#throwBack Insert 56 Me: “Siyanda!” bendingathi - TopicsExpress



          

#throwBack Insert 56 Me: “Siyanda!” bendingathi ndiyaphupha zaze hlela iinyembezi, ebenqinile umntana ka tata . Siyanda: “Amahle”sakhawulelana, we hugged ixesha elide silila soba bini, ndandinga kwazi nokuzibamba. Zweli: “masingeneni endlini bantwana bam” sayekana sahamba sayo ngena endlini ndahlala ecaleni kuka Siyanda, we shared a hug once again, ndandingena mazwi. Me: “enkosi bhuti this is the best present ever” Siya: “enkosi nyani bhuti, mna bendi sithi ubom buphelile” wakhala ndamncedisa, kwaku fixiza abantu abaninzi ngoku endlini. Luthando: “you welcome guys” Zweli: “thulani bantwana bam yonke into izakuba right ngoku” ebembambazela u Siyanda, u Nosandla ethuthuzela mna. Kwangena u malume no malumekazi, Malume: “sifike ngexesha elibina?” Nosandla: “hayi bhuti” besesi hlile ukulila ngoku. Zweli: “kunjani Z ?” Malume: “kuhle yihlo kunjani kuwe” Zweli: “kuyacenga man, ufika sisando ku fikelwa ngu nyana apha u Siyanda” Malumekazi: “oh thank you LORD” waya ku Siyanda wam hug Malume: “izinto ziyalunga noko ngoku” Zweli: “ewe. Ee Siyanda ndingu Zwelibanzi, ngu Nosandla unkosikazi wam, ngu Zolani umalume ka Amahle no Nolusindiso I nkosikazi yakhe, ngu Luyanda no Luthando aba oo bhuti bakho, izoba ngu Anele ubhuti wakho naye” Siyanda: “ndivuyela unazi” Me: “kwenzeka ntoni Siyanda?” Siyanda: “#he took a deep breath# ngala mini kwenzeka ngayo I accident, kwavela nje I moto ibaleka yasitshayisa, ya roller le moto besi kuyo, ndandi fake I safety belt ndababhelela nase situlweni ebesi hleli u Amahle…. Umama wayesephuma igazi entloko…u Chulu ndingamboni uba uphi……….wayeseyekile no khala…ndaphuma emotweni ndazama u vusa umama…kodwa zange avuke, ndavusa u Amahle..naye akavuka,…ndandingasena themba kutata…ngoba wayese phelile….ndathatha isigqibo kwa ngoko uba ndiyozi bulala…ndalahla I necklace ne phone..ukwenzela ndinga trace(wa)….ndandihamba nje ndingazazi ukuba ndiyaphi…ndaba dizzy kwavele kwamnyama, I passed out….ndathi xa ndivuka ndibona igumbi elimhlophe ndinayo ne drip engalweni, kodwa ndandingekho sesi bhedlele ndandise bedroom..ndandi ngayazi ukuba ndiphi, ndazama uphakama kodwa intloko yam yayibuhlungu ingandi vumeli..kwangena omnye ubhuti…wazichaza ngo Sphiwe, athi undichole ndilele ngase ndleleni…zange ukwazi undisa esibhedlele ngoba kukhona apho..aleqa khona, ndamxelela ukuba andifuni u fumaneka wathi ndingahlala naye akazu xelela mntu. Ndandi ngakwazi ukutya, ndingakwazi ulala ndicinga ngento endayibonayo… ndandinga kwazi uphumela ngaphandle ebantwini. U bhut’ Sphiwe wandi funela I psychologist imana indiyela endlini, kodwa ezo sessions nayo zazinga ncedi ngoba ndandizi xelela ukuba azizu buyisa I family yam, ndandizi buza ukuba kungoba nditheni mna…aku funekanga ndonwabe..ukhula kwam ndikhule ndihlala no tata. Ufika kuka Mazoe no Amahle empilweni yam kwandenza ndatshintsha, ndahlala ndonwabile ngoba ndandingalwazi uthando luka mama, ndinaye nomntu wothetha, kwafika u Junior longezeka u lonwabo empilweni yam. Ndandingayazi ukuba olo lonwabo luzaku phela