Insert 76 Andinandaba naye noba angandijonga ngawerhamba wona - TopicsExpress



          

Insert 76 Andinandaba naye noba angandijonga ngawerhamba wona amehlo andiwoyiki sendidikiwe maan nguye lomama plus nalento inguThobani kanti yena uyazi bhanxa nje andizoya kwandawo shame uyabona uZolani wandifundisa ukuba ndiqine ndimelane nobomi ngoku lo unguThobani ufike sendomelele shame andinastress sakhe andiyiyo mna indawo yobhanxela uzobhanxela phaphandle shame ndizombonisa amaqhekeza engqele. Mandisa::yhuuu Sazi umbethile maan uThobani ungaphinde uyenze lonto indoda le ukuba uyayibetha uzoshiywa kesana ndakuxelela mna ayikho enonyamezela ungonjwa ngumfazi....kange ndimhoye uye washwaqa yedwa ndabe ndithutha into zakwam mna ndiyozifaka etruckini. Thobs::baby izokhumbuleka lendlu ne. Mna::ewe sthandwa sam. Thobs::I love u Asa. Mna::lav u2 Qwathi wam uzuphinde nje umoshe uzodibana nephini ndakuxelela. Thobs:::ahahahaha ndikuyeke nje kuba umoshile wena otherwise bendizoku ayina mna sana. Mna::kkikiki utsho ubuzondiluleka kuba ndishwabene...ndatsho ndimbhantsa naye wandibhantsa wagqiba wandifunqula ukuyongena emotweni wandivulela icango wandifaka. Thobs::yhuuu usisidudla maan mfazi wam. Mna::oh..ndaziqumbisa. Thobs::ndadlala ke slender sam maan wena.. Mna::mna mxim suka wena mr bone.. Thobs::usile kengoku ngubani mr bone ndakubetha. Driver::eer xolweni bhuti sigqibile kengoku singahambani. Thobs::ok..siye sakhwelani sonke uMandisa wahlala emva. Sihambile sofika emosselbay endlini yethu mmmmm ibintle shame yabona ibine loni nemithi nezitulo netafile senditsho impolo ibininzi hayi shame umntwam usebenzile ndiyayithanda lendlu. Mna::baby. Thobs::mmmmmm. Mna::enkosi ndiyayithanda lendlu...wandijonga wagqiba wancuma wandibrusha isidlele. Thobs::eyakho le indlu mfazi wam ndifuna siphole apa kunye nabantwana bethu. Mna::mmmm ndinombono besihla benyuka kuleyadi. Thobs::beleqana...ndiye ndasondela kuye ndamphuza uThobani indoda elungileyo kwaye uyandithanda ndisuke ndingayazi ukuba kuske kuthini. Siye safaka ifurniture yethu ababhuti basincedisa sade sagqiba umama shame usebenzile naye kelonto ebethule ethe cwaka emva koko babhatalwa bemnka..ndiye ndaqalisa upheka kuba bekulate ikitshi lam belilikhulu kwaye lindifanele bendizula zula kulo ndincumile kowu ubomi buyaqhubeka noxa nje kubakho izilingo.ndiye ndagqiba ndaphaka ndabasela ukutya.sitye sagqiba ndaqokelela izitya ndayozihlamba ndabuya ndohlala nabo eliving room. Mna::kuphole kamnandi kulendlu yazi noko ingqondo yam izotsho iphumle. Mandisa::ewe shame kelonto uphantse waziphosanisa nempolo.. Thobs::so kusasa mama uhamba sendibhukishile ibhasi yakho. Mandisa::ewe yhuuu..zenindincede nimhoye umntwana ka Chwayita...kwavele kwenyaka kum ngaphakathi sele embiza umqhela nje loChwayita ebembonaphi okanye ndim lo uvalelwe ekamireni phofu mandirthule. Thobs::hayi sizokwenza njalo maah. Mandisa::umamkele sana lwam lamntana akanzanganto yini bawo...ndiye ndamjonga nje mna andaphendula ndiyazibona sendamkela umntwana ophantse waqhekeza umtshato wam neva. Zihambile intsuku nomama sele wahambayo yonke into ibiryt kum noThobs wam sithandana hayinje indaba yodlala.iskolo bendisifumene nam noko kuthe xibilili..besendiqalisile eskolweni noThobani ephangela...ngenye imini ndithe ndibuya eskolweni uThobs ebendithatha qhoo late..ndifumene imsg frm uNothemba.. Ithi. Asanda sisi