Insert 36 Bendingonwabe noGcogco wam, ibingase usuku - TopicsExpress



          

Insert 36 Bendingonwabe noGcogco wam, ibingase usuku lungapheli. Siye sayobukela ne movies njenge sqhelo ugqiba kwethu sahamba sagoduka, he wanted me to sleep @his place. Bendinayo indawana eyoyikayo kancinci ibibangathi kungenzeka into endingafuni yenzeke. Siye saqala eTableview kwa G, safika wathi mandizenze comfortable..ndakhulula izihlangu wazithatha wayozibeka eroomin wandiphathela isleepers. Ubuhomba obupha itjoh, sometimes bundenza ndibe uncomfortable kuba ndoze ndibeke into endaweni kuba ndizophinda ndiythathe yena aythathe right after ndigqiboybeka njengezizhlangu zam. Andikhalazi ke kodwa coz akhomntu ufuna ixelegu. After endinxibise isleepers uye wathi uyabuya usayohlamba ndavuma! Ndakhabe ndibukela ugossip girl kwi dvd ngabungqengqa. Ndisazpholele kamnandi kwangena msg from uVuvu Message...i wont let u get away with this Senzi, u cant take my hapiness away ujike wena wonwabe.....andabi navalo maan after reading it, bendiyaz apho izopotyakala khona yonke lento. UVuvu uzoxelela uG and amfunele kuye after yonke lento. Ingqondo ibibethana ndingayaz noba ndizoyiqala ngaph kuG kuba izobangath yinto eyenzeke izolo le yophuzana kwam noLux kuye, iworse xana ezoyiva ngomnye umntu...heee khona zange ndimxelele na uG lento nyhan? Bendi lost maan iske yangathi ndandimxelele. Bendinga concentrate(anga) tuu etivini bendibukele nje abantu ndingeva nix... Wathi gqi uGcoban enuka fresh kamnandi ndatsho ndabawela uhlamba nam. Uye wahlala ecamkwam we kissed gqiba ndaphakama mna ndayohlamba. Ndiyifake kwi charger ifone yam kuba iflat before ndiyohlamba ndayongena ebhafini and soaked myself. Ebeshushu kamnandi amanzi ngase ndingaphumi inoba ndihleli an hour ndaphuma ndaya eroomin kaG ndathambisa and wore his gown. Ndithe xa ndingena elounge ndambona ezula zula uG ephethe ifown yam. Andazangaba ubone ntoni kodwa bendiyaz ba im a dead man walking. Uye wama wandijonga Gcobani...Senzi zifunani ezi pictures kule fone? Me...(ndithatha ifone for ujonga ezipics athetha ngazo), kudala zilapha nje Gcobani ezi pics khange ndiqonde mna mos ba funeka zingabikho. Gcobani... I told u andifuni nto yakho edibanisa noLuxolo why usene pics zenu nonwabile? Me...(Ndingexakwe yimpendulo), ndizozi dilita Gcoban ngoku. Gcoban...(exutha ifone yam), yinton enye elapha kule fone yakho Senzi hm? Thetha inyani Senzi uyathandana noLuxolo? Ndifuna inyan ngoku ndidikiwe kuba sisbhanxa thetha. Me...(sendichiphiza inyembezi), Hay andithandani naye..iworse after uthe mandohlukane naye asisancokoli naku whatsapp, we only talk xa kukho into ebalulekileyo. Gcoban...sukhala kalok izoba ngath ndikuphethe kakbi mos mna ngoku. Yiza sondela!..... Hay bendizisola ngok i ddnt know ba relationship zi complicated kanje mna besendithatha isigqibo sophuma mna kulento kuba funeka yonke into endiyenzayo ngok idlule ku Gcoban. Ndiyile kuye wandihaga bt bendi cold. Xa sisohlukana kwi hug ndasuke ndadikwa, i went to his room ndayothatha impahla yam ndanxiba ndilungiselela ugoduka. Uye wangena...Gcobani...uyaphi ebsuku? Me...ndiya eflatin! Gcoban...uhambelani ubungazulala? Me....ndidikiwe mna caba qho xa ndilapha kwakho siyaxabana and sixabanela nto engekhoyo, ubufna nton efonini yam sewubona ipics zo Lux nje? Theni lento wena funeka ulandele emveni kwenyawo zam apho ndihamba khona kodwa mna andiynzi lonto nje Gcobani. U knw what? Bendicinga kumnandi uthandana kanti ndiyaziqhatha. Iv lost weight kuba soloko ndicingana nawe and ndinexhala loba ndingakuluzi, kanti ngo bendingathandani bendonwabile, im tired maan (bendinesingqukru). Gcoban... Kengok ithini isummary yalento uythethayo Senzi? Are u breakingup with me? Ufuna uLux ngoku? Me...(Xhwips ibag yam ndadzulela emnyango)...ndanele Gcobani! ...wabaleka uya emnyango uGcobani ngathi lilitye eligqaywayo, watshixa wabamba istshixo. Gcobani...(with calm voice), babey i dont wanna lose u please dont go! Me...vula Gcobani funa uhamba mna. Gcobani....cela uze sihlale phantsi sithethe ndizakugodusa please. Me Akhonto ndifuna uythetha mna, i want to go now. Sisaxoxa njalo nge stixo ndava ifone yam ivibrator ebegin. Ndaqond ndoyika kengok uyibamba le fone phof andaz noba nguban. Gcoban...iyakhala ifone yakho noba ngu Lux, (gqiba waguquka wajonga kwi opposite direction) .....ndayikhupha fone ebegini with anger, ibingu private number! Me...Senzeni Rali hello! Caller...hi, please hold on a sec... Hello, ndicela uSenzi. Me... Ndim lo ungubani? Caller... Awusayazi ne voice yam na heeee ndalahlwa kodwa mna. Me...khathethe ungubani. Caller...ibuhlungu into yongaziwa ngumntu umthanda, mamela ke sthandwa sam, Mhlambe uye wadibana nomntu wathandana naye ngok wonwabile kodwa uhlale wazi one thing, uSakhi uyakuthanda and akekho omnye umntu anoze amthande ukogqitha wena. Please uziphathe kakhle Senzi wam. Goodnite.....Wabeka ifone, inyembezi zagcwala emehlweni ngesiquphe ndavela nda week ijoints, yawa ifone phantsi yathi saaa. UGcobani wothuka waza kum Gcoban..yinton babey? Senzi!
Posted on: Tue, 30 Sep 2014 03:30:21 +0000

Trending Topics



ody" style="min-height:30px;">
Black Friday 2013 Deal Hp Compaq Dc5750 Desktop Computer - AMD

Recently Viewed Topics




© 2015