Insert 223.. Bendiyiva izofika ngoku apha ebedin lento eyonanto - TopicsExpress



          

Insert 223.. Bendiyiva izofika ngoku apha ebedin lento eyonanto ibindoyikisa yileyoba yona surely iyandibona. Ndakhupha iphone yam ndalayita kwakhona. Khange ndibonento, bendine worry ke iphone yam ene torch bendiyishiye emotweni, andifane ndihambe ngaphandle kwayo ke la phone, phofu kuba bendingazixelelanga ngolala. Ndaphakama ndayo layita. Ndathatha impahla yam ndanxiba. Bendinesifuthufuthu ke bendingazoyinxiba iblazer yona. I made the bed, ugqiba kwam ndagusha ibhatyi yam. Bendizixelele ndiyagoduka ngoku. Ibithe cwaka kelento ngoku.. Ndavula umnyango, bekumnyama but ndaqonda andizocima kule room ndisuka kuyo and nzoshiya umnyango ndiwuvululile. I passed the main bed room ndazixelela andizonkqonkqoza tu. Xa ndidibana nendawu yolayita ndiyalayita. Ndade ndayofika kumnyango wase Kitchen. Bekulayitiwe ke phandle. Ndavula ndaphuma, andingomntu uzoyikayo ncam ke izinto zasebusuku kodwa xa izondizela endlini ? Hay ndawubaleka kaloku. Ndayojonga igate andinokwazi uyivula na. Ibitixiwe. Ndayonkqonkqoza kulendawu ilele uMnikeli no Miranda. Abasabela tu abantu, ndafounela uMnikeli wayibamba, ndamxelela makavule. Wazovula nyani ndangena. Miranda : yintoni Lamza ? Me : khandivulele igate joe Miranda : uyaphi ngo 2? Istixo siku tata Me : andilelanga mfondini pha kukho into ehambayo kula room yenza ugqum gqum gqum Mni : yho, ayisosporho ? Me : nzozazelaphi izinto zakulo Miranda mna ? Miranda : otata bayatixa ke xa belala and if ndinoya ngoku abazovula. Lalapha kuthi nzovuka ngo 5 ndiyosifuna. Me : andisenamdla wolala, nzohlala kule couch lalani Mni : awufuni nengubo kengoku ? Me : ja ungandinika njee ndingagodoli. Wandinika ingubo uMni, ndahlala ecouchin bona balala. Bekulaitiwe ke. Caba ndiye ndabiwa bubuthongo ke apho ndothuka xa ndivuswa ngu Mnikeli. Me : ngubani xesha ? Mni : 05:05 Me : eish okay Mni : awuzovasa ? Masivase soy2 Me : ha.a mjita ndizovasa endlini Mni : okay ke. I went to rinse my mouth ndavasa nobuso. Wavasa uMni wagqiba, uMiranda ebephumile yena. Wangena uMni senxiba. Miranda : Lamza nzokwenza ukutya ngoku, ufuna ntoni? Me : kuba ndizokhwela emotweni xa ndiphuma apha ndigrand ndoyika uvomita Miranda : okay, wena honey? Mni : ndenzele iweet-bix man babes andikafuni utya nzotya emsebenzini Miranda : okay love, masambe Lamza uyabizwa ngu tata. Ndaphakama ndamlandela sayongena endlini, wathi mandiyongena pha kwi main bedroom akhongxaki, ndayongena ke nam. Ibintle iroom yakhe shame, ndabulisa ke ndabuza nempilo. Him : uthi uNosisi khange ulale Me : yho andifuni noyithetha. Kambe ba igate ibivuliwe ngendingekho kwalapha Him : yazi wonke umntu xa elele kula room uva lento uyivayo but mna xa ndilele pha andiyiva. Kukho ubrother wam owaswelekela apha endlini maybe nguye ke lo ufikela abantu Me : why ningmgxothi ? Him : asikeva ngegqirha eli good kwezonto. Me : ndinaye ke omnye uBrother wam uThabo sasithwetyulwe kunye. Angakunceda Him : mayingabiyinto yakudala leyo makaze namhlanje Me : okay. Sancokola njee then ndaphuma. Ngo 6:30 sahamba no Mni ndayombeka kuye espan mna ndaya endlini ndafounela uThabo ndamxelela lento yakulo Miranda. Ndamxelela makakhwele aye eTown mna nzomchola khona siye eBisho. Ndabalisela uInathi into eyenzekileyo, waske wandihleka umntu. Ngo 9 uThabo ebesele ese Town ndaya kuye saya kulo Miranda. Safika kukho latata yedwa. Wayongena kula room uThabo wavala wenza lento ayenzayo isdala waphinda waphuma waza kuthi. Thabo : tata Taka Miranda : nyana ? Thabo : njengoba uzazi ba uthwele, uthwele ngantoni ? Ngegazi lesilwanyana okanye ngegazi lomntu. Wathula utaka Miranda wajonga kude. Kemna ndiyamonyanya umntu othwalayo if awunayo imali awunayo ke qha kuba