#Sabelo_ingqina_lam. Episode-1 of 3 Episodes. uSabelo - TopicsExpress



          

#Sabelo_ingqina_lam. Episode-1 of 3 Episodes. uSabelo ukhulela eBoxongo aph eBhayi, umfan apha ozithanda kakhulu. Umjita ebefunda kwezizikholo zama-Cheese, if andiphosisi I think he went to Pearson High. Mna naye sidibane 2003 sihlala eCentral semnkile kowabo, kuba wayefunda eNMMU. Bengumjita othuleyo, kodwa enganyabanga, qha akaziphosi kwinto yonke. Ifana nencoko, wayeyikhetha ekufanele ehlomle kuyo. Ihambile iminyaka and we lost contacts until we met again 2010 sendihlala eNjoli. This time besendiphangela, ndiqeshe iFlat eMoyakhe Street since ndingekudanga eShatterprufe apho endiphangela khona. Yena ke ngelixesha usand uphelelwa ngumsebenzi kwa-Masipala, esithi xa ethetha he was framed with a fraud kwi-Tender ababeyifumene ne-coleagues zakhe. So ke wayeziphilela nge-Barber Shop awayenayo, azulise ngozenzela cent-ana ekunqaleni iintloko zabantu afumane imali yothenga iphepha (Herald) to look for advertised posts (jobs), afumane imalana ye-toiletry angahluphi abazali, imali ye-airtime, lottery tickets, ama-beer ambalwa nge-weekends, afane agcine cent-ana yobheja. Ngelixesha ke umjita besemnkile eCentral ehlala kowabo eBoxongo, so ibiyi-10mins walk usuka kum eMoyakhe uya kuye. Saphinda sazeziyaaaampintshi zakudala zangokuya sasifunda, nange-weekend si-skeem-a kunye siyodla ama-beer, sibangenele. Kwenzekile njalo kwakulanyaka ka-2010 umjita wadibana nomntana oGrrrrrrrand amasimba. Lewey igama layo yayingu Phelisa, a young decent, fine, sweet, humble, pretty woman coming from King Williamstown. Aph eBhayi ke uPheli wayeze nge-span, esebenza kwi-Office enkulu ka Cacadu District, yena eqesha batchelor flat eAlgoa Park. Caba ke uSabelo kwaye kwenzeka wathi ehamba eGreenacres wadibana noPhelisa khona and then they happened to engage in argument kwi-Shop ethengisa cell-phones, qha ke ngamava awayenawo lomjita wakwazi ukuyehlula lenzwakazi, kodwa baphela bevana. Bathe bovana ke wafumana chance uSabz yoba asele ezi-introducer, kwancokolwa kwazwana, kwalapha encokweni kwavela intoba uPheli uphangela kwa-Cacadu District, yathi kanti yeyona nto emvulela indlela uSabz ngoba naye waphangela kwa-Nelson Mandela Metropolitan Municipality, so ezindawo zimbini always work hand in hand and ke kwayena uSabz unabantu awayebazi kwa-Cacadu, waphela ebuza uPheli ngabo, kwacaba bayaziwa ngulomntana, yamnandi incoko yanaba, kwatshintshwa cell-phone numbers, bohlukana that day. To be cont.. I dont write long episodes these days bcause Im a family man and have lot in my plate. Episode-2 ksasa ngomso. Night Folks. .X. :D
Posted on: Fri, 09 Jan 2015 20:49:48 +0000

Recently Viewed Topics




© 2015