SEASON TWO #Insert25 Ndothuka kodwa bendingafuni - TopicsExpress



          

SEASON TWO #Insert25 Ndothuka kodwa bendingafuni ukuzibonakalisa ukuba ndothukile,ndiye ndangena ke ibingabo bobabini endlini Me:molweni Zowu:molo ndodana..waqoboza imehlo wancuma Nobuhle:molo ndoda,uhambe njani ke emsebenzini wakho omtsha? Me:ndisebenze kakuhle Aunty qha ndidiniwe ndifuna ukuvasa Nobuhle:ok ke,uzakuzenzela ubuya kwakho into etyiwayo? Me:hayi ndisahluthi Aunty...xandisakungena epasejini Zowu:mfana?..wakhwaza..ndabheka..Kandibekele pha lekomityi wethu Ndayithatha ivalo lam belibetha ngamandla ke kuba bendiyiqinda uba uZoleka uqala ezizinto zakhe Ndayithatha ikomityi ndayoyibeka esinkini ndabuyela egumbini lokuphumla phofu bendigqitha ke kuba ibigqitha khona indlela eya kwamanye amagumbi Ndafika ndangena egumbini lam ndathatha izinto zam zokuvasa ndayovasa besekusemini kengoku Emveni koba ndivasile ndiye ndahlala ndenza umsebenzi wam wesikolo phofu ubungrkho mninzi inoba ndachitha nje imizuzu engamashumi amathathu(30minutes) Ndaziva ndinayo indawo elambileyo ndaqonda mandiphakame ndiye ngaphambili ndiyozenzela into etyiwayo ndiye ndafika kukho uNobuhle ehleli yedwa Nobuhle:inoba ulambile ngoku nhe? Me:ewe Anty Nobuhle:thatha nasiya isonka uzenzele into yokusitya pha efridge Yho bendibubhideka kengoku ukuba kutheni wasuka wanobubele kangaka namhlanje uNobuhle kodwa ke ndandivuya,ndenza yonke lento ebendixelele yona Me:ehh Aunty? Nobuhle:yhowu? Me:uphi na uMalume? Nobuhle:uyobona umhlobo wakhe wethu but inoba sezokubuya ngoku Ikhona enye into bendifuna ukuyibuza qha bendithandabuza kodwa ndazama ndazincama Me:uhm losisi ebelapha niyazana na Aunty? Nobuhle: hahaha ndi.-..kwavuleka ucango kwangena uMalume Sbusiso:molweni endlini ..wayokuphuza umfazi wakhe esidleleni Nobuhle:mlo wethu besendisithi inoba awusoze ubuye ngu Zolani Sbusiso:hahaha hayi uyamazi uZolani kaloku lobobo uba uphaya soze uhambe Nobuhle:hahaha yhuu some people will never change shame Sbusiso:yhu ewe kaloku love,awu mtshana uhambe njani emsebenzini namhlanje? Me:kakuhle Lume Sbusiso:you must be tired ngoku nhe? Me:hayi sendirite ngoku ndivasile Sbusiso:ok then nam ndilambile undenzele apho kulonto uyenzayo boy Me:ok lume...ndenza ndagqiba ke ndaziphakela ndaphakela nomalume ibilitswele eline tomato ke namafutha wokupheka ndiyibiza iBisto ke andazi wena mfundi webali ukuba uthi yintoni xa uyibiza Emveni koba ndigqibile ukutya ndavasa izitya ndabuyela egumbini lokulala ndafika ndahlala ke Emva kwexeshana ndihleli apho egumbini ndava uMandy endikhwaza Me:ja ndilapha!..ndakhwaza nam Wavula ucango ke wangena ngaphakathi Mandy:yintoni na wena uthanda ube uzivalele apha ingathi unohili Me:mxxm ndithini ke coz andinanto yokwenza Mandy:hahaha jonga ke mntase ndizakuzamela icherry coz ndiyabona uba usisishumane marn Me:mxm haysuka andiyifuni endizakuyizanyelwa nguwe Mandy:hhee nyani kanti ifriend yam inaye usister wayo omncinci pha ukule age yakho kanye and mhle Me:hayi ndirite mandy Mandy:uligwala wena uyadika sukaa! Me:ndirite Mandy:bendizama ukukunceda anyway andizelanga lonto apha Me:uzele ntoni? Mandy:uMalume wakho uthi masihambeni siyothengani ikutya kwalapha endlini etown if awonqeni Me:ok give me five minutes Mandy:haysuka ufihla ntoni ndingusisi wakho mna Me:kawuphume Mandy ndifuna ukutshintsha..wahleka waphuma Ndaphakama ebhedini ndatshintsha ke ndanxiba itrack pant emnyama nesikipa esibomvu endandisithanda kakhulu ndanxiba netekkie ezimhlophe ndaphuma ndaya egumbini lokuphumla,ndifike wonke umntu selindele ukuhamba lonto ndasoloko ndingowokugqibela ukulindwa Sbusiso:finaly masambeni..akakuthandi ukulinda owam umalume ke Sahamba sobane sayokungena emotweni ngasemva indim noMandy ngaphambili ibingabazali Sathi chu ke saphuma eMdantsane sisingise edolophini bekukhala iJazz ke Besizakuphumela esibhedlele siyobona u Entle ke kuba yinto eyayisenziwa mihla le ngabazali bakhe Safika ke elophini sangena evenkileni uMama kaMandy notatakhe bathatha itrolly ebebezakufaka kuyo ukutya mna noMandy sahamba kwelinye icala ke sibika nje izinto ngaphakathi Me:yhoo uyazobona ezizitya ukubazihle kwazo Mandy:ewe mntase lonto funeka utata azithenge Me:hahaha nanga namanapkeni Mandy:mxxm ke,kawume ke ndisafuna ukujonga lento(watsho eyikhomba) ..But you know mos this is girls staff? Me:ewe letme go and check some guys staff nam Mandy:hahaha mxm hamba Me:uyokundixelela ke xa ugqibile..sohlukana ndahamba ndibuka nje kuthe kungekudala ndava amazwi engathi kuyaxambuliswana kodwa andahoya,haymarn ingathi nguMandy nje lona uthethayo ndamamela,ewe ibinguye ndasondela Ndifike emile nentombi kodwa bendingayiboni kakuhle kuba ibize ngomva kwaye uMandy ebethethela phezulu kwabe sekufika nonogada wevenkile Besendikude kufuphi kengoku kodwa bendibava uba bathini Nogada:kwenzeka ntoni apha? Mandy:ndinyathelwa ngulomntana usogqiba akaceli nexolo The girl:bendingakubonanga sisi ndiyaxolisa Ndabe sendifika ke ngokungxama Me:kwenzeka ntoni apha? Yabheka lentombi,yhoo yaxhuma intliziyo yam ndawakhupha amehlo-ibingathi ndiyaphupha khange ndikholelwe tu ukuba ngubani lona bendimbona Uthe akundibona naye wothuka kakhulu kuba uye wabonakala ukuba enengacingelanga ukuba ingandim
Posted on: Fri, 01 Aug 2014 18:42:24 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015