ndiyathemba ukuba usayonwabele imosselbay nathi ngapha sisonwabile..sana lwa lanto ndandisithi ndifuna ukuxelela yona kukuba ndiyagula ndi HIV positive ndoyika ukuxelela ngelaxesha bendiziva ngazo ezindaba ndizive ngoku bendikhulelwe uLisa.utata wakhe ubhubhe enayo ngenxa yam..ungabineworry ndisaphilile kuba ndiyazisebenzisa iARVs.ndikuthanda ngentliziyo yam Asa ukufika kwakho ebomini bam ubenze baqhubekeka ndandicimba mna asoze ndiphinde ndibeyinto ebomini bam enkosi Nkosazana yam..bye. Ndithe ndigqiba nje ufunda lemsg kamama ndabe ndiyinyididi..yini umama wam emhle kangaka azofunyanwa sesisifo kucacile kudala enaso engazazi qha. Ndiye ndamfownela akayichola ndammbalela imsg ndimxelela ukuba ndiyamthanda okwam sikunye kulengxaki qha yena azinakekele uyosoloko esentliziyweni yam.. Thobs::babs intoni walila kangaka andithandi xa kunje. Mna::hayi love akusiyonto qha ndililiswa ngumama indlela athi uyandithanda ngayo....bendingafuni umxelela uThobs ngalento hayi angeke kaloku. Thobs::hahahah hayi suka wena uyatefa vha. Mna::mxim ndiryt vha ndifuze wena...ndazifaka esifubeni sakhe mmmmmm besishushu kamnandi futhi bendiziva ndikhuselekile kuye ngoku xa kuzobakho oChwayta abafuna utahtha indoda yam hayi angeke ndokulwa kuqekeke intsula not ngoThobs wam., Zihambile inyanga ibingu june besibhala imviwo.oh ndilibele unixelela ukuba sasiyile ukuyocleana fr sibenomntwana noThobs.bekumnandi kuthi sonwabile singumtya nothunga noba sisetown sihambe sidlala sibambene futhi..so bendibuya eskolweni lemini ndaqonda make ndiyojonga umyeni wam emsebenzin wakhe ndithe ndisahamba njalo kwamisa imoto ecaleni kwam mmmmm umfana wakhona ebengamhlanga qha ethandeka. Him::hello sisi unjani? Mna::ndiryt bhuti wena? Him::ndiryt ndingu Ayanda igama lam wena. Mna::ndingu Asanda...kange ndibize le kasazi mna ndibize elam igama. Ayanda::wow Ayanda Asanda hehe hayi. Mna::ow nyc ne. Ayanda::so uyaphi? Mna::ndiyojonga umyeni wam emsebenzini wakhe....ndambona wothukile ngoba bendingabonakalisi ngathi ndingumfazi.kodwa iring ibikhona emnweni qha engayiboni. Ayanda::oh ok phof nam nditshatile. Mna::oh kuhle.bendicela indlela bhuti. Ayanda::ohk ndicela inr zakho. Mna::ok..ndamnika andazi nam bekutheni ndimnika ningandibuzi bethuna ndizibone ndenzile shame. Ayanda::enkosi ubenemini emnandi ne. Mna::nawe ngokunjalo. Ayanda::shap...wemka nam ndawela nje istrato ndayongena kwacapitec ndifike umntwam ebusy ndachopa nje ezitulweni ndambukela xa esebenza uye wanikela enye intommbi isitixo semoto nemali yokuba ndizithengele into endiyifunayo.ndiye ndasithatha ndabulela kulo sisi ndahamba ndayothenga ukfc ndabuyela emotweni... Apa emotweni kubekho into ethi mandigqogqe nje ndavula kulandawo ihlala icd ndafika kukho ifown bethuna endingazange ndayibona isentsha nenamba yayo andiyazi mna.ndayicofa ndangena kwi msgs chin bantu loomfana uyandibhanxa usathetha nalo Chwayita ade athenge ifown special nantsi imsg endiphambanisileyo. Mamela ne sthandwa sam uyayazi nditshatile ndicela unyamezele ndiyakuthanda kunye nalomntwana umthweleyo undenze umntu ngokundipha umntwana kudala ndimfuna ndiyabulela dlomokazi uziphathe kakuhle imali fr ichocolates zakho ndiyifakile I hope uyibonile mmmmm ndisuke ndakubatyelwa... Hayini bethuna yeyothwani xa inje hayi sisnake esi ndinaso :( :(
Posted on: Thu, 27 Nov 2014 13:22:56 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015