Insert 19 continuing. Mna-haybo langa lokulunga - TopicsExpress



          

Insert 19 continuing. Mna-haybo langa lokulunga kwenzeken? Asanda-khawundiyeke Mna-utheni na mambhele? Asanda-ndithe ndiyeke Mna-tyo ok ke. Wahlala phantsi wakhala Mna-ukhalelan kengo?uthi ndizokuthuthuzela kanjan xa ungandixeleli uba ukhalelan? Akandiphendula wasuka waqatsela apha esikhalwen.yavele yabuhlungu intliziyo yam nam ndahlala phantsi ndamncedisa,andikwaz tu ubukela umntu okhalayo wes o close to ma heart,uzuqonde uba ndiyinkenenkene ndide ndikhaliswe nayi tv. Mna-utheni mntase? Asanda-(efixiza)ndibethwe ngumntu ka vusi. Mna-sukhala ukhalisa nam ngoku uxolo vha. Asanda-akwaba bendikumamele mntase. Mna-hay nam ndibhedile mntase sobabini siyafana. Asanda-ungcono wena awulalanga nomntu ongamaziyo. Mna-hambohlamba,uzoyqhaqha intloko okanye ndicele u esethu azokulungisa? Asanda-ndiyaqhaqha Mna-ok ke hambohlamba mntase vha. Asanda-hazi esasidenge sibukele ndibethwa asinqandanga Mna-awumameli nawe,kodwa okwenzekileo sekwenzekile yigqithise mntase. Asanda-ndilale naye ngaphandle kwe condom. Mna-yhooo ubucingani? Hay usisidenge haz(as if mna no lwazi sayisebenzisa) Asanda-andazi buhle Mna-yho hay ndiyakoyika.khawuhlambe. Wahamba wayohlamba.yakhala ifoun ka asanda ndaybamba. Mna-hallo Caller-jonga ke nomokwe ndakunyisa kweyam indoda uzuphinde nje uyakunya. Mna-(ndixakwe nakuphendula)ok Caller-ndiphinde ndikubone ecalen ko vusi ndakwenza I mince meat uyevha. Ndacima ifoun,nda delete nale number ibifouna. Wagqiba u asanda uhlamba weza kum e kitchen. Asanda-kuse early 4 ukuthenga I pregnancy test anhe? Mna-ewe,ngomso siyahamba. Asanda-siyaphi? Mna-ekhaya Asanda-akukapheli neveki ndifikile. Mna-makhulu uthe sibuye siyo cleaner n bayafika o siphokazi next week Asanda-hay sose sihambe xa bekhona.ndizofika ndidumbile pha ndibe ndibuzwa into ezininzi hayi andihambi mna. Mna-ok ke. Yaphela iveki singnani bonani no lwazi. Ngenyimin sise hemingways no asanda siyojonga into esizoyenza entloko sadibana no lwazi ehamba no vusi Lwazi-yho nanku umntuwam ndamgqibela nin (sele endi hug,nam sendincume kakade) Mna-hai(ndibulisa u uvusi) Vusi-hello Bavele bajongana njee no asanda akwabikho othetha nomnye.ulwazi wabulisa u asanda Mna-lwazi ndiyahamba sunday uzozondbona nin? Lwazi-uyaph? Mna-ekhaya Lwazi-ndizoza ngomso Mna-ok ke Lwazi-sihamba no mama zoni bona nhe Asanda-oky xap Mna-bhabhayin. Ndabona u asnda esehla iinyemnbezi Mna-hayke ungakhe phakathi kwabantu uzisjongisa Asanda-haz lomfana unesiboindi,wandijonganje ngath akwenzekanganto.ndicela sithenge le test ngoku ndizophelelwa sistress Mna-zingaph intsuku ngoku? Asanda-ngath 11 Mna-yho andazi ke masilinde kubeyi tow weeks marn Asanda-asilindi siyaythenga ngoku ndakucela Mna-ok ke masiythenge. Sayithenga. Sathi sifika nje endlin u asanda wa test ngoku sisa linde la 5minutes wayengqunga indlu yonke.after 5 mins ndayijonga. Yabe I blank ingena lines.
Posted on: Thu, 16 Oct 2014 08:01:07 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015