Insert 60 Bendihleli phantsi ndavele ndaphelelwa ngamandla - TopicsExpress



          

Insert 60 Bendihleli phantsi ndavele ndaphelelwa ngamandla kwabangathi ndiyaphupha. Ndawuva umoya wam udandathekile. Me: Kanjani na malume? Inoba uyadlala Mlm: Andidlali sisi, kuthiwa amathambo wakhe asemqolo ebesechaphazelekile, kangangokuba igazi belingasayi pha kulandawo alimele kuyo Me: :( Ngoku kubathathe ixesha elingakanani to see that? Uba bazosixelela sekungoku uba ingxaki ibiphi? Kungani kanti mna uThixo endivisa intlungu enje :( :( Why kungahambi mna emhlabeni? :( Mlm: Uze ungaqumbi uqalekise ntombam konke kungenxa kaThixo (wandihug(a) elila naye) Makhulu: Ungalahli ithemba njengomntu ongamaziyo uThixo, koko konke akwenzayo uyazi ukwenzelani uThixo, uzungaqumbi uqalekise ke Matogu, uze wazi uba uThixo unawe ngamaxesha onke, and akekho umntu osisimakade somhlaba sonke siyakubhubha nontombi ewe kubuhlungu kodwa yinto ekumele sazi ukuba siyayiphila. UThixo akakuthwalisi umthwalo ongaphezu kwamandla wakho. Nyamezela sisi womelele, ukhumbule emveni kwayo yonke lento kuzomele ubuyele esikolweni kodwa esikolweni uzokwazi uqhubeka only if uyadlulisa ngoku. Me: :( :( Kubuhlungu andisenagazi lam ngoku uLikho ibiseyinguye ebesendithembele kuye uba sophila sobabini :( :( Mlm: Myeke sisi aphumle ungamkhaphi ngazinyembezi. Yakhala ifouni yam it was Lethu couldnt answer it bendilila wayithatha umakhulu waphendula. Wamxelela uba uLikho usishiyile, ndingazi ke noba kwenzekani kuba wathi xa egqibotsho kuLethu ndambona ejonga ifoun okomntu ebesethathe yabekwa phantsi ifouni. I felt so numb umzimba wam uphantsi. Salala uKamva ibingathi uyaphambana ethetha yedwa nasebusuku njengoba ebelala nam. Savuka ekuseni Kuye kwafika abantu abacawa nomakhulu bezofaka umthandazo bekusesekuseni ngabo6 sivuswe ngumakhulu. Ndavuka nje ndahlamba ubuso nomalume wavuka ndavusa uKamva, ndaya ekamereni kaAnathi ndiyomvusa, xa ndifika ulele ebhedini, ndimvuse ashukume wonke. Ndamkhwaza cwaka uAnathi xa ndimtyhila ndafika endijongile kodwa akaqhwanyazi ndabona uba uswelekile. I cried ndibiza abantu Me: Malume, makhulu yizani :( :( Bangena Mlm: Yintoni? Asanda? Anathi !!! Anathi !!!! Me: Andazi Malume uswelekile uAnathi ushukuma wonke malume :( :( Wavele wawa umalume, bangena abamama besiva ingxolo ekamereni, wavele wahlala phantsi umakhulu ephelelwe ngamandla. Wathatha ifoun omnye womama efounela amapolisa neAmbulance. Ndiye ndabona inote ebiphezu kweheadboard, ndayithatha sabe sisalindile amapolisa. Kwafika iAmbulance yathatha umalume yahamba naye. Kwafika amapolisa abe ebuza uba kwenzekeni bekungekhomntu waziyo uba kwenzekani. Abhala esostatement ke sam esingavakaliyo kuba ndifike sethule nam. Aye akhangela endlini abhaqa imbombozi eyi1L yamasi xa eyinukisa inuka ipetrol. Umalume ubanepetrol ehlala ikwi20L egarage wenzela xa iphele ipetrol ebgayiqondanga azozifakela. Kucaba usele lo1L yepetrol. Amapolisa aye afounela iharse ethatha noba ngubani na othe wasweleka yasesibhedlele sezidumbu ukuze azohlolwa uba ubulewe yiyo nyhan na. Iye yafika yamthatha sashiyeka umakhulu oko ejongile qha engathethi kodwa ephefumla ngapha uKamva ukhalela kum kodwa nam ndiyakhala. Bafaka umthandazo wabe umakhulu elila. Kuthe xa begqiba ndabakhomba into zokwenza itea bazenzela itea, bahlala bemana ukunika umakhulu amanzi wade wehla. Ndiye ndabona akuzundinceda ukukhala apha mandiye esibhedlela ndiyobona umalume uba unjani. I had to go with Kamva kuba ebelila oko endithe nca. Nam ndiyalila .........To be continued..........
Posted on: Sun, 14 Dec 2014 12:22:35 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015