Insert #28 Zahamba intsuku ndisiStudent ,mdlezana, sisi and - TopicsExpress



          

Insert #28 Zahamba intsuku ndisiStudent ,mdlezana, sisi and Mama sele ndiqhelene kwaye ingasandihluphi sithandana kakhulu futhi kunakqala nomntwana ka somdala. Indlala yayikhasa sele sincedwa yimithiwane eGadini namathanga kaloku ubhuti wam wayelimi, sometimes ndikhe amaKruca xa kunge weekend sitye wethu zihambe intsuku. Umntwana lo wayencedakala pha enext door hlobo lotya into engcono la Mama e understenda wethu .Kaloku ndandiqale ngomphathela into yokutya xa ndiyomgcinisa ndaphela sendiyeka since imeko yayimaxongo iKati ilele eziko .Kwakungavakali nto ngo Somdala esibhedlela ,uBhuti wayemane efowna kaloku yena xa kucaba kuphangele le Nesi avana nayo exela ubungcono sele evakala naxa athethayo ba ungcono kakhulu, esithi ulinde ibhotile yakhe edraina ububomvu esifubeni ,ide ikhuphe amanzi aclean (underwater bottle) kaloku wayehlatywe amanxeba ay2 esifubeni 1 esiswini elinye lisemqaleni. Kwaye umthungo wakhe osesiswini waye wabhodloka. Xandimbuza nge Card nepin uthi likuye icardi lakhe so ke yayicacile ba akho sizathu sokuba andinike i pin le ndandiyfuna kuba kaloku icard likuye.Kwaye uthi unethemba ingathi sezo khutshwa ,Nam andinamali yokuyothatha icard kwaye kwakuthe lwale engqondweni yam ba mandiboleke imali yokhwela ndilande icard .Hayi ingqondo yokusokola aykwazi tu ukucinga enye into ngaphandle kweNtsokolo, yhoo safa yindlala ndiyakuxelela. Kwakusekuyiveki yesbini ka March kungeCawe emalanga.Kaloku sometimes ndandikhe ndiye eCaweni xa ndingenamsebenzi umninzi since ndifunda kude kubengoMqgibelo so i washing ndiyenza Sunday.Ndisendleleni ebuya emlanjeni ndithwele iBhafu igcwele zimpahla ndihamba Nosister wam oza emvakwam thwele eyakhe naye iKom silambe apha esiswini phofu besitye amaKruca ngezolo(ngoMgqibelo),ndishiye abantwana ndibaphekele isdudu esimunci ndatyisa lo umncinci umntwana.Ndiyacinga ba sizotya ntoni na ndicinga ukukroba umbona ukufika kwam .Makazi sasikhe saya ukuyocela 2 weeks back, walandula wathi akananto unzinyelwe yena kuqala wasiphokozela iSepha yempahla qha akufani nokuphuma ungaphethanga nto kodwa noba yisepha iyadingeka Xa ndifika ekhaya kukhona uMakazi uyashowtisa uthethela phezulu qha andimva ba uthini .Othule iKom usister wam kaloku zazifumile ezakhe zingasindi othule mna asogqiba ndoneke mna yena ahambe aye endlini nezomileyo impahla. Ndoneke ndigqibe ndiye endlini .Xa ndifika u Makazi ume ngenyawo akathethi ka ndibuze ba mna kuqhubekaniathi yena thina sidlisela ngokufunda asiyi kwakhe xa silambile uva sele kuhanjwa kuthethwa ngathi ba silamba ngathi umama wethu wayengazalwa nabo kutheni lento simhlekisa ngentshaba zakhe.Ndambuza ba ngaphi na ngku sasiyile wasnika isepha bu funa sithi kuba wathi nawe ubelwe awnakutya?Wathi yena bekufanele ba siphinde sabuya. Ndambuza kemna ba yeyiphi ke ngku le angayaziyo ba siyalamba?.Zaqukuqela ezishushu kaloku isizathu sokungathandwa kwethu ngu Makazi yiFoster Granti eyathathwa kuye sele eyirhola yarholwa ngubrother wam, since abantwana babezohlala ekhaya ngku no brother wam, utsalela ba masilambe siyohlala kwakhe akwazi ukuphinda ayfumane since brother wam engekhoryt,wes incinci nale mali yale foster granti.Bakhala bonke abantwana endlini phofu Makazi akathulana i gues babesele bekhaliswa yindlala .Ethubeni ndazama ukuyhethaNdathi Makazi ba awzukusinika kutya kungcono uphume uhambe ngelolizwi lingcangcazelayo Ndandiye ndithi xa ndikhala kubengathi ku rewindeka ikhasethi zibuye zonke ezimbi ezakhe zandehlela so ndandithatha ixesha ukuze ndi thule bt ndandiye ndizicenge fo the sake of my siblings Oh! yini