le yomthwalo, umka kwayo la nyoka kuphela nalo mali. Taka Miranda : inzima lento undibuza yona kwedini Thabo : ndikucebisa into mna ngoku, ambolahla lento uthwele ngayo noba kuse damini okanye elwandle Taka Miranda : ndilahle ubutyebi bam ? Thabo : ambolahla lento ngoku imeko isakuvumelayo. Ubutyebi abuzobaleka, uzomisa ingqondo qha. Ndiyacinga lomntu uporhayo apha wathwala ngaye wena.. Uhlala njani nenyoka endlini? Ngekungcono xa ubuthwele ngegazi lemfuyo ihlale pha ebuhlanti Me : mntakwethu bekumele ndisemsebenzini mna ngoku jonga ngo 11 ngoku. Taka Miranda : mshiye nyana Me : okay Ndabashiya bethetha, uTaka Miranda uzayilahla njani na lenunu yakhe? Hee. Ndayokhomba eBhayi kemna, aphendleleni ndafounela lotata wase Traskei ungavumiyo uOndie abone unyanakhe. Sathetha into evanayo, bendizohlawula ngemali ke R6 000 kuba kukude kulelali yakhe. Wandixelela umntwana use Bhayi kwa Magxaki ndingayombona. Bendingazoyoqala nasendlini, ndayogqitha eTown nge mega-Box ye pampers ne Lactogen, lelona bisi ndilithandayo ke emntaneni mna. Bendingazothenga zipapa ke kuba andimazi utya eziphi. Ndafounela kulomntu uhlala nomntwana wandixelela bahlala ndawni. Ndayofika ke ndamboniswa umntwana. Umntana ohlala namaxelegu. Ukhubone umntwana omncinci abemdaka intamo inuke muncu. Ndavela ndakhubeka kanjani. Bendicinga nje iplan yomthatha. Me : why emdaka kangaka na ? Akanampahla yotshintsha ? Her : zimbalwa izinto zakhe Me : noba akanampahla ke, kunani umvasa ? Umntana uba restless mos kungavaswa and ufuna uvaswa ksasa nasebusuku azolala kakuhle Her : akanazo nee vaskom lomntana apha Me : eish sisono kodwa esi. Ndajonga ixesha bekupha ngo 4. Ndaphuma ndaya emotweni, bendileqa eTown. Ndafika nyani kwa jet, ndathenga ivaskom ne bucket lomntwana. Kuba beku late ndamthengela nento ezimbalwa kwapha ka jet. Ndithanda uAckermans or Edgars kemna emntaneni, ndamthengela ne towel, ebemdaka gqithi lamabhayi ebefakwe kuwo. Andidibani namaxelegu man mna phefumlisa umntana ububi. Ndaphindela kwapha. Ndafika ndacela amanzi omvasa. Bandipha ndamvasa, watsho wadlala shame. Bekukho amantombi ay2 ke apha. Oko bendijongile. Inoba bathi ngutata otheni lo. Ndamvasa ndamosula then ndamthambisa, ndamnxibisa. Me : iphi ibhotile ke ? Girl 1 : yima ndiyoyithatha. Waza nayo, xa ndiyifaka emntaneni akayifuna. Ndayivula yerrr inuka muncu. Me : khanenzele umntana ibhotile efresh please. Bajongana waphakama omnye wayoyenza. Ndafota umntana mna ndathumela uOndie. Wabuya nayo seyipholile. Bendingathembanga noba ebekhe abiliswa lomanzi. Ndamncancisa walala. Bamthatha ke bayomlalisa. Me : nibomsa ke pha endlini, ndihlala eSummerstrand xa nipha kwa kFC nindifounele ndizayomthatha pha Girl 2 : okay bhuti Me : sanumxelegwela man umntana. Niyamseza iyeza lomoya? Girl 2 : akanalo Me : nzayomfunela ibhotile kwa Zakhele ke. Nimvase qho lomntwana, ndimfounele utata wenu ndizohlawula. Kuba esengaka ke ningamtyisi kakhulu bekumele usancanca ibele lodwa, ba niyamtyisa menzeleni ebhotile kubengamanzi amathumbu angasindwa. Nzokhe ndimse nakwa Gqirha xa ndifumene nje ichance. Ningaphindi nimfake lamanapken etowel, afuna abantu abakhutheleyo kaloku ona, not umntana ahlale nalo imini yonke. Utyabukile lomntwana. Bavuma ke, ndabanika iR50 for uthenga iwipes zomntwana bendizilibele mna. Ndagoduka kengoku. My phone rang ndisandofika. UAmvu ebehleli nelingamlakazi lakhe. Bendifounelwa ngu Thabo, I picked up. Me : mhlekazi Thabo : heyy! Yabhoka inunu ayifunumka endlini Me : tshini ! Thabo : mfondini ndiyishiye pha kuba umntu wayo akafuni ndiyidubule ndifuna ukwenza iyeza loyitshisa Me : yhoo OThabo abazoyiki izinto kodwa. Xa inomginya lanyoka angathini ?
Posted on: Thu, 30 Oct 2014 04:05:20 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015