Insert 96 Aya::bhabha enkosi kwakhona ndiyabulela mfazi - TopicsExpress



          

Insert 96 Aya::bhabha enkosi kwakhona ndiyabulela mfazi wakuthi. Mna::hehehe andingomfazi wakho kemna. Aya::yhuu unguye andifuni noxoka uzobanguye maan. Mna::hahaha ndandithe andifuni kutshata nje mna. Aya::hayi maka Ivu no Iva angeke sikhulise abantwana singatshatanga. Mna::yhooo yehake. Aya::ewe kunjalo ke. Mna::oh so sizothini ngababantwana. Aya::ndizonyusa umntwana ka makazi wam ongaphangeliyo azohlala nawe efletini. Mna::oh ne. Aya::licebo elihle elo kalok. Mna::ewe shame nam andifuni kuhlala ngaphandle konopopi bam..siye sapakisha impahla zam ndaxelela uZandi ndahamba ebengesena worry elila nolila mixm akabhadlanga kekhona utshomi. Bekunge weekend uAya engazokuza ebebusy kakulu ngoku bendihleli nomama silinde ababantu bazibhanxayo ngoba abam abantwana bafana noAyanda iworse amehlo la.angeke kalok ndivumele ezi devils zindiphehluzelise..siye sathandaza nomama sachela netyiwa besifuna ezotswetswe zika Mandisa zishiyeke emnyango.. Pha exesheni baye bafika umalume ka Thobani.Mandisa,Thobani nd Nolulamo. Bona::molweni endlini. Thina::siyavuma bethuna..bendingemhle kodwa abantwana bam ndibafake kwiCot yabo bebahle game yabo.yhooo uThobani engebhitye wasuke wakroqololo zindevu mntakabawo emdakasholo caba uCwayita akapheki. Nothemba::izano hlala ngapha bantu abadala...bahlala mna ndabe ndiyomisa amanzi etea kwangena uThobani esithi ucela amanzi ndamnika ndingamqheliselanga tuu ndambona ikhona lento afuna ukuyithetha qha yandoyika.uye wahamba nam ndalandela netea namakhekhe ndabanika nabulela. Mcebisi::eh ntombam ndathemba wawuvile ngomama wakho ukuba sizofanisa abantwana ngenxa yeshlo osenzileyo sokrexeza ungumfazi....ndajonga umama wabeka isandla emlonyeni ndangqwala. Nothemba::oh ahaike ayingo mntwana umnye babini iboy ne gal...bajungana abancuma maan. Mandisa::yhuuu Sazi awusenze kakuhle. Mna::Asanda mah enkosi. Mandisa::oh ndilibele..sayothatha abantwana nomama sababonisa.bebepecululwa abantwana bam ndingonyanye maan ngoba ababantwana ngabaka Ayanda. Mcebisi::mmmm hayi uthini Mandisa noThobani. Mandisa::ngabaka Thobani ababantwana jonga bhuti entloko yalo uyikwekwe nobuso balo uyintombi. Thobani::hayi andivumi mama jonga lamehlo ngawalandoda ka Nomonde. Mna::nditshilo kuni ababantwana ngabam noAyanda ndicela nindiyeke ndizonwabele noko uThobani uzele mos yena ngoku nifunani kum? Mcebisi::Thobani akunophikisa unyoko nam ndiyakubona kwababantwana. Mna::ohk ke xa nitsho kanjalo ndicela DNA ke ngoba andinifuni emva kwam mna. Nothemba::injalo sana lwam kungayiwa ngoku.savumelana kulonto kekodwa kuba ibingumgqibelo savumelana ngomvulo.baye bemka ndimbona umntu noNina bayafa sistress ndabe ndingenalo nexesha labo.. Ndiye ndafownela ubhabha wam ndamxelela ebengathandi kodwa wavuma kuba efuna lamafufunyana asuke elayifini wethu..abantwana bam bebencanca ke yhooo iworse uboy ebendifunxa kakuhle ade alicwikile ibele eli.. Ufikile umvulo sayokwenza le DNA test kwathwa zesiphinde sibuye fr iresults ndandinalo kancinci ixhala uZandi wandoyikisa esithi xa umntu elala nawe ngoku engengotata wabantwana babanayo indawo efanayo.yini bawo ndingayintoni ukohlukana noAyanda sibonde kangaka hayi ndingazibulala kalok. Ziye zaphuma ke saya saxelelwa ukuba uThobani akanguye utata wabo yhooo uMandisa indlela wayethukisa ngayo esithi mna nomama wam sithenge lagqirha sisezobhatala lesiyenze emntweneni wakhe yebethuna ndlela sasijongwe ngayo ukuyongena emotweni sinikwa ibomb zezithuko. Ndiye ndabuyela eskolweni nabantwana bam lantombi yakulo Ayanda ndafika sele ikhona igama layo ibingu Nomakuthweni (twasa) xa simbiza.siye sathetha ke ngoku hlalisana kwethu savana..andifuni noxoka ebebaphatha kakuhle abantwana bam noAyanda ebesiza oko ngeweekend ebebathanda abantwana bakhe. Zihambile inyanga besesibhala kwakunzima kum kodwa ndazixelela ndizonyamezela uThixo yena unam necawe ndandingayiyekanga ndiyihamba straight..ndiye ndagqiba ubhala sahamba saya emossel bay noTwasa sasizikhwelele uAya wayosilanda eparkstation.uye wafika wandihaga endincamisa wagqiba wancamisa abantwana bakhe sahamba songena emotweni saya endlini.ebesilungiselele ndithi kunuka kamnandi uTwasa uye wasiphakela satyani emveni koko solala kuba kwakusekulate siye solalani iroom yabantwana ibintle ukufa sana umfana wam eyilungise..uTwasa uthe uzolala nabo pha eroomini..ndavuma kuba bendifuna ukuba nendoda yam.. Singene eroomin ingathi siyaphoswa sincamisana yonke nje indawo saphana emveni koko sancokolo ndingqengqe esifubeni sakhe. Aya::ndiyakuthanda Asanda kakulu ngomso ndiyokubonisa umama wam. Mna::hayi khawume mfondini noba kuphaphakathi sizoya. Aya::nooo ngomso sisi. Mna::ok ke..bendisoyika omhlambi lo mama angandithandi.siye salala ekuseni savukani salungiselela ukuya kwamama ka Ayanda siye sahamba apa endleleni ndacinga ngempaatho kamama kaThobani wat if nalo mama angandiphatha njalo ndiye ndathula sade sofika bendiphethe ugal uAya ephethe uboy songena kokwabo bekungegcwele maan nosisi wakhe ekhona kunye nabanye osisi ababini noba sebebadala nabo.sibulisile ndamkelwa umama wakhona unobubele kanjani engasabancomi abantwana esithi bayafana noAyanda kakulu ixhala liye lehla noko ndamkelekile..mna noAyanda siye saphuma sokoja inyama phandle besincokola sidlala kumnandi kunjalo sade sagqiba ukoja sangena endlini kwaphakwa usisWendy impelo yalamama ke uye wazondinikeza eyam iplate special ndothuka kancinci khona kutheni igqunyiwe nale plate.ndayithatha ndabulela ndayivula haibo kune ringi apa yona yodwa qha. Wabe sele esihla uAyanda. Ayanda::ndicela unditshate mamqhinebe..yhooo guys zazehlela inyembezi kum abantu babelindele impendulo bendi shaker andazi noba ndithini.
Posted on: Mon, 08 Dec 2014 14:59:05 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015