto yayindibulala is not knowing what Thando was thinking coz he was pretending as if akhonto ayivileyo. I sat on the bed on the right side ndazintyintya ngotywala wabe uThando ehleli phezu kwedresser emane endijonga ancume abethe nemehlo. Now the time was 4am uAnita wahamba noMabhuti then istixo sam sasekhaya ndasinika uPinky ukuba bafikele ekhaya inguye noTammy coz uTammy akanogoduka e.out...nyani bahamba bakhatshwa nguShane noTsepo kwashiyeka mna noThando and I knew the time has come. Thando : bekumnandi nhe? Me : ja kakhulu. Ndandingqengqile ebhedini uThando ehleli estulweni, ndaphakama kuba ndisithi ndiya etoilet ..ndaya ndaluvula ucango then I just sat on that toilet seat ndingenzi nix, I just didnt want to go back to that flat then I noticed that I had left my phone on the drawer by the bed on the right side and I knew Thando will page it worse I didnt have a password lock. Ndakhe ndahlala ixeshana etoilet ndava ngaye seyendikhwaza ndakhawuleza ukuphakama ndasabela. Thando : oh I thought you had gone home. Me : nah Im still here. I flushed then ndaphuma... Yho wayeme emnyango looking at my direction holding my phone ndanyoshoza ndafika kuye ndacela udlula so that ndizongena. Thando : phonile umntu wakho. Me : huh!? Haybo nguwe umntu wam njena. Thando : Tracy. Me : mmmm. I was acting dumb coz I had no other choice, he moved out of the way then I entered ndaphindela ebhedini..wavala ucango watixa naye wakhwela ebhedini then he put my phone on top of the drawer besides him then he laid on his back and stared at me then I stared back. Thando : why do you keep on doing this? Me : doing what? Thando : who did you say you love? Me : baby about that... Thando : (endiqhawla) about what? Me : ndilinde ndigqibe kaloku Thando uzondiva. Thando : ndizova ubuxoki nhe? Me : hayi. Thando : sit up ndizokujonga kakuhle. I sat up and he did the same. Thando : look into my eyes and say you not cheating. I couldnt do that ndaveske ndajonga phantsi kanti that was my mistake ubuso bam bavuswa ngempama eshushu yangathi ndizayowa ngapha kwebhedi wanditsala ngetop ndahlala straight and ndaziluma elixesha andifaka lempama ndaphuma igazi emlonyeni then ndamjonga ndinyembezana. Thando : yazi nguwe lo undenza ndibendlongo-ndlongo, why you doing this to me huh!? Ndikunika uthando lwam, intliziyo yam and you repay me ngeskhohlela!! I was just silent ndisula igazi eli lam nenyembezi. Thando : (shouting) yey ndiyathetha!! Andaxhuma maan ndakhawleza ndaphakama ebhedini ndama ecaleni. Thando : uphakama uyaphi!? Izohlala apha. Me : (I shook my head saying no). Thando : Tracy!! Me : Thando. Thando : iza apha. Me : hayi. Waphakama uThando waza kuma wanditsala ngenwele wandijula ebhedini wakhulula ibelt saying that he will teach me a lesson okomntana since Im acting like one, wandibetha ngalo ndandingasalili ndicela amaxolo hayi wayengandiyeki tu. Wathi akugqiba wandijamela with disgust written all over his face ndabe ndimanzi zinyembezi.. ubone ulile ude ubile ubenayo nentloko ebuhlungu? Yayindim ke lowo. Walinxiba ibhanti lakhe waphuma ngomnyango then watixa wandishiya ndinesingqala ndilele ngecala kulobhedi ubuhlungu ndawo yonke umzimba.....
Posted on: Thu, 24 Jul 2014 22:19:52 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015