Insert 57!!! Ndiye ndalala ndizisonge ndinjalo kulosofa yakhe, - TopicsExpress



          

Insert 57!!! Ndiye ndalala ndizisonge ndinjalo kulosofa yakhe, ubuthongo andibazi noba beza nini kodwa ndothuka pha xa kuzokusa ndiqhaqhazela yingqele umzimba ubuhlungu ingalo yonyele, ndathi xa ndichwecha ndisiya ebathroom xa ndizijonga esipilini ndibutyu butyu kudumba, Elinye imehlo livalekile, ndaphindela kulasofa bendilele kuyo ndafika uCwenga ehleli ngempundu azange ndimthethise ndayozilalela ndathula bendisoyika ukumthethisa aphinde andikhande ngamanqindi!! Ndafika ndahlala ngempundu nam ndisoyika novala amehlo ngoba ebesisilwanyana uCwenga ngobobusuku!! Waphakama wafika wahlala apha ecaleni kwam!! Him!! Kanya andisazicaphukeli, bendingenwe yintoni, yini ukubetha ude ubenje, yini ukumosha umkhitha, khona kutheni lento.ndjzokhuphela umsindo wam ungandenzanganto! Ndixolele Jolinkomo !! Ndamjonganje kemna ngoba izivubeko ezi andongeze zona zezi bezindilise esibhedlele ngoku yena undenza wes kungoba akumelanga ndonwabe mna. Ndaye ndaqonda ukuba ndiyamncama uCwenga namhlanje qha andifuni ukumndwebisa. Ndifuna nje andigoduse abe undigqibelisile, eqalile nje ukundibetha uyakundibetha okoko. Wathetha yedwa kum ndandingenayo nenyembezi enye! ndandimjonge njeee kuqhwanyaza imehlo elinye , elinye leli lalodumbile.Wathi asobona ukuba andimhoyi wayothatha ingubo wazolala apha ecaleni kwam walala! Uzokwethuswa yi alarm wavuka walungiselela ukuphangela ndathi makangandishiyi! Ndaye ndanxiba izinto zam ndazogquma ngejezi ngoba xa ndinogilana nalamama ndingalilifa lentsini!! Saye sahamba emane ekhuza apha endleleni ndandilijaja kukhathazeka apha ngaphakathi yini lendoda undilimaza kangaka ndingayenzanganto, kutheni namna ndizosoloko ndihlukumezeka phofu ndihlukunyezwa ngababantu kanye bathi.bayandithanda ngcono ndiyeke ukuthandana noko xa ingakhaliyo iyayekwa. Wayondibeka endlini oko ndandiwuvalile owam ndathi xa ndizokwehla wandibamba ngengalo wathi ucela sithethe,ndamjonganje ndahamba. Ndafika kanye sele ephangele ubhuty intombi nayo sele izophuma. Yakhuza ndingena isondibona ndayibona nje ukuba iphambene ngulombono wam!Ndaye ndamchubela konke wayecaphuka esithi mandimbambise uCwenga ndamxelela ukuba anduzukwazi into endizoyenza kukwehlukana naye ke qha and ndandigqibile ngaleyo. Waye waphangela mdimbona ukuba akathandi. Wathi uphuma kwakhe ndabeka amanzi ndawafaka ityuwa ndazithoba ubuso nomzimba wonke ndazirabha ndenza into etyiwayo ndalala ukugqiba kwam ndandicime nalophone ndingafuni kwanto izondiphazamisa. Ndathi makhe ndiphounele uPumlile ndandiphouna nje ndandidinga umntu wothetha kwaye ndandimazi esesikolweni kanty akayanga ndaphouna ndamcela ukuba eze ikhona into engxamisekileyo zange alibazise waye weza!! wakhuza engena nje asondibona ndalibeka lonke ibali yathi lanto thula uthi cwaka lendoda yakho sele ifuna mna ngoku and uncedile ungayibambisi ndizoyenzela isiko ngekati ngekhe ubebokoboko ubenjena kaloku. Ndaqonda ukuba ngekhe ndiphume naphandle xa ndinje and ngoku besele ndisoyika nobhuty wam ngoku ukuba xa enofika ndinje ndizofane ndithini!! Wahlala ndabe ndilele kemna ebukele itv uPumlile de kwafika ixesha lokubuya kukabhuty wam wamxelela ngobunjalo bayo into endehleleyo!! Ndeva xa esithi akulalwa namhlanje siya phaya kulendoda yoyika amanye amadoda ibetha udade wethu ndaphakama ndaya kubo ndandidumbe nyani ngoku ndivukayo waphambana nyani asondibona ubuty!! yathi lanto akulalwa!!
Posted on: Mon, 06 Oct 2014 19:35:36 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015