Insert 118 Everyone enjoyed the afternoon sihambela kude no Ace - TopicsExpress



          

Insert 118 Everyone enjoyed the afternoon sihambela kude no Ace naye engakanxili. Yol: yesana ndiyamrhalela mna la Ace uyaybona la energy anayo! Mna: hey basop okundweba unako kophela vuthu, yinyoka yase Eden leya and lowa ahamba naye ngu delila umfilistiyalazi. Yol: utsho na sani. Mna: hambela kude pha umyeke ne energy yakhe bafanele uhlale ku Dumisani. Yol: akandiniki challenge maan lona, kuyafuneka maan umntu akukhalise noba kukanye ukhe wothuke, lo uhlala engu lovey dovey akatyholaa ndawo, andike ndimgxolise okanye ndiqumbe suka ndiyadikwa mna ndikholwa ngaba ba rough. Mna: silila nje thina wena ufuna bona o heart breaker, yhu ndonele freind ndizoyikhuleka ngoku indoda yam. Yol: kakade i meant to ask you, ninabantwana abangaphi? Mna: izoba ngowesibini lo. Yol: yho (eqhwaba) hay mlwele sisi futhi mkhuleke nyhani ukugqibile ungumfazi fa awuyi ndawo, lo ka sisters onengcondo ezomileyo abe ngowedithathu? Mna: hay angavuya ame ngomlenzomnye axele inkukhu, akanamntwana ngaphandle uThando. Yol: hey yi heartbreaker lo Thando wakho. Mna: ave endililisa chomi kodwa, ndimthanda ndingubani, why uthando lungake lube pure mara, luhlala lunezilingo ezingonoMzamo? Yol: thats real love freind, tested and tempted but still resist, hay oDumisani ngo not tested no tempted nothing to resist. Mna: uphethwe bubufebe ntwana ndonqena nokufihlela, uhamba nomntu wakhe u Ace and kungaqala enzima i drama le. Yol: Im not like that maan freind, i respect amadoda wabantu but ngoku i difference uhamba nala ntombi ndiyizondayo. Mna: umazelaphi? Yol: thats the thing chomi andimazi ndambona once apha, uphakeme kunzima nokubulisa. Mna: unemali lowa freind akanandaba nabantu. Yol: ndifuna ukumfundisa isfundo abone uba we can share a man noba angaphakama. Mna: uDumisani xa eyibona? Yol: soze ndizoyiphika. Mna: hay freind kuzobangathi uthunywe ndim kuba sine history. Yol: le yomntwana kwakungekho mntu ungayazi. Mna: yona kanye, kuzoba ngati ndiyamlaya kanti ke ndamshiya endodeni andifuni ayilibale leyo. Yol: hay suka abatshatanga mos, ndihlonipha abatshatile qha. Mna: jongana nendoda yakho sana uyeke onqevu izinto ezakhula ulibele, u Ace akuyondawo yokukhupha istress, uzokutshata uDumi uyakuthanda. Yol: chomi akathethi nix ngomtshato, kunani kona umhlaliswano ke. Mna: hey ingathi undwebile wena sana ndiyakoyika. Yol: soze maan ndithathe uThando utshatile but sana lo ndinaye, hay akabonakali uba uya ngaphi siyathandana qha and nam sendifuna ukuva kwelinye icala uba anjani amanzi ndizobona uba ndiwela ngaphi. Mna: anibonakali kodwa uba anikho happy naku ubumlwela ekseni ungiqa elwandle. Yol: usengowam klk andikamshiyi uyabo! Ndiyayifuna nalanto ishukumisa igazi endodeni. Mna: hay Yolanda subanjalo amadoda athule ayabulala xa enomsindo. Yol: ndirhalela khe ndimgijimise maan ndimlwele, uyabo u Ace akulalwa sana. Mna: urhalela ububhanxa kodwa, naliya ixhalanga elingu Ace hambo xhutha nawe uzolila ngoba awumameli ndikujongile nje, uqale umyeke u Dumisani angazuchatshazelwa ligazi kulento yakho. Sincokola nje sihleli ngaphandle silinde abahambe ne boat. Yol: ayibuyi nale boat. Mna: as long ndingekho pha, sendikhalela oku kwendoda yam zange ndamva ethetha ngokuqubha, xa kunothi kanti ibabhukuqile. Yol: ingathi ndiyazibona i sharks zidontsana ngam. Mna: uwoyika njani na wena ama coloured ezithanda kangaka izinto? Yol: ndinegazi elimnyama klk freind ungalibali. Bade babuya. Yol: jonga eza brackets ku Ace chomi, ndihleli ndizithandela ama dark gentlemen, ogqiba abenalamzimba uqinileyo, ezangalo chomi uyazazi indaba zakhe lowa. Mna: Talk to my hand. Yol: kuyeke chomi ukusa kwakhe siyafana, uthethuba ndingohlulwa kukushiya lo nawe wamshiya ululame kanje. Mna: mxm khawume ndiyojonga indoda yam uba isaphelele na. Yol: hamba sani ndike ndibuke lo, maybe no Dumi angatsho avuke maan xa ebona uba ndi winkelwa bo Ace afake noba yile yesthembiso i ring. Mna: nidinga uba nibuyise i spark nina qha niberyt. Yol: ndibuyisa sona my freindship. Sabuyela ezindlini to freshen up, diner then salala, Saturday umntu ebesiya apho afuna khona