“Mna ke, ndakuba ndithe ndaphakanyiswa ndemka emhlabeni, ndiya - TopicsExpress



          

“Mna ke, ndakuba ndithe ndaphakanyiswa ndemka emhlabeni, ndiya kubatsalela kum bonke.” NguYesu othethayo, Yohane 12:32 UYesu uyabuya. Izehlo ezimasikizi ezenzekayo zeli hlabathi zixela loo nto. Umlungele na? Uguqukile na kubomi bakho besono, uzama na ukuphila ubomi obumkholisa uThixo? Madoda, maGalili, nimele ntoni apha nikhangele phezulu nje? UYesu lo nimbone enyuselwa ezulwini, uya kubuya kwangolu hlobo nimbone esimka ngalo. IZenzo 1:11 Makazukiswe uThixo, noNyana waKhe, uYesu, uMsindisi wam neNkosi yam! Uyakholwa na kuYesu? Usindiso lufumaneka ngoYesu kuphela; akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo (IZenzo 4:12).
Posted on: Tue, 26 Aug 2014 12:34:12 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015