mnxm khanime ubhut Jr akhe lembhalelwano ndavuka - TopicsExpress



          

mnxm khanime ubhut Jr akhe lembhalelwano ndavuka ngaloontseni,ndandisafunada u stnd8...ndiqubule icala lesgubhu esele liyikomi yovasa ngoku...thywaa amanzabanda ceke,ndizulazule kulomkhukhu wasekhaya ndiwuvele gengelele umnyango...ukuba ke lofinyafuthi wasekhaya wawukhanyisa kakuhle ndandizolayta yena,kodwa ke sekuhlwile nje,ndiyakuncedwa lukhozi...ingqele yakusasa iluswazi olumanzi apha endlebeni...naoko ndikhangelana nela chabanga le blou-steen(lasepha ingqoqho)...le vaslap yam ndizbona sendinayo andikhumbuli nakanye ndiyihlawulela ekhawntareni...ngenxa yokba ke ikukuphela kwabo,igqogqa indlebe iyoqhina esendeni... Ndizosule ke kuloo manzi angenalo nogwebu...ndirole ibhulukhwe ndiqhope amaqatha ngengxowa yama orange,tyhini ndilibele ulala ndiyjongise phantsi le dawn(phofu ke ndaychola ilahlwa ngu sisMavis)...mandikhothuluze le family favourite petroleum jelly(uyayazi le eyayikula vase I yellow?) ndinyinyitheke ndibe ylonto wethu kuba kunyanzelekile ndiyncedise ngamafutha e sousage tltltltl kuba ayikho kwayona...amazinyo? hay andizikuwosula ngevaslap namhlanje,mandijone la colgate...nayo ndiyirole okungathi lisongololo ag! akuphumi kwa!,mnxm nzoxukuxa ngamanzanetyuwa vandag! incwadi zam ze jotter,ezinye zazophofu ndizikhavarishe ngephepa le ACE maize meal,yona le eye Maths ikhavarishwe nge brown cover,tyhini ndide ndancamathisela umfanekiso ka Jabu Pule kuyo...mna ke ndizthandela izfundo zezibalo...Khawume ndilayte iflame ndifudumeze lomphokoqo wayizolo,kazi ndizowulumelela ngantoni?,mnxm amathe ndinawo nje andizikhathaza ngalonto,khona ngubani ozoyazi uba nditye ntoni? Mamela mfundi wamabali ndingazikhethelanga nje lempilo lonto aythethi kuthi ndizoqalekisa ilanga endazalwa ngayo...lentlupheko andizikhethelanga,futhi noba utata watshonaphi andisakhathali ngoku kuba ndimdala ndiyakwazi ukucinga(khona sibangaphi thina abangabaziyo ootata bethu?)...umama yena uhlutshwa yimpilo uwa nam evuka,uthando lwakhe alinamlinganiselo,uyazenza iinzame zokuba ndiqhubeke ndifunde... mandidibanise iincwadi zam ne plastic yam ye Tastic ndidibane namagumbi eskolo...nangona nje bendenza intlekisa aysuka andixasha labo kuba xakubuya iresults ndihleka ndedwa ...ewe nangona ndihlelelekile nje kodwa ndinobo oogxa bam abahleka nam,abandithandayo,ewe sinokho ukuxabane kuba asihlali singqinelana nganto yonke njengazo zonke iitshomi,bona benza ndizive ndamkelekile bandinika lanto ekuthiwa yi sense of belonging. Mfundi wamabali igama lam nguThemba,ndibhala elibali nje ndise UCT ndisenza I honours Degree on Chemicaengeneering...ndicele u Junior andipostele elibali kuba ndifuna lifikelele kulutsha,ndifuna ukubakhumbuza ukuba banganikezeli...the future is promised to no one,their current situation merely determine their starting point,they are destined to overcome any challenge,through persistence they will achieve more than they desire... andiloqi nje ndiyihambile lendlela... regards Themba posted by kwanele jr
Posted on: Sat, 24 Aug 2013 12:55:09 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015