ts ts ts Ndagqibela kudala ukubalisa ibali. Andililibelanga - TopicsExpress



          

ts ts ts Ndagqibela kudala ukubalisa ibali. Andililibelanga nele-College Chicks, qha ndisabanjwe ziincwadi okwangoku. Ningawari ugqiba kwam ngazo ndizobuya kakubi gqithi, NDIYANITHEMBISA 8-) Nali ibali elifutshane =============== Umnt ondim usuka kude ebugxwayibeni ts ts ts. Apha ke ndingurhwayza(ikrwala), ndineenyangana ezimbalwa ndibuyile esuthwini. Ekhaya utatomkhulu undilungiselele ityotyombe/ibobosi kuba wayendamnkela ebudodeni. Nam ke ngobona kwam ukuba izinto ezininzi ezifunekayo kwelibobosi zifanele ukuzanywa ndim, hayke nam ndathatha oloxanduva lokwenza imizamo. Kemna ke ndiyi-Old-School/Old-Age, hay legenge yanamhlanje yama-skinny-pants ts ts ts. Ndisitsho ke kungoba izinto esasizenza ngexesha lethu zazicacisa intsokolo esikhula phantsi kwayo, nesimo sentlalo yakudala. Imizamo yokuqala ke yeyoba mandi-fune iCaredboxes okanye iRhinoboards zokungciba iimfanti/iimingxunya edongeni yelityotyombe lam. Ndahamba ke ndaya eTipini(Dump/Garbage Zone), apho ekulahlwa khona udothi ts ts ts. Ndazifumana ke iRhinoboards kunye neeCardboxes, ndachola ne-Sail (la-plastic enkulu ekwenzwa itente ngayo) kuba nayo ndandifuna ukuyixhoma ngaphezulu kophahla(roof) lwe-Office yam ts ts ts Ndafika ke endlini ndabethelela iCardbox zam udonga lonke, ndaxhoma iSail phezu kwendlu ndayibopha. Ndathi ndojonga udonga lwam, ndacinga intoba kuyafuneka ndincamathisele iPosters/Pictures endizifumana kwi-Magazines. Ngenxa ke yento yoba ndikhula ndingu-Mreppa, ndazama ndazifumanela ezancwadi ezazinezithombe zeRap-Cats, ukuba niyayazi incwadi XXL, Word Up kunye ne-Sos if you listened Hiphop in the 90s youll know these magazines. Uzifumana kwam ke ndazalisa udonga ngazo. Ndandiyikhuthalele ke into yokuphanda imali, ngoba endandiyiphiwa endlini yayingandonezi kuba andiphumi kwikhaya elifumileyo, nto leyo ke eyayindenza ndiyokweba(steal) iPierlemoen ematyeni elwandle, ndiyokuyithngisa kwomny umlungu ekwakuthiwa nguGonondo. Wayendiqhatha ke uGonondo ngoba wayesazi ukuba iyabambisa lento endiyenzayo, angandibopha amapolisa ukuba angeva ndithengisa lento, kodwa ke yayibaninzi kum lamali noxa wayewndiqhatha. Ngamanye ke amaxesha ndandisiya eGolf-Course ndiyokuchola iibhola ndizithengise ndifumane imali nalapho, kodwa ke yonke lento ndandiyenza nge-Weekends ngoba ndandincakamele esikolweni. Ngalemali ke ndakhupha elaphanyane(single bed) endandisokwe ngalo, ndazithengela iDouble-bantwana ts ts ts Ndaya kwenye iSecond-hand shop ekwakuthiwa kuwa-Nkomo ndabuya nento eyomeleleyo ye-Dressory-Unit ehamba ne-Wardrobe yayo ..ekucaca intoba yayi yeyesityebi somlungu kwi-1960s ...qha kew ndabe mna ndiyifumana late 90s ts ts ts Ndafaka ne-Gumba-Gumba yomculo, nesofa ende engaphezulu kula-size ye-Double seat, ndiyafuna ukuthi yayisi-sleeping couch nangona yona ..i was not able to convert it to a bed ts ts ts kwakunzima bantu. Ndafaka ke nezinye izinto ezazisenza umntu axhome amehlo xa engena kule-Office yam. Qha kengoku ekhaya ndaphawula intoba andinconywa nalendlwana yam, usuk apho ndiva imilomo ethi.. Azukuba yintoni le ezayo? Kuzomitha abantwana babantu kulamkhukhu okanye kutyiwe iziyolo. Ndandingabahoyi ke mna ngoba ndandizixelele ukuba ndisebudodeni ngoku ;) Kengoku ndathi ndobona yonkinto ndinayo ebobosini lam ndaqala ndadyola, ndabe ndingayekanga ukuzenzela imali ngoba kwakudliselwa ngesipaji kumabutho obumnandi, nesinxibo ekuhlaleni. Ndalifumana nam elam ihenyukazi elaliselihlatywa kakade ngoophopho abakhulu, kodwa ke nam ndandifuna ukuliva kuba ndandilala ndiphupha ngalo iminyaka le ts ts ts Yaz ke ityotyombe elinee-Cardbox liyathanda ukuba namabuzi, ezampuku ezinkulu ezoyikwa nayikati. Ndandiphawula ke intoba ndibanempahla egqobhokayo nechizekayo etyiwa zizo. Kwala ngeny imini ndifikelwe yilembelukazi, ndandinemali eninzi ke ngalompela-veki leyo, into epha ku-R1700. Yayininzi ke imali engako nge-1990s. Hayke sazikhupha nomntu wam sayoxhentsa kwenye yeTaverns zasekuhlaleni, indawo eyayibizwa uBhaysikili(bicycle). Ngengomso ke sasingabantu abazoya eRhini kuba ndandimthembise ngezinto awayendicele ndimthengele zona. KwaBhayisikile ke sasiphethe iR200 yozonwabisa, endlini sishiye iR1500 esasizoya nayo eRhini. Sadakasa ke nonhonho wam, iBeer iseyi-R3.20 ngoko makwerrrin ts ts ts, icheap nale nto yakhe endingasayikhumbuliyo awayeyitya. Sathi ke sokonela kwethu sahamba sayolala. Nofika kwethu endlini sangena ngesinxilo esidibene nembatyo, sakhwelana ngongxama, kungekagxininiswa nento yokusetyenziswa kwe-condoms ke ngoko, lalimnandi iqhuma kulaminyaka makwerrrin ;) Kwekh...andisakhumbuli konke okokwangalamini kodwa savuka ksasa savasa, ndayokwenza ukutya satya kuba silungiselela ukuhamba ukuya kuthengela umntwam izinto azifunayo. Ugqiba kwethu ukutya, kanye xa kufuneka siphumile ..ndayothatha imali eWardobe(in). Ndingazange ndi-Faint(e) nje kukomelela apha kum ngoba ndaafika imali (R1500) izimvumvu yonke, ityiwe ziimpuku ts ts ts To be cont.. Mholweni nonke!! Mr X. 8-)
Posted on: Sat, 02 Nov 2013 07:27:31 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015