then ngo 7:30 late kuhlanganwe for a galler dinner some sort. Sino Yolanda siqale ngabo 5 ukulungisa phof ndincedisa yena ezilungisa sagxotha u Dumi, bendiphethe impahla zam ndingathenganga ngoba ishape yam ibindenza ndingazithandi. Kwakulelokhwe bekungathi ndinomkhaba but yiyo ebizondilingana, the colour of my dress its Champain satin texture, its a V shape at the back, with lace long sleeves beaded black on the waist and sleeves, ndafaka i heel e black, iflat shoe ndathi u chomi makayifake kuye ngoba i clutch bag yakhe ibinkulu kuneyam, wandenza inwele and u good kwezi hair style zabo ingathi zizowa xa zenziwe, ingathi xa ulala intloko ungayibeka ecaleni uvuke uyithwale. Yena enxibe ilokhwe ebomvu ende enomsila kungekho nto angayiphathanga nditsho ne rollers, straightner, hair dryer. Wandithi bhu! Bhu nge makeup endim yayigqibela ngokuya zenditshata, wandidontsa inkophe zangathi zifakelwe. Kwafika u Dumi ezonxiba nam ndaya eroomini yam ndafika u Thando kungona enxiba. Mna: benisenzani kanti? T: besincokola nje, nisuka e salon? Mna: hay ndenziwe leli coloured le chomi yam. Him: une salon? Mna: hayke ngoku apha? T: maybe apho ahlala khona. Mna: uyakwazi ne! T: ja atlist ikhona into ebhadlile akwazi ukuyenza ngaphandle kokuphapha. Mna: sefuna u Ace ke ndikuxelele. T: phuma kuye, ndimbonile uba undwebe gqitha. Mna: ngakungcono uba uthi siyaphuma kwakulento yabangani bakho abaninzi. T: why? Mna: ngabangani abanjani aba ekufuneka ugade umntu wakho angathathwa, kuyalinganiselwana, kuyachonywa ngoba ayikho nje enye into ngaphandle kokubukisa uba umntu unantoni, nabathenge imoto beza kule show bazobukisa. T: uyayibaxa ke ngoku, ababukisi bonke. Mna: kodwa ninazo ne enemies kwalapha. T: ndiryt? Mna: ja kuqalwa nini? T: masambe its time. Yenziwa ya serious into kukho ne deco, sahlala ezitafileni abanye bema kwancokolwa kulindwe abangekafiki kwade kwaqalwa. Kwenziwa i welcoming speech, introduction, then kwangenwa kwinto ekuziwe ngayo. What they do, uyasukuma utsho uba since the last kuhlangenwe yintoni eyenzekileyo ebomini bakho, achivements, abaplanner ukutshata baxele and all that. As expected ke kwasukuma u Ace: (i will mention the few) Ace: ladies and gentlemen good evening. Let me start by saying, it has been a great year indeed, lots of money business is booming as you can i hv new wheels. as he was talking lombhedo wakhe, mna ndaphathwa ngumchamo ndaphuma, ndabuya kuhleli ifreind ka T ndema for ukubalinda bagqibe lento bayithethayo. Zoleka ndeva ngelizwi lakhe emva kwam. Her: uyazala ntombazana awumniki ne chance omnye umntwana uba aphefumle. Mna: awumoshi xesha nawe yaz, impumlo yakho ilenga ezindabeni zomzi wam ude uxakwe nakukuphefumla. Zoleka: uyayazi indoda uba iyahamba noba ungayizalela kugcwale indlu, ndinguwe ngandingazimoshi sana. Mna: do you know uba uThando xa echama ude aprofete uba ndimithi, thats the connection we have darling and wena you keep undermining it. Zoleka: mxm dont fool yourself, its just a matter of time uThando abone uba wenza i mistake. Mna: funny becoz nguye ongakwazi ukuhlala ngaphandle kwam, uyakhumbula waxolela ukungabinamama kuba efuna uYolisa, akushiye wedwa uncumile azolala kwam, wandimithisa ukhona, vuma He chose me and he loves me not you, qina pha ku Ace ngoba uyabhanxwa napha. Xa endijonga u Thando afike ndincumile, aqhubeke nencoko yakhe. Mna: andikaliva igama lakho kwesa speech sika Ace, awubalwa ndawo ts all about himself not even your child, but uzuhlale umamele xa kuthetha uZulu, utata ka TJ, umyeni ka Yolisa then ubuye undixelele uba andithandwa, chau see you after this. Zoleka: Damn you! Mna: uzoba strongo sweety. Xa ndifika wasuka lobhuti ndahlala wade wagqiba u Ace. Umntu ebeziyela ke, bathetha abantu. Mna: awuyi wena? (Ndiqhayisrle uZoleka klk ndizothini ukuphoxeka ngoku) T: ndizothini na? Mna: oh hayke xa ungenanto yokuthetha. Wasukuma ne glass yakhe. T: good evening ladies and gents, I also welcome those who are coming for the first time, I hope you dnt regret being here, Actually i wasnt planning to say anything, its good to listen sometimes but i have few things to share with you. Oh by the way Im a married man now, we