#Insert 458 **Yimini ephambi eshushu kuzole nasebukhweni - TopicsExpress



          

#Insert 458 **Yimini ephambi eshushu kuzole nasebukhweni bezinja,uZolani uthe chuu edolophini ephethe umntwana,emana ukuthetha ubungagqiba uthi uthetha nomntu omdala kanti uthetha nolusana,nalo luzolile ngokungathi luyayiva into ethethwa nguZolani,uva ngomntu embetha egxalabeni ajike ajonge ngemva,othuke xa ebona uZinzi** Zinzi:Kunini ndikukhwaza ndiyakuva ukuba uyathetha. Zolani:Ndithetha nalomntwana wethu ungeva na lento ndiyithethayo,tyhini bendingatsho ukuba ndingaze ndikubone apha edolophini. Zinzi:Kanti ke andinqabanga apha,unomntwana omncinci na? Zolani:Hey lomntwana washiywa ngunkosikazi wam,esweleka nje wayegqiba kubeleka lomntwana ndamthatha ndayokumhlalisa kwezindawo zigcina abantwana kuba ke ndingazokwazi ukuhlala naye ndindodwa ngoku ndimana ukuyomthatha khendichithe ixesha kunye naye azondiqhela. Zinzi:Kutheni ungamsi kokwenu,okanye umama wakho akasaphili? Zolani:Umama usaphila kodwa akangekhe amkeleke lomntwana ekhaya? Zinzi:Njani umntwana wakho angamkeleki kokwenu? Zolani:Ibalili lide sisi,kodwa ke endinokuxelela kona kukuba nangona engowenkosikazi yam nje kodwa ansingowam,into ethi andingotata wakhe ngokuzalwa. Zinzi:Yhoo ingathi ndiyasikhumbula kengoku esistory,eish bhuti ndiyakuvela kodwa ndikwakuqhwabela izandla banqabile abantu ebebenoyenza lento uyenzayo. Zolani:Enkosi wethu sisi,ndithemba uThixo ukuba uyakundinceda ngaye,kaloku andinaye ongowam.Phofu unjani ngempilo? Zinzi:Ndiyaphila kakhulu,uyaphila wena? Zolani:Kuba ndikwazi ukuhamba ndingatsho ndithi ndiyaphila,kelonto kuthe kanti uyandiva,bendisacinga ukuba ndingadibana nawe,bendikufuna ukuthetha ngawe malunga noNozi. Zinzi:Andazi ke bhuti ukuba ndingathini.wandibalisela uNozi ngokwenzekileyo,indlela ebendiphoxeke ngayo. Zolani:Ndiyazisola ngokuqhawula iRelationship yam noNozi,I feel like ngendikhe ndazama ngakumbi,umoya wam uhluphekile ngoku andazi ukuba ndingathetha njani naye ndicele uxolo. Zinzi:Bhuti andifuni kuxokisa mna ndithethile noNozi ndizama ukumcebisa ndimvula amehlo,kodwa ndohlulekile akhonto ndingayenzanga. Zolani:Ingaba yintoni wena sisi endinoyenza ukumfumana back uNozi andikwazi kuhlala ngaphandle kwakhe,ndiyamthanda kakhulu uNozi,oko ndadibana naye ndatsho ndonwaba,ngoku andonwaba singekho kunye nje,ndiyayazi ukuba mhlawumbi andisiyiyo lendoda ebeyifuna kodwa ndiyamthanda,ndifuna andinike elinye ithuba. Zinzi:Ubukhe wamfounela yena bhuti?wakhe wamxelela ngendlela oziva ngayo,ngento eyenzekileyo? Zolani:Ndithi sele ndifuna ukumfounele ndoyike ndiphele ndiyeka,kuba ndise ndingazazi nokuba ndizakuqala phi na ukuthetha. Zinzi:As long uNozi kusekho laSipho ecaleni kwakhe akakazuba right,andayazi into amfake yona,kwaye umhlohla umoya embi,naye ke uyabumamela obo bubhanxa,mna bendizakucebisa ukuba ukhe umyeke ungafouni,ungathini untill ambone ukuba uSipho uyamlahlekisa.khawutsho ke lamini kwenzeke ntoni esibhedlele? Zolani:Enyanisweni wena sisi,ndandisuka kwalapha endolophini ndatshi makhe ndigqithe phaya kuNozi kuba ndimazi ukuba uphangele,ndithe xa ndigqitha kwelinye igumbi ndakhwazwa ngulo