Sizowabhala lamabali siwashiye esithubeni until nizibonakalise ba - TopicsExpress



          

Sizowabhala lamabali siwashiye esithubeni until nizibonakalise ba niyawafunda na kwaye niyawonwabela or what. #Ndandine-cherry ekuthiwa ngu-Nongcazana. Yaayingeeende intombi, yintoni? :o .. Ukuba uyayazi lanto ekuthiwa lifafa okanye ugxomde, eneentsinga (imibalo esixaba) neziqula(iigatsi) eziqinileyo neenyawo ezinde ngathi zezalabhuti ekuthiwa ngu-Phuzukhemisi. Hayke amathanga iziintyabontyi, ufike apha ngaphambili eno-V-Shape ngathi yimbaleki-kazi yase-Jamaica. Wayengemhlanga kuyaphi uNgcazi, qha wayequnywa luncumo, eny into shame wayengengomntu ohlenje uqumbile. Mna ke into ndandiyithanda ngaye wayendinakekele lamntana. uNgcazi ndandiziphathelwa nguye condoms, ndandizivaselwa nguye iingubo, ndandiyithengelwa nguye impahla notywala, fown yam yesibini after Nokia 3410 endandinayo ndaayithengelwa nguye, ibe yona le wayendithengela yona iyi-Motorolla T-190, wandithatha wandisa eDriving School ndofunda ukuqhuba iTruck, nyan ndazenza lessons zam gqiba ndayo pass(a) licence yam ndayifumana. Umntuwam ke lo wayengaphangeli, qha wayesitya imali awayishiyelwa ngumlungu awayephangela kuye, so lasweleka ibhulu, kanti labe limbhalise kwi-WILL, so wakanti ufumana esooosinyamfu semali esingako. Njengba ke ndisithi wayengemhlanga kuyaphi, kodwa wayethandeka uNongcazana
Posted on: Tue, 29 Jul 2014 08:28:01 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015