nge 2 seconds. Indlela awayengayo u Amahle ndandingatsho ukuba uzophila…kodwa xa ndilele ebehleli evela ephupheni lam ekhala…apha ezintsukwini ndaxelelwa ngu bhut’Sphiwe ukuba u Amahle uyaphila, ugqibo thetha no bhuti wakhe… khange ndimkholelwe kwakhona ndimkholelwayo xa endibonisa I pic ka Amahle..wathi uzakundisa kuye.. sifike izolo kwelicala salala e Komani, kwafika u Bhut’Luthando athi u Amahle ayipheli imini engathethanga ngam #he_smiled bendiku khumbula nam mntanasekhaya, kodwa bendingenalo ithemba loba ndiyakuze ndikubone” ngalo lonke elixesha athethayo wonke umntu ebefixiza, ku fixiza no Zweli Me: “mna zange ndili lahle ithemba, noxa abanye abantu bebecinga ukuba ndiya phambana kuba ndiphuma e sbhedlele samageza, ndade ndasiwa e gqirheni ngu malume kodwa lathi aliku boni” Siya: “uxolo mntase” Me: “im sorry too” we shared a hug Zweli : “*sigh* Siyanda uyi brother ka Amahle, ndingu tata ka Amahle lonto ikwenza ukuba ube ngunyana wam nawe, kukwenu apha hlala ukhululeke ungabambi umzimba” Siyanda: “Enkosi tata” Malume: “nam ndingu malume wakho,nizayo bona ekhaya phambi koba nihambe” Nosandla: “Amahle sisi ndiyaxolisa ngoku kwenza ngathi awamkelekanga kokwenu, nawe Siyanda wamkelekile mntana wam, I love you” aaaah man Me: “enkosi mama Siyanda: ‘ndiya bonga” Luthando: “Sphiwe nja yam udlalile mfana, I owe you bro” Sphiwe: “ you owe me nothing sani, uyayazi Sisonke” Malumekazi: “mna ndicela unibiza kwi holiday ngo June xa ninonke, nditsho nani Luthando” Luya: “hahaha hayi sisi, asiseyo ntanga yoba ngono ten days thina” Anele: “sizoza thina malumekazi” Malumekazi: “ok ke bhabha, ubayeke aba” Luya: “Siya, welcome ntwana” Siya: “sure bro” Anele: “im super excited ndine brother elingana nam” Siya: “hahaha, ja ne” Lutha: “Mancane khandi phathele I charger ye phone e roomini yam” Me: “hayi kodwa bhuti andili funi eli gama” kwahlekwa Lutha: “:khawuhambe ke Angel” Me: “mxm” ndahamba ndaya e roomini ka Lutha, kwabe kukho I envelope I brown phezu kwe bhedi, ndakhangela I charger ndayifumana ndavula I envelope bekukho I report ka Siyanda Stemela ne transfer letter, phofu I gama leskolo yi Badirile High School, Carletonville . Ndazibuyisela ndaya e sittingroom ndanika u Luthando I charger. Me: “ndicela u fowunela u bhut’Mzukisi” Malume: “mfowunele nyani” ndafowuna wayibamba. Mzu: “ntombencinci” Me: “kunjani ta?” Mzu: “ndiyaphila unjani wena?” Me: “ndi right ndine surprise sakho” Mzu: “ndizokusi bona kanjani ke ngoku nana” Me: “mamela” ndanika u Siyanda I phone, waphuma wayo thetha no bhut’Mzukisi. Zweli: “ke ngoku kuzakwenziwa njani nge skolo sika Siyanda” Lutha: “uzofunda eBenoni High” Zweli: “uzophida u Grade 10 ke ngoku” bajongana u Sphiwe no Luthando. Luthando: “arr..ewe tata” wangena u Siyanda. Me: “malume uvile uba o Dumisani bafunyenwe?’ Malume: “ewe mtshana undi fowunele u Mzukisi” Siyanda: “bebe phinde baphuma na” Me: “ewe bebe qhweshile, kodwa bafunyanwa bedutyuliwe” Siyanda: “baya layeka” wajonga ku Luthando then Sphiwe. Kwenzeka ntoni na apha?
Posted on: Sun, 19 Oct 2014 09:32:01 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015