bawo kanti yayintoni le ingaka ndandiyenzile somandla veza icebo ndiyakucela. Ethubeni makazi emkile.Ndathuthuzela abantwana ndathi Masimemeze kwindoda yamadoda, umosuli wenyembezi kumehlo alilayo, umzali wenkedama ,umabizwa asebele, ithemba labangena themba sathandaza sikhala kaloku, uMavalela wandifundisa ukuthandaza nam ndafundisa bantwana basekhaya sagqiba ukuthandandaza silambe sinjalo kaloku ithi ingoma ESONA SIHLOBO NGUYESU .Makazi yena akasosihlobo sethu masixole kwaye icace gca ba angasizondela imali yokufelwa kwethu nguMama wethu ngokungathi yinto emnandi kuthi leyo.kaloku imali ye Foster Granti aysoze ijike ibe nguMama wethu nanini na .Kaloku uMakazi unendoda ephangela egoli ,erhola iGranti yabantwana bakhe. Ndahluza isdudu esishiyekile kwesi sasekuseni ndasfaka iswekile kaloku yayiseninzi iswekile nomeal-meal zishiyeke kokwakutya kwe food parcels.Ndaselisa umntwana nge magi ndanika abanye aba ba basele nge Jug, wagqiba umntwana wagongqoza caba ebefile liphango ndaphinda ndamphokozela waselakancinci kengku caba uhluthi kaloku indlala ligwala.Ii sister zam ezi zixababa ngoba omnye wasela kakhulu zixabana ngesisidudu yhoo indlala shame inamanyala Zihlabana nje ziyalamba. Ndathatha isiRhele ndangena eGadini Ndangqala ngqo kulandawo inoombona abade nabakhulu ndiqonda nje ba ngeke ndingavusi nto,ndamfumana umbona ndawukha wamninzi ndaxhutha iimbotyi ndaxobula umbona ndagqiba . Ndaphuma ndafaka omnye umbona embizeni babe sele bebasile oo sister bam ndabeka imbiza eziko bakhwezela, sancedisana sichuba umbona abanye bachuba imbotyi sagqiba. Ilanga lalingcangcazela lisithi ndithenge kusemalanga kakhulu. Wavuthwa umbona ndamkhuphela esityeni esikhulu ndafaka lo uchutyiweyo saqhubeleka nokubasela sikhwezela .Ndababela uMbona satya kumnandi sekukho nendaba kengku wagwetywa ndlala .uMntwana ulele phofu yena akazikwazi ukutya ikrozo ezi kufuneka afumane ipapa nesuphu yhoo! i wonder i Homework zam ndzozenza nini na.Ndabeka i iron apha emlilweni umbane wasele umncinci kaloku wagqityelwa uthengwa ngoDecember kwaye saphinde saphiwa omnye ngku sasinikwa iiFood parcels ngo December ndaba aynela nda ayna ezam ndagqiba. Bekhwezela bona bengayekanga phofu (cooking oil) kwaye sesithande ukuqhela ukutya.Athi usister wam omncinci ngezinye imini mhla ndaphangela ndawze ndiwathenge amafutha agcwale indlu yhoo! abe eginya ipapa enesoup engenamafutha . Ndaphaka batya kwashiye kukuninzi so akho stress sangomso ba sizotya ntoni na. Ndandibakhumbula abantu basekhaya eLusikisiki kalolu yayilithuba singasathethi noba ndibenzela ucall back sometimes bangaphenduli .Yayinditya kakhulu keleyo into kuba ndandifuna ukwazi ba kuqhubekani ngempilo yentombi yasemavaleleni kodwa ndandingena etime yokufowna khe ndi ndive .Even uMihlali no Iyakha yayilithuba ndingathethi nabo .Olona ke yena eversince ndahamba eLusikisiki andizange ndithethi naye. uNyana ka Mandlangisa half brother wam oweyendithembise ngefowni yhoo sele ingathi liphupha andaz noba kuqhubekani ngabo. I think wathi asova ba andibuyanga waqonda ba uncedakele.Kuwesi ke kwisister zakhe ndazgqibela ngo June ngku sasise Holdeyin andizange ndiphinde ndithethe nabo.Im sure if Mandlangisa besaphila ngendingasokoli kanje kodwa ndaziva sele nditshilo.Kaloku ingcinga zazibetha bethana ndithi xa ndizi xolisa myb babendithanda kuba ndandi phambi kwabo so ngku ndingekho secakwabo kodwa ke mandixole kuba yonke into inesizathu sayo. Sathandaza salala nosisi bam endibathandayo sele behlambe nezitya bahlamba momntwana kaloku sasitshintshana ngokumhlamba no sister wam lo uza emvakwam .Kwakubanzima aloku ekuseni umhlamba since nathi singxamele ukuya