INSERRT 85 Ndajonga ecaleni,uLulu wayeme efestileni endifaka - TopicsExpress



          

INSERRT 85 Ndajonga ecaleni,uLulu wayeme efestileni endifaka egwava ehleka.Wayesenza nje isigezo.Ndakhaleza ndabuyisa amehlo,ndajama phantsi.Kwakuthulekile endlini kujongwe kum,ndaphinda ndazulisa ndakroba phandle kulandawo ibime uLulu.Esaqhubeka nokundifaka egwava Then i thoughtNdifanelwe yilo gwava kanye mntase,im a failure mos.Qiniseka Lulu Ndothuka xa behleka bonke.nda confused kengoku ukuba bahlekani.Ndalaqaza,waphakama uPrincipal and gave me a warm hug. Princi:Congratulation mntanam,you made it. We separated,ndisanqumile ke ebusweni.Ndavele andazi noba ndincume okanye ndihleka okanye ndikhale.Yini ukundibilisa kangaka abamama. ClassT:Uyandicaphukisa kutheni ungazithembanga nje? Basukuma no Miss wesixhosa bazondixhawula. Princi:Jonga kemntana wam umama wakho wayendinike into zakho uba ndizisendele uZoleka,wayezokufunela isikolo egoli. Yaqala uxhuma intliziyo yam zezindaba. Princi:Zange ndiyenze kelonto,sele ndithethe no Principal Wase St Jamaica uzoyofunda khona. Ndothuka,sisikolo sika Simni esi afuna ndiye kuso lomama. XhosaT:Hamba uyokwenza i 3 years yakho pha ke Mzileni ungabe uleqa indawo ezikude.Nigqibe nibuye nentsana kwezindawo zenu zikude,ningafundi. ClassT:Ukhe ubabone ufike bephethe ii envelope ezi brown bathi bayofuna umsebenzi betsho besiqhatha bengenazo nee degree ezi. Ndandingangeni ndawo ke kule into. Me:Can i go? Princi:Hamba Mzileni enye nenye ndizoyithetha nomama wakho. Xa ndiphuma ndandibana noMpo engena,she smilled andancuma ndaphuma.Ndakhe ndayozihlalela ndodwa ezantsi kwama tanki ndicinga le yokuyofunda no Simni esikolweni esinye. Wafika uMpo wandivusa,ndamjonga amehlo aye bomvu.Ndavele ndaqonda uba bebembizela lenqala bayenze kum. Mpo:Yazi bayandinyela abamama,Yhini ukhala kangaka Unako.Bade bathi ndishiyiwe ke guwe.Ndizofunda nabantwana.Yaz andithandi ukwenziwa isidenge.What if bendivele ndaquleka pha ndafa yintliziyo. Wahlala phantsi. Mpo:Bebezoza nam rhaa ndikoyika kanje ukufa.Ndivele ndabashiya apho besathi nyondranyulation. Me:Bandenze lonto nam ntombi,khayeke ube uthukisa.Khalale uthule. Mpo:Andozeli lala wena suqhuba nam. Ndacinga ndade ndalala.Ndavuswa nguMpo ukuba sigoduke akusekho bantu esikolweni. Me:Haybo bayephi? Mpo:Siphumile isikolo sdenge,kwaye sivalelwe apha ngaphakathi. Me:Kutheni na bengasivusanga abantu?Sophuma kanjani? Mpo:Awunamilenze? Wasukuma,ndalandela emva kwakhe. Mpo:Sizotsiba apha gatin ke hay nakude. Me:Mpo... Mpo:Yhe wethu sobe siphi next year?Noba siboniwe asizukwenziwa nto. Waqala watsiba,nam ndalandela. Me:Andizukukhapha Mpo,zihambele. Mpo:Khange ndikucele nam mos. Watsho evotyoza ehamba ngendlela eya kowabo. Xa ndingena ekitchen umama wayengasancume. Mom:Yhini mntwanam usebenza kangaka. Me:Khawume mama ndidiniwe,i need to rest. Mom:Hambo lala mntanam. Ndafika uLulu elele,ndakhulula nje izihlangu ndangena ngapha kwakhe.My phone rang xa ndiqala ulala.Yayingu Simnikiwe. Me:Babe,molo Simni:Unjani Nako? Me:Im good babe wena unjani? Simni:Im not good babes.Ndi faile kwaye umama uyathetha,uthi ndidlale ngemali yakhe.Ngase ndingafumana umsebenzi ndizombhatala imali yakhe. Me:Inoba usathethiswa ngumsindo babe,calm down. Simni:Umsindo wantoni na?Uyayazi ukuba nam ndikhathazekile kodwa usandigibisela ngamagade.Yazi yintoni?Ndiyekile ufunda. Me:You failed once kodwa sowuthetha ngoyeka,babe ungayenzi lonto please. Simni:Sele ndiyekile Madosini and no one will change me kule into.Bye nanam i love you,i really do Sqharha. Me:Nam... Wabeka iphone ndisakhamisa.Wayekhathazekile nyani,zange ndi understand.Umzali umngxolisa kanjani umntwana wakhe ngexesha elinzima kanje.uSimni wayengazicelelanga ufaila,noba wayengafundanga yayilixesha lokuba abone impazamo zakhe azilungise aphindele esikolweni. Ndabiwa bubuthongo ndisacinga ngo Simni. So we were in this beautifull place.Kukho abantu abambalwa.Our families and friends.Ndinxibe a long white dress ,Simni was looking good on his white suite.Music was playing softly,i mean wawungekho loud. Ive seen it in your eyes And ive heard it in your voice The way you speak my name Tells me there is no doubt that the dream that i held on for will be everlasting then the music goes down and down.We were asked to change the vows.Lwatsho uvalo i was not prepared,ndandingazi ukuba ndizothini.uSimni wayephambi kwam sibambene ngesandla.He Smiled and coughs.Ndandijonge phantsi wandivusa intloko with his index finger. Simni:Madosini I promice to love you in good and bad times,keep my self open to you,to let you see through the window of my world into my inermost feelings and fears,secrets and dreams.Ndizakuba ngakwi cala lakho forever Sqharha sam. Abantu baqali uncwina.Linyala lantoni na eli silibizelwa apha,icacile lomntana uzongena kubhuti wakhe ngenye imini yatsho indoda at the back ground. Abantu bakhuza,i was confused kengoku.Babengazi na ukuba baze emtashatweni wo bani.
Posted on: Sat, 01 Nov 2014 14:25:50 +0000

Trending Topics



e

Recently Viewed Topics




© 2015