Insert 38 #Qhawe Thembakazi! Thembakazi! Ndandiyazi - TopicsExpress



          

Insert 38 #Qhawe Thembakazi! Thembakazi! Ndandiyazi yayintoni e wrong ngam, ndandi ngayazi into eyayindicingisa ngo Thembakazi, well yena ebemhle I mean yonke into yakhe ibi perfect njengoba besendi tshilo ekuqaleni ukuba usisi phala phala nawuphi na umjita ebenga thatheka nguye kodwa mna beku ngamelanga ukuba ndibe ngulo”mjita” ngoba bendikwi process yotshintsha, yoku jongana nomntwana wam plus ndandiyi senior ku Thembakazi so beku mele ndigcine isidima sam ndibe “professional”, kuzo mela aphume entlokweni yam soon. Ndizi bone sendi fikile kwam ndangenisa imoto e garage ndayo ngena endlini, beku thulekile inoba u Mivuyo ebeselele ndithe xandifika e livingroom kwabe kuvela u Cynthia ephuma kula room ebelala kuyo, Me: “molo ma” Her: “ewe, bhuti seyi lele intombi yakho” Me: “oh, ulele early namhlanje u right kodwa?” Her: “ewe u right, besiye nase spar, yhuu akandi xaka wakhalela enye intombi ekuthiwa ngu Sino esidibene nayo pha, yathi ke niyazana” iyo Me: “oh okay” Her: “ukutya kwakho kukwi microwave” Me: “enkosi ma” ndahamba ndaya e roomini ndabeka I phone nezi tshixo ecaleni kwe bhedi ndakhulula ndayohlamba ndagqiba ndanxiba umzantsi we pj ne slippers ndithe xa ndi phuma, ndizoya e kitchen I phone yam yakhala ndajika ndayoyi thatha ibiyi message evela ku Thembakazi ndayi vula, ibisithi “Goodnight Mr Matwa” heee lomntana ufuna ukundi linga ne, ndase andazazi nokuba ndiyi phendule na noma cha, hayi suka mandingam qheliseli ndavele ndayi delete ndabeka I phone ndahamba ndaya e kitchen ndafudumeza ukutya ndatya ndagqiba ndabeka Isitya e sinkini ndacima ii lights ndbuyela e roomini yam ndathatha I phone ndangqengqa nda page I phone, bendi dinga into yokwenza. Ndiye ndaziva ndisozela kamnandi, kodwa engqondweni yam kwaye kwafika into ethi ndithandaze,mna no mthandazo? Ndakhe ndazi hleka kancinci ndabeka I phone ecaleni, ndaguqa ecaleni kwebhedi, ndakhe ndakhokha umoya kuqala ndandi ngazazi nokuba ndizo qala ngaphi. Ndiye ndathandaza mhlawumbi for 45 seconds or so kodwa ubumfutshane, ndabuyela ebhedini ndaseta I alarm ndalala. Ngemini elandelayo ndavuswa yi alarm ndenza njengesi qhelo, ndafaka izinto zam ze gym kwi sports bag bendizakuya nge lunch, bendi funa uku khupha I stress ndi avoid(e ) no Thembakazi, ndathatha I bag ne phone nezitshixo ndahamba ndayo zenzela I cereal ndatya ndagqiba ndahamba ndaya emsebenzini. Yonke into iye yahamba kakuhle emsebenzini besi nga ncokoli kangako no Thembakazi, ebe mana endi jonga ndazi xelela ukuba andizukumbuza ukuba undi jonga ntoni. Nge lunch ndaya e gymin, u Thembakazi bendimshiyile e base, ebe phethe I lunch ephathele mna naye kodwa andayi thatha, bendiku lumkele nokutyiswa wena, ezi way azi thembakali. Ndithe ndibuya e gymini sabe sesi fumana I call, ndaphuma emotweni ndayo biza u Thembakazi ebehleli nezinye I collegues, Me: “Matoti sine call”waphakama sakhawuleza sayo ngena kwi response car Thembakazi: “yeyantoni?” Me: “76 year old female collapsed” Her: “oh” Me: “fasten your seatbelt lady” she did, I fasted mine, nda starter Imoto, sahamba I siren and emergency lights zi on, Her: “beku njani e gymini?” Me: “beku right, yazi I hate usiwa kwi call ndinga nike zwanga I information epheleleyo ngayo, what if seyi p4(dead) lomntu siya kuye” Her: “yeah ne, kodwa ke umsebenzi ngumsebenzi” Me: “mm” okay besi hamba nge speed esi phezulu ne, imoto bezisi sukela endleleni, safika kwi robot belisi valele thina sa check(a) uba ku “clear” na, zonke imoto bezimile, so beku safe for thina ukuba sidlule, andiyazi ukuba kwathini, kodwa ndava u “GQUUU” zacima kum izibane. #Yonela Bendise classini kuyi last period ngabo past 4pm, I phone yam ibi vibrate non-stop ndancama ndaphuma ndayikhuph, ibiyi number endingayaziyo ndayi phendula, Me: “hello” Caller: “hey, Yo uthetha no Vuyo”ebevakala e down engenguye la Vuyo une voice eqavileyo, ndase ndano valo Me: “Uhm..oh okay?” Him: “ja, eish I know you are no longer together no Qhawe kodwa ndicinga ukuba umele uyazi, u Qhawe ufumene I