eskolweni.Sayasaqonda ba masilale simhlambile sivuke simosule athambise ivaseline aye enexdoor .Salala kwasa ndiye ndivuke yonke imihla ndibeka amanzi kukhiwe awokuhlamba basose bosule umntwana phofu uyavuswa lomntwana kwangoko ayokugqibezela ulala enexdoor kuba sihamba kwangoko. Ndongeze kuba ndilungiselela ukugalela intlama yessidudu, ndakugqiba ukusizamisa ndiyahlamba ndiggibe sibe sibila ndinxibe ugqibakwam ndikhe ndipholisele umntwana ndimtyise babe beziphakela bona ,ndise umntwana e nexdoor ugqiba kwam umtyisa ,ndibuye nditye isdudu sam sesibuphola. siyibethe sisogqiba siphuma sonke kodwa esabu iskolo sikufuphu kunesam. Hayi ndawthi ndifika kowam umntwana ndibe nditrained ndakuxelela. Ndafika eskolweni ndenza i homeworks zam xa ndingazigqibangkwaye ndizigqibe .Zazihamba kakuhle izinto eskolweni ,uthixi endinceda ndipasa ndodlule abantu abanga gcini bantwana. Kaloku ingqondo ndiyiphiwe yencwadi phofu ndingathi eyento yonke ,Kuba akho namnye umntwana owayenganza izinto endandizenza kwi age yam ,aphinde amelane nezinto endidlule kuzo.Lwaqhuba olosuku saphuma iskolosagoduks xa ndingena eGatin ekhaya kutsho ivumba elimnandi Im sure eli ndaligqibela kwaMavalela eLusikisiki .Xandingena endlini Brother wethu ukhona buyile esbhedlela phile Qethe kuba kaloku wayephekile ukutya okunenyama yhoo! saygqibela nini aloku. Ethenge iGrocery yonke, wandithengela ne uniform yonke kaloku ndandiyiphiwe endandifunda ngayo ngumntwana wase next door opase kwesakolo ndascutha apha esinqeni iskirt ndamhle ndapha ingathi asicuthwanga kwakungasemnandi ingathi kuvuke umama wethu .Babe osister bam sele bemlandile umntwana Kwamheza yhooo ! yasinceda lamama kewethu Thixo aze amandisele imihla yokuphila Ndacela imali ye etime kuba ndandifuna kuqonda ngrmpilo kaMavalela .Wandinika ndayfaka R10.00 nda dialler no ka Mama omncinci ayabanjwa ndabangaphinda ndizama amaxesha amaninzi hayi ayibanjwa .Yhoo!yinto endozoythini na le ndazama Mihlali hayi neyakhe itsho epalini ndaqhubeleka ndizama hayi azibanjwa ezifowni ndancama. Noba after a hour ndafuma imessage from Mihlali .Read as followsMolo Imitha andiyibambi ngabom ifowni yakho kwathiwa apha ekhaya singakuthethisi, sonke.Umama notata baya emntwini wesxhosa beyokuqonda ngokugula kuka Makhulu zabalwa ke izinto ezimgulisayo nawo ukhona kuthiwa wena weza nesimnyama apha ekhaya unegazi elinesimnyama kuba oko kwafika wena apha ekhaya kuyafiwa kwaqala uTatomkhulu YanguMamomdala (Mandlangisa), ngoku kugula uMakhulu unestroke ngenxa yakho ,so please ngaphinde usifowneledeleter ino zethu asikudingingi apha ekhaya hlala kokokuhlupheka nakwesosithoko-thoko besimnyama.Yhooo! ndaygqiba i last sentence ndikhala bantu bajonga kum endlini bonke kuba besikade sonwabile ndajulela brothe wam nge fowni ba afunde .Kanti mna ndandenzeni kubawo kutheni zonke izonto ezibuhlungu zisehla kum aphe bomini? yhini Bawo uMavalela ndimthanda kangaka ngku ndyohlukana naye kanjalo nje? Ndanfixibhuqa phantsi ndikhala ndikwaza Brothe wam exakene nento engazi noba afunde ifowni oh ahoye mna kuba kaloku wayengazi ba nditheni.Sister wam wakha amanzi wandinika ndabe ndinegaqa apha emqaleni sana engehli amanzi kwaeona nday posa pha lo magi ndandinomthandazo othiWena Bawo wawuneplans ngobomi bam !hlamba esosimnyama ndingasaziyo ba ndisithatha phi NdandiZibhuqa phantsi ndikwaze kakhulu ndisocinga ngento yesimnyama endinaso kuba yayinditya kakhulu ba kanti njengokuba ndisokola kangaka ndenziwa sisimnyama.Kwavuka ingoma engqondweni yam ethiKUYO LENTSUNGUZI NAMATHAFA AMNYAMA MANDITHWALWE NGUWE NKOSI
Posted on: Thu, 23 Oct 2014 19:47:12 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015