expecting our second born. (The croud claped hands ba congraculater ndancuma kwaqina izidlele) T: the family is growing, but abakapheleli ndiyindoda yomxhosa mna, so nana uzonyamezela neh? Where is this wife of yours? They asked. I waved ndisonqena ukusukuma. T: there (pointing) kwangathi ndingayohlala ecakwa Zoleka ke ngoku) T: for a change andizuthetha ngezinto endizenzileyo ndizothetha ngezinto uThixo andenzele zona. There comes a time in a mans life whereby one needs to pause and look back, now when I look back, I see Gods hand directing my ways. Not long ago, bendine coleagues zam, you know how we play with our cars as if they are toys made in china, the Joy we had changed into tears, in a twinkle of an eye i was in hospital with a broken leg, my wife was there with me, and i was told that some of the guys i was with ddnt make it, some died on the spot and some on their way to hospital, but mna what did i do to be granted a second chance? Nothing at all, it is God who made it possible for me be here today and i will forever praise him for saving my life, yandenza lonto ndakhumbula uba u Yolisa, my wife has a condition that needs to be attended so that the baby can be safe until birth and now she is carrying our second born, I ask myself why me God why do you love me so much, in the midst of troubles but you give me auch joy, and lastly I we are moving to Joburg soon, new things are about happen, I thank God for such a beautiful and wonderful wife, it was not easy to decide but she stood by me, I love her so much. Thankyou! Wahlala phantsi (Guys whislted, cheering) Uyindoda emadodeni. Mna: uyandikhalisa wena. T: I love you Mna: and i apreciate it you know! T: never forget Mna: iyaqala ukubamnandi le honeymoon. Kwangeniswa ukutya ne drinks (refill) saqhubeka while eating. Good evening, my name is Onke Sali (we kept quiet) Abanye benu bazondikhumbula last year i was here with my wife, you saw her but, today Im alone not because ndingsamfuni kodwa i cnt be with her because she is nomore. Manfiyithethe lento, kunezilonda ezibonakalayo but ziyaphola, kubenesi singabonakali sisentliziyweni yam esingafuni kuphola, ndiyavuka nasebusuku ndithandaze uba Thixo ndincede undenze ndingazisoli. Lemoto ndandize ngayo apha, yiyo eyabulala umfazi wam nonyana wam, sibuya emtshatweni kulo Nkoskazi egqushwa, kubekho into ethi hay maan masilale sivuke ekseni, but ndinyanzelise kuba ndisithi ndizofika ngok maan apha mandicenge, sahamba, baye balala ke bona, nalentwana ilapha ngemva, andaz maan uba iqhude livelephi, mind you ndijika i curve, ndazama ukuliphepha and i lost control imoto ya roller ukuya ezantsi, mna ndavuka esbhedlela xa ndibuza abantu ebendihamba nabo bandixelela uba lentwana ise ICU kwi life support but abathethinto ngomama wakhe, bazondixelela the following day uba hay khange afike nasesibhedlela, eyona nto indenza ndibenenyembezi neyenza esilonda singapholiyo kukuthatha i decision yoba mayicinywe la machine kulantwana yam ngoba soze aphinde abe ryt uzohlala pha kuwo iminyaka ufana nobhubhileyo uphefumlelwa yila machine qha. ( wathi egqiba lo Onke ndabe ndilila kusuke kwalo makeup) Onke: T-man dnt lose hope bra, be strong and be courageous zisezokwesulwa ezinyembezi, ndizimele ngelothemba nam. Thankyou. T: ungacinga unegxaki kanti zi worse ezabanye abantu, from today, i will not comolain. uYolanda wabe esela i glass emva kwenye, u Zamo egxadazela caba kudala ebushusha, weza kuthi wafika wabambelela ngetafile kunzima nokuma. Her: ye sana imnandi indoda yakho i dnt blame you ngokuyisondeza, uyakuxelela phof uba besike safast? (Wabhodla) ndambamba kakuhle. T: uyaphi? Mna: makayolala lomntu unxilile awumboni. T: oh Ndafika phandle ndabamba ikona ndamdubula ngenqindi, ndamphatshisa ngempama zantathu ndampushela everandini uba bambone bamchole ndabuyela ebantwini ndamshiya encwina. Ndahlala phantsi ndamamela. T: Yolisa! Umsephi? Mna: ndimnike omnye wabantu balapha uba bamphe amanzi. T: ok besendixakiwe wakhawuleza kangaka. Weza u Ace naye enxilile, sasukuma sahamba engekafiki sayolala.
Posted on: Fri, 16 Jan 2015 21:49:09 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015