Insert 33!!! Ndathi ndakuthatha isigqibo soba ndizokwamnkela - TopicsExpress



          

Insert 33!!! Ndathi ndakuthatha isigqibo soba ndizokwamnkela lemeko ndikuyo ndahamba i counseling for 3weeks kuba ndandizoqala i treatment, kwatha mandize nomntu ozondi signela endimthembileyo ndathatha ubhuty wam wayondimela . Wayengenangxaki tu wavakala esithi mtakamama likhulu inyathelo olithathileyo lonto undenza ndomelele nam nakweyiphi na imeko ndakusoloko ndinawe. Ndaya kwelicala labahlukuhli xa usaqalayo yabe ilixhegwazana le nurse!! Ndafika ndabulisa!! Her!! Molo cc Me!! molo mama! Wandibuza impilo wandixelela ukuba kufuneka nditestwe zonke izifo ukuze umntwana akhuseleke. Uthe xa endibuza nge status sam ndaqhwanyaza zawa nyembezi waphakama lomama wathulisa wonke umntu osendlini wahlabela iculo watsho lomama zehla inyembezi kum yayingunjengebhadi iculo awayelihlabele wathi xa esithi kuba namhla ndinjenjenje hayi wangathi uyandithuma wathandaza lomama abakhala abantu egumbini. Wathi lomama ndikhathazwa yinto niyambona lomntwana ekhombisa ngam una 26 years uyaqala ubanomntwana kodwa uthe esaqala umitha wanesisifo ndiyazi akayedwanga ndisenza umzekelo ngaye nje ndiyazi akayedwa ndifuna zenazi bantwana bam uThixo akanilibelanga unijongile kwaye zeningamsoli nganto. Wabuya wandihugger wathi cc uThixo uyakuthanda ngoba uzaze ungakhange ugule qina ntombendala ukhulise olusana ndifuna ubeleka kwakho uze kum ndizokuthengela izinto zosana. Ndaziva ndiqine nyani ngoku ndathi akho nanye isikhali esilolelwe mna esinophumelela ndizomnqoba loSathana kwaye ndakubulawa yenye into. Ndahlukuhla gempumelelo ndagoduka. Ndathi ndisesepheleni ndafunwa ngulodriver weliphela ndamxelela ukuba ndimithi yathi lanto ndikuthanda nelosana lakho ndiyazi indoda xa umithisile iyabaleka. Mna ndifuna ukuhoya olosana lwakho ungaze udinge mali yakwagqirha. Ndasuke ndamhleka ndamxelela ukuba andinoyenza lonto and ayindibalekanga nendoda kwaye noba indibalekile anduzudinganto ndinayo ifamily. Yabhala iphone no yayo lendoda yandinika yathi mhla undidingayo undazise. Ndaye ndehla epheleni ndaya endlini . Umnqa kengoku uTandile ebengasabhali nakweleswekile iphepha ndazixelela ukuba ndizomvula mhlawmbi walisa ngam okanye akasandifuni ngoku ndathi akunani xa ekhethe undibaleka yeyakhe leyo. Uye weza ke ndina 6months kengoku oko ndandimgqibele inoba inyanga zazisembini. Wafika nje ndamjonga nje wathetha into endingayivayo waphinda wemnka. Andabinangxaki naye wandishiya . Emva koko kwecwaka tu wandishiya umfana enyanyeni. Kuye kwaswelekwa ekhayeni kanyanzeleka sigodukike ngoba ibingutamkhulu wethu ndaye ndamphounela weza wandipha imali yothenga impahla neyogoduka waphinda wanyamalala. Ndaye ndagoduka ndayongcwaba ekhaya ukhumbule bendizoqala udibana nabazali bam ndafika ndabizelwa bucala ngabazali bam. Ndothuka utatam xa ekhala esithi mntanam bendiba ndizodibana nawe uzintambo kaloku xa unesisigulo silindele umntu uba singamncwaba naninina ndiyavuya ntombam xa womelele kangaka qina ntombam noba bathini nangawe apha phandlapha wazi ukuba siyakuthanda. Ndavuya nyani ke ukuva amazwi anje ebazalini bam ndaziva ndomelele nyani. Sangcwaba ngesidima saphinda sabuya sikhuselekike. Ndathi xa ndisandubuya dabe bendizoyokuhlukuhla ngolwesine ndathi makhe ndiphunele uTandile ayabanjwa iphone ndamyeka. Akabuyela kum kwaphela. Ndathi xa ndisiya eclinic gqi lomfana welaphela inene ebesemva kwam lomfana ndakhwela wayondibeka esathetha lento inye andamhoya lomfana. Ndithe kwinyanga yam ye 8 ndasendela uTandile isms kuba ndifuna imali yothenga impahla zomntwana. Yangenza isms ethi kanty nguwe lo uchitha umzi wam awunantloni ntombazana ndini ude umithele umyeni wam dokhe ndimbone lomntwana uba uyophelelaphi. Ndothuka ndaziva nje ukuba andikholelwa kelena ndiyivayo okanye ndisendele umntu owrongo le sms xa ndijonga hayi man guTandile lo bendimbhalela le sms leyoba ndichitha mtshato ndibhidekile . Ndaziva nje ukuba ndiwrongo ndalunywa ispeed ndaphinda ndaryt. Ndahlala ndacinga ndathi ayinoba yinyani lena. Kwathi pha ngo 6 wangena egibiseleka uTandile. him!! kanya ndixolele ngongachazi inyani nditshatile!! Me!! Ohk!! ndicela uphume ke xa unohlala uhlale uzondifaka ingculaza wakugqiba undimithise kanty uyazazi uba utshatile. hamba ndoda kodwa uze wazi ezam inyembezi ngekhe ziwele phantsi!!
Posted on: Sun, 28 Sep 2014 12:25:00 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015