mfo,ndangena ke kwelogumbi,ndimve nje imibuzo yakhe ukuba ikhona into aphezu kwayo,hayike wanditsho endi undermine ngokuba I dont deservr uNozi,mandimyeke,endixelela nangesipho amthengele sona esidurayo,wangena kwesosithuba ke uNozi,ndithe xa ndimbuza ngeso sipho akakwazi ukundiphendula,wavele wakholelwa kwinto ethethwa ngulamfo ukuba mna bendiyomhlasela. Zinzi:Bhuti ndiyaxolisa kakhulu ngento ekwenzekeleyo,ndiyakubona uyamthanda uNozi kodwa ndiyakucela ukhe umnike ispace,akhe acingisise I believe ukuthi uyakuthanda,kodwa uyakuthi uyakuze aziqonde ukuba uyakuthanda ukhe ube kude ungaphazamisi,ukuba uyakuthanda nyani uzakubuya akuba nokuziqonda. Zolani:What if akabuyi?ndizakuhlala njani neso singqala,sokuba walahlwa ndim? Zinzi:If akabuyi iyakuthi lonto akakhange akuathande.but ke xa ufuna ukuthetha naye ungathetha naye. Zolani:Sisi andikwazi,ndiyakucela uthethe naye oko kugqibela mhlawumbi izakubuya ingqondo yakhe. Zinzi:Ndizamile kodwa njengoba usitsho ndizakukhe ndiphinde ndithethe naye,but ndingathanda ubekhona nawe. Zolani:Mamela ke sisi ukuba ungamzama ukuba uze naye apha edolophini ndingazama ukuba ndize nam ngalomini,ndiyamthanda uNozi ndiyonwaba xa ndithetha naye,sisi I have no family,no friends,Nozi is the only person endinaye endikwaziyo nokuthetha yonke into endityayo kuye. Zinzi:Ubungathi umama wakho usaphila kanto? Zolani:Usaphila sisi kunye nomama kodwa ndakhutshwa ekhaya ngutata wandigxotha okomsholongu,sekulithuba ndingasalibeki unyawo ekhaya,ngoku uNozi yinto yonke kum. Zinzi:Yhoo hayi bhuti ibuhlungu ke le undixelela yona,ngoku uphila njani ngaphandle kwefamily yakho? Zolani:Xa unganayo enye indlela sisi uyakwazi,kona kubuhlungu,kunzima kodwa ke uThixo obonayo nguye oyaziyo ukuba isiphelo soba yini na. Zinzi:Uyakwazi ukunyamezela mntwana wabantu,anyway ndizakuzama udibane noNozi ndiyathemba ukuba nakuphinda nibuyelane kungekudala,mna bendingakwazi ncam kodwa ndabona indlela le othetha ngayo,unembeko,umhloniphile umntu ndathi kuba ndimazi uNozi ndaqonda ukuba ufumene indoda eright,andiyazi le yenzekayo bendingayilindelanga. Zolani:ndifuna ukuxolisa kuye noba kufanele ndixolise 100 times I will,ade abe right. Zinzi:Kodwa nguye ekumele axolise kuwe ngokungakuthembi athathe icala lika Sipho angakuva wena ukuba uthini. Zolani:Akusenani sisi ukuba ngubani oright norongo kodwa kumele ndixolise kuye. Zinzi:Yhoo she is so lucky,bhuti mandingakulibazisi indlela yakho ndikuphazamise nisazipholele nosana lwakho. Zolani:Ndiyabulela sisi ngokwazi ukundimamela noncedo lwakho sakubonana. *ibe ngulowo aphume ngeyakhe indlela** Zolani:(ethetha yedwa nangona yena ezixelela ukuba uthetha nosana olu aluphetheyo) sana lam nguwe kuphela umntu ondenza happy,nondimthembileyo ukuba uyandithanda kwaye uyakuhlala endithanda,utata usaxekiwe ukuba makathini kodwa akasoze anikezele uyamthanda usisi Nozi,kwaye ndiyamazi uzoba ngumama oright for wena my Angel,and no one will take you away from me..(Emsondeza esifubeni sakh) **Emva kwezo yure zintlanu,lide lafikelela ixesha lokuba uZolani abuyisele usana apho lugcinwa khona**
Posted on: Wed, 24 Dec 2014 08:32:42 +0000

Trending Topics




© 2015