Imbeleko okanye ukhutshwa efukukwini. Yindlela yokwamkwela - TopicsExpress



          

Imbeleko okanye ukhutshwa efukukwini. Yindlela yokwamkwela umntwana ecelelwa kumanyange. Kweminye imizi kufike amandwendwe azosikelela lomntwna. Thina ke maXhosa amadoda asisondeli kwindawo enomdlezana iyintlonipho leyo. Ndiye kwamanye amazwe kwalapha eAFRICA AFANA NECAMEROON, GABON,GUINE NAMANE. Uhlanga laMPONGWE ,Galwa,Ukuyi,Ocuyi, Mokoi, Ikwara Okukwe & Mbwanda. Bethetha ulwimi NOLOWE,BENGA,OKUKWE, umntwana wamkelwa ngengoma nemixhentso. Lisiko lakhona. Umntwana nomama babekwa phakathi, bajikelezwe, okuyi(indoda yekhaya) iyokhomba umntwana ngentonga ekuthiwa(malanga) intonga yekhaya okanye umkhonto-iyindlela yocela intsikelelo zamanyange. Atshizwe ngamanzi abegcinwe entlani efakwe iyeza lekhaya. AFRICA IBISONDELE KUQAMATA NEZINYANYA NGAPHAMBIKOBE KUFIKE ABAMHLOPHE NAMAARAB. Basohlutha inqatha lenkolo nomhlaba, niyazi uba igqondo nje sinayo yeyokuzibulala endaweni yovuselela ubuthina kuba nemveku yazi uba inkolo bubukrestu hayi enye. Kanti akunjalo simele sifundise abantwana ngokholo lwethu lemveli balwazi.camagu
Posted on: Fri, 12 Dec 2014 00:57:53 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015