accident namhlanje” yhooo ndavele ndabandelwa sisisu, andazazi nokuba ndithini, bendinayo nentliziyo ebuhlungu Me: “uhm ..unjani yena? Kwenzeke ntoni?” Him: “andiyazi sani, ngokoku bona kwam ingathi kubi, ngoba seyi phelile I 2 hours ndilapha esi bhedlele kumana kusiza I nurse isithi ogqirha base busy nguye” iinyembezi zaqala zagcwala emehlweni wam, bendibu hlungu ngu Qhawe ngu tata womntanam kaloku noba bendimzonda Me: “jonga ndizozama ukuba ndibuye namhlanje, ukwesiphi isi bhedlele?” he told me, and hung up. Ndabaleka ndayo ngena e classini ndathatha I bag yam ndaphuma ndasi khupha sonke I speed ebendinaso ukuya e flatini ndafika ndidinwe, ndajula iincwadi phezu kwe bhedi ndakhulula ndayo ngena kwi shower ndahlamba ngamanzi abandayo, ngoku ndihlambayo bendi khala, apha entloko beku gcwele izinto ezi negative zodwa, bendicinga xa u Qhawe ano sweleka umntana wam angasheka angena tata emncinci ka ngaka, futhi no Qhawe ebemncinci for u sweleka. Ndiye ndaziva sendi thandaza wi shower ndicela u Thixo ukuba amsindise u Qhawe. Ndiye ndaphuma kwi shower, ndazosula ndathambisa ndagqiba ndanxiba. Ndiye ndazama u fowunela u Vuyisani kodwa ibikwi voicemail, phofu oko ehambile nalo msebenzi wakhe I phone yakhe oko ikwi voicemail ndamshiyela I message ndagqiba ndapakisha ibag yam ndaqinisekisa ukuba ndithatha iimpahla ezi enough ngoba bendinga zazi ukuba ndizoku hlala ixesha eli ngakanani ekhaya. Ndahamba ndayo qabela I taxi, ibingathi iya cotha nala taxi, ndayo kwehla esibhedlele ndafowunela u Vuyo, wathi usasesi bhedlele mandime ngasemnyango uzoza kum, nam ndama wakhawuleza wafika ebengekho right tu, we shared a hug… Vuyo: “thanks for coming, unjani?” Me: “andizazi, unjani u Qhawe?” Him: “bendisa lindile nam, zisa lo bag ndiyoyi faka emotweni then singene phakathi” Me: “sure” ndamnika I bag wayoyi faka emotweni yakhe, sayongena sahlala e waitingroom, Vuyo: “andiyazi yintoni le ingaka iba libazisayo aba gqirha” Me: “masi nyamezele torho” Him: “ja ne, kodwa mna ndi diniwe kukulinda,kunjani eskolweni?” Me: “Ku right nje, kwenzeke ntoni ngo Qhawe?” Him: “ingathi bebe respond(a), bafumene I accident kwi robot,la moto iba tshayisileyo ivele kwicala lika Qhawe , la cherrie ebe vaya nayo yona ayi limelanga ka khulu” Me: “Cherrie?” Him: “yeah…collegue” Me: “oh, sowu baxelele abazali baka Qhawe?” Him: “yeah, and abayi thathanga kakuhle, I guess kuzakusa belapha umntu endingam fumenanga ngu Lathitha” I rolled my eyes, ebendi dika la Lathitha hle, Me: “oh okay” siye sahlala umzuzwana kwavela u Doctor weza kuthi saphakama, intliziyo yam ibi betha fast, bendinga kwazi noku funda ubuso bala doctor wase waxwetyelwa nangu mlomo, Doctor: “uhm” he sighed and shook his head, aphela tu kum amathemba amadolo am asuka a weak “we managed to stabilize him, ninga ngena niyo kumbona, ndicela ndingamngxoleli” Vuyo: “ibiyi ntoni ingxaki? Kutheni lento nithathe ixesha?” Doc: “siyaxolisa sir, u bhuti wakho wophe kakhulu ngenxa ye injuries zakhe, une femoral shaft fracture and usikwe nayi glass kwi jagular vein,le vein inkulu ilapha entanyeni lonto yamenza ukuba aye kwi shock, umzimba wakhe u paralysed kodwa yona ingqondo I active akukho nto I wrong ngayo uzakuniva xa ndithetha naye” Me: “thank you doctor” Doc: “ndini nika I 5 minutes naye” savuma sayongena, I sound ye monitor ibisitsho slowly ebe fakwe I nasal cannula so bekungekho buxhaka-xhaka obuninzi, ene bandage entloko ene plaster entanyeni nomlenze ufakwe into engathi yi traction splint,bendi mele kude bendisoyika usondela, iinyembezi ndizi bambe ngee nkophe, u Vuyo wasondela wambamba isandla wasi beka phakathi wezakhe Vuyo: “yho Bafo, undothusile sonny akukho lula kum ukuku bona ulele apha, ndicela ulandele igama lakho mfethu, ube li Qhawe, uvuke kule shit ye bhedi. Ndizokuthi uphi mna ku mtshana xa eku buza?” he sighed, wabeka isandla sika Qhawe apho besi khona kakuhle wamjonga kalusizi “no homo dude, but I heart you, ube grand” wajika waphuma, wandishiya ndime apho. #Unathi
Posted on: Wed, 07 Jan 2015